bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hebrews 5
Hebrews 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
1
Ngokuba umperisite omkulu osukuba ecatshulwa ebantwini emiselwa abantu ezintweni ezilunge kutixo, ukuze anikele neminikelo namadini ngenxa yezono;
2
ongenzayo ngobubele ngakubo abangaziyo nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwake epahlwa bubutataka.
3
Nangenxa yabo obu ufanelwa kukuti, njengokuba esenz ela abantu, kwa njalo azenzele naye ngokwake iminikelo ngenxa yezono.
4
Kanjako akuko mntu ozitabatelayo lembeko, koko ngulowo ubizwayo ngutixo, njengokuba ebebizwa no‐Arone.
5
Kwa njalo naye u‐Kristu akazizukisa ukuba enziwe umperisite omkulu, koko nguye owateta kuye esiti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje.
6
Njengokuba esiti nakwelinye iculo: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki.
7
Owati emihleni yenyama yake, ezinikele nje izikungo nembongozo kulowo ubenamandla ukumsindisa ekufeni, ndawonye nokukala okukulu nenyembezi, eviwe nokuviwa ngoko wakwoyikayo,
8
nangona abengunyana, wafunda ululamelo ngentlungu wazivayo;
9
waza efezekisiwe waba yimbangi yosindiso olungunapakade kubo bonke abamlulamelayo;
10
ebiziwe ngutixo ngokuti ungumperisite omkulu ngesimo sika‐Makizedeki.
11
Esinendawo ezininzi zokuteta ngaye, nezinzima ukuca̔zwa, ekubeni nidangeleyo ngokuva.
12
Ngokuba naxeshekweni ninge nisiti ngenxa yexesha nibe ngabafundisi, nibuya nifanele ukuba umntu anifundise iziqalelo zokuqala zamazwi katixo; ewe ningabo abafanele ubisi, ninge ngabo abafanele ukutya okuqinileyo.
13
Ngokuba lowo usukuba esela ubisi engenabuciko elizwini lobulungisa; ngokuba engumntwana.
14
Kodwa ukutya okuqinileyo kukokwabo abafezekileyo, kwabo abati ngenxa yokuqela banezimvo zabo ziqeliselwe ukuqiqa okulungileyo nokukohlakeleyo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13