bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 10
Nehemiah 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
1
Kekaloku abo bancamatiselayo: ngu‐Nehemiya, inkosi enkulu, unyana ka‐Hakaliya, no‐Zedekiya,
2
u‐Seraya, u‐Hazariya, u‐Jeremiya,
3
u‐Pashure, u‐Amariya, u‐Malekiya,
4
u‐Hatushe, u‐Shebaniya, u‐Maluke,
5
u‐Harime, u‐Meremote, u‐Hobadiya,
6
u‐Danyeli, u‐Ginetoni, u‐Baruke,
7
u‐Meshulame, u‐Abiya, u‐Miyamine,
8
u‐Mahaziya, u‐Biligai, n o‐Shemaya: aba ngabaperisite.
9
Naba‐Levi: ngu‐Yoshuwa, unyana ka‐Azaniya, u‐Binuwi, konyana baka‐Henadade, u‐Kadimele;
10
nabazalwana babo, u‐Shebaniya, u‐Hodiya, u‐Kelita, u‐Pelaya, u‐Hanane,
11
u‐Mika, u‐Rehobi, u‐Hashabiya,
12
u‐Zakure, u‐Sherebiya, u‐Shebaniya,
13
u‐Hodiya, u‐Bani, n o‐Beninu.
14
Abazintloko zabantu: ngu‐Paroshe, u‐Pahati‐mowabi, u‐Helami, u‐Zatu, u‐Bani,
15
u‐Buni, u‐Hazegadi, u‐Bebai,
16
u‐Adonija, u‐Bigivai, u‐Hadine,
17
u‐Atere, u‐Hezekiya, u‐Hazure,
18
u‐Hodiya, u‐Hashume, u‐Betsai,
19
u‐Harife, u‐Hanatote, u‐Nebai,
20
u‐Magipashe, u‐Meshulame, u‐Hezire,
21
u‐Meshezabele, u‐Tsadoki, u‐Yaduwa,
22
u‐Pelatiya, u‐Hanane, u‐Hanaya,
23
u‐Hosheha, u‐Hananiya, u‐Hashube,
24
u‐Haloheshe, u‐Pileha, u‐Shobeke,
25
u‐Rehumi, u‐Hashabena, u‐Mahaseya,
26
no‐Ahiya, u‐Hanane, u‐Anane,
27
u‐Maluke, u‐Harime, n o‐Bahana.
28
Nesisalela sabantu, abaperisite, aba‐Levi, abalindimnyango, abaculi, aba‐Netini, nabo bonke abebezahlule kubo abantu bamazwe ngenxa yomteto katixo, abafazi babo, onyana babo, nentombi zabo, bonke abebenokwazi n okuqonda,
29
babambelela kubo abazalwana babo, imiduna yabo, bangena esiqalekisweni, nasesifungweni, sokuba bahambe ngomteto katixo, obunikwe ngo‐Mosesi isicaka sikatixo, nokuba bayigcine bayenze yonke imiyalelo kayehova, inkosi yetu, nezigwebo zake, nezimiselo zake;
30
nokuba singendisi intombi zetu kubo abantu belizwe, nentombi zabo singazitabateli onyana betu;
31
nokuba abantu belizwe bakuzisa impahla nento zonke zokutya ngomhla wesabata kutengiswe, singatengi kubo ngesabata, nangomhla oyingcwele; nokuba siwuyeke umnyaka wesixe̔nxe, nawo onke amatyala.
32
Kanjako sazimisela imimiso, yokuba kubekwe pezu kwetu esesitatu isiqingata seshekele, ngomnyaka ngomnyaka, ngenxa yenkonzo yayo indlu katixo wetu:
33
ngenxa yezonka zokuṙozwa, nomnikelo wokudla ofuti, nangenxa yedini lokutshiswa elifuti, n elesabata, n elenyanga ezitwasileyo, ngenxa yemitendeleko emisiweyo, nangenxa yezinto ezingcwele, nangenxa yedini lesono lokwenzela o‐Sirayeli uxoliso, na ngenxa yawo wonke umsebenzi wendlu katixo wetu.
34
Saza sawenzela umnikelo wenkuni amaqashiso, abaperisite, n aba‐Levi, nabantu, ukuba kuziswe endlwini katixo wetu, ngendlu zoyise zetu, ngamaxesha amiselweyo, umnyaka ngomnyaka, kuze kutshiswe pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wetu, njengokuba̔liweyo emtetweni:
35
ukuba kanjalo kuziswe ilibo zomhlaba wetu, nelibo zako konke ukuqa̔ma kwemiti yonke, umnyaka ngomnyaka, endlwini kayehova;
36
nokuba amazibulo konyana betu, nakwizilo zetu, njengokuba̔liweyo emtetweni, namazibulo enkomo zetu nawegusha zetu, siwazise endlwini katixo wetu, kubaperisite abakonzayo endlwini katixo wetu;
37
nokuba isiqalo sentlama yetu, neminikelo yetu, nesiqa̔mo semiti yonke, iveyine entsha, neoli, sizizise kubaperisite, ezinkambilini zendlu katixo wetu, nezishumi zomhlaba wetu kuba‐Levi; ngokuba bona aba‐Levi benikwa izishumi, kuzo zonke izixeko zokulima kwetu.
38
Waye umperisite, unyana ka‐Arone, eya kubako naba‐Levi, nxa kunikwa aba‐Levi izishumi; baze aba‐Levi basinyusele isishumi lezishumi ezo endlwini katixo wetu, ezinkambilini zayo indlu yendyebo:
39
ngokuba usapo luka‐Sirayeli, nosapo luka‐Levi, luya kuzisa umnikelo wenqolowa, n eveyine entsha, neoli, ezinkambilini, apo zikoyo impahla zendawo eyingcwele, nabaperisite abakonzayo, nabalindimnyango, nabaculi: nendlu katixo wetu asisayi kuyishiya.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13