bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 9
Nehemiah 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 10 →
1
KEKALOKU ngomhla wamashumi mabini anesine walenyanga, kwahlanganisana usapo luka‐Sirayeli, lunenzilo, nengubo ezintlakantlaka, nomhlaba pezu kwalo.
2
Yaza inzalo ka‐Sirayeli yazahlula kubo bonke abezinye intlanga, yema yaxela izono zayo, nenkohlakalo zoyise bayo.
3
Bapakama endaweni yokuma yabo, balesesha encwadini yomteto kayehova, utixo wabo, esesine isahluko semini; n esinye isahluko sesine, baxela, bambedesha uyehova, utixo wabo.
4
Basuka bema pezu kwendawo epezulu yaba‐Levi, u‐Yoshuwa, no‐Bani, u‐Kadimele, u‐Shebaniya, u‐Buni, u‐Sherebiya, u‐Bani, n o‐Kenani, bakala ngelizwi elikulu kuyehova, utixo wabo.
5
Bandula bati aba‐Levi, u‐Yoshuwa, no‐Kadimele, u‐Bani, u‐Hashabiniya, u‐Sherebiya, u‐Hodiya, u‐Shebaniya, n o‐Petahiya: Pakamani, bongani uyehova, utixo wenu, kwa kunapakade kude kube ngunapakade: malibongwe igama lako elibungcwalisa, elipakanyiselweyo ngapezu konke ukubongwa nokudunyiswa.
6
Wena unguye uyehova wedwa; nguwe owenzileyo izulu, izulu lamazulu, nawo wonke umkosi walo: umhlaba, nako konke okupezu kwawo; ilwandle, nako konke okukuzo: nguwe ezilondolozayo zonke ezo nto: umkosi wezulu uyabedesha wena.
7
Wena unguye uyehova o ngutixo, owamqashayo u‐Abrame, wamkupa e‐Ure yama‐Kaledine, wamtiya igama elingu‐Abrahame;
8
wayifumana intliziyo yake inyanisekile pambi kwako, walwenza naye ucebano, ukuba ulinike ilizwe laba‐Kanane, n ama‐Hete, n aba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Yebusi, nama‐Giregashe, ukuba ulinike kuyo inzalo yake: waza waqinisa amazwi ako: ngokuba ulungile wena:
9
kanjalo wabona ukubandezelwa kwobawo betu e‐Jipete, nokukala kwabo wakuva ngaselwandle olubomvu;
10
wakupa imiqondiso nemimangaliso pezu kwake u‐Faro, napezu kwazo zonke izicaka zake, napezu kwabo bonke abantu belizwe lake: ngokuba ubusazi ukuba benza nger̔atshi ngakubo: waza wazenzela igama, njengokuba kunjalo kwa namhla:
11
nolwandle wabulucanda pambi kwabo, bada badlula pakati kwolwandle pezu kw omhlaba owomileyo; nabatshutshisi babo wabubaposela ezinzulwini, njengelitye emanzini anamandla:
12
wabubakapa emini ngentsika yelifu; nasebusuku ngentsika yomlilo, baze bakanyiselwe endleleni abaya kuhamba ngayo.
13
Kanjako wabusihla pezu kwentaba ye‐Sinai, wateta nabo usezulwini, wabanika izigwebo ezifaneleyo, nemiteto eyinene, imimiselo nemiyalelo elungileyo:
14
nesabata yako engcwele wayazisa kubo; nemiyalelo, nemimiselo, nomteto, wayixela kubo ngo‐Mosesi isicaka sako:
15
nesonka sivela ezulwini wabusinika kubo ngenxa yokulamba kwabo, wabapumisela amanzi eweni ngenxa yokunxanwa kwabo, wabaxelela ukuba bangene ukufuya ilizwe obupakamisile isandla sako sokuba ulinike kubo.
16
Kodwa bona nobawo betu benza nger̔atshi, bazenza lukuni intamo zabo, abapulapula imiyalelo yako,
17
bala ukuva, abakumbulela imimangaliso yako obuyenzile pakati kwabo; bazenza lukuni intamo zabo, bati ngenkani yabo badala intloko, ukuba babuyele ebukobokeni babo: kodwa wena ungutixo wezixolelo, onofefe, onetaṙu, oqumba kade, onobubele obukulu; ngako ubungabashiyanga.
18
Ewe, naxeshekweni bebezenzele itole elityityishiweyo, bati: Eli lingutixo wako owakunyusayo e‐Jipete; baza benza izigxeko ezikulu;
19
wati wena noko, ngezibele zako ezininzi, akwabashiya entlango: intsika yelifu ibingemki kubo emini, ize ibakokele endleleni; kwa nentsika yomlilo ebusuku, ize ibakanyisele, nendlela abaya kuhamba ngayo.
20
Kanjalo wanika umoya wako olungileyo ukubafundisa; akwabamba imana yako emlonyeni wabo, wabapa amanzi ngenxa yokunxanwa kwabo;
21
wabanqaka entlango iminyaka yamashumi mane, abaswela luto; izivato zabo bezingenakuguga, nenyawo zabo azadumba.
22
Kanjako wabubanika ubukumkani nentlanga, wabahlulahlula kwindawo ngendawo: bada bafuya ilizwe lika‐Sihone, kwa ilizwe lokumkani we‐Heshebone, nelizwe lika‐Hogi ukumkani we‐Bashane.
23
Nabantwana babo wabubandisa njengenkwenkwezi zezulu, wabangenisa kwelolizwe ubuxelele oyise babo ukuba bongena ukulifuya.
24
Kwa njalo abantwana abo bangena balifuya ilizwe, wati wena wabatobisa pambi kwabo abemi belizwe, aba‐Kanane, wabanikela ezandleni zabo, nokumkani babo, nabantu belizwe, ukuze benze kubo njengokutanda kwabo.
25
Baza babamba izixeko ezinqatyisiweyo, nomhlaba otyebileyo, bafuya izindlu zizele zindyebo zonke, amacibi embelweyo, izitiya zemiti yeveyine, nezeminquma, nemiti yokutya, ngobuninzi: badla ke, bahluta, batyeba, baziyolisa ekulungeni kwako obukulu.
26
Kodwa benza ngenkani, bavukela ngakuwe, baposa umteto wako emva kwomhlana wabo, babulala abaprofite bako, abo banqi̔nayo ngakubo, ukuba bababuyisele kuwe, bazenza izigxeko ezikulu.
27
Ngako wabubanikela esandleni sentshaba zabo, ezababandezelayo; kodwa ngexesha lokubandezelwa kwabo, bakukala kuwe, wabusiva ezulwini, wabanika abasindisi, ngezibele zako ezininzi, ababasindisayo esandleni sentshaba zabo.
28
Kanti xeshekweni babenokupumla, babuya bakwenza okukohlakeleyo pambi kwako: ngako wena wabashiya esandleni sentshaba zabo, ukuba zaba nobukosi pezu kwabo; kodwa bakubuya bakala kuwe, wabusiva ezulwini, wabahlangula, ngazo izibele zako, amaxesha amaninzi;
29
wanqi̔nayo ngakubo, ukuba ubabuyisele emtetweni wako: benza nger̔atshi noko, abapulapula imiyalelo yako, koko bonayo ngakuzo izigwebo zako, (aya kuti umntu, ukuba uyazenza, apile ngazo,) bapepisa igxalaba, bayenza lukuni intamo yabo, abapulapula ke.
30
Kodwa wabubeka kade pezu kwabo iminyaka yamininzi, wanqi̔na ngakubo ngomoya wako ngabo abaprofite bako: ababekela ndlebe noko: ngako wabanikela esandleni sabantu bamazwe.
31
Kodwa, ngezibele zako ezininzi, akwenza ukugqityelwa kwabo, akwabashiya kanjako; ngokuba wena u ngutixo onofefe onetaṙu.
32
Ngako kaloku, Tixo wetu! utixo omkulu, onamandla, owoyikekayo, ogcinayo ucebano nobubele, mayingabi yinto encinane ebusweni bako yonke inkatazo esihlileyo tina, okumkani betu, inkosi zetu, nabaperisite betu, nabaprofite betu, nobawo betu, nabo bonke abantu bako, kuselokwexesha lokumkani be‐Asiriya kwada kwanamhla nje.
33
Kodwa ulungile wena ngako konke esifikelwe kuko; ngokuba ubusenza ngenyaniso, kodwa tina senzile ngokukohlakeleyo:
34
ababambanga umteto wako okumkani beta, n enkosi zetu, n abaperisite betu, nobawo betu; abapulapulanga imiyalelo yako, nezinqi̔nelo zako, owabunqi̔na ngakubo ngazo.
35
Ngokuba bengakonzanga wena ebukumkanini babo nasekulungeni kwako okukulu owakunika kubo, naselizweni elibanzi elityebileyo owalinikayo pambi kwabo; kanjako abaguquka kuzo izenzo zabo ezikohlakeleyo.
36
Bona ke, namhla singabakonzi, nelizwe owabulinika kobawo betu ukuba batye ukuxakata kwalo nokuba mnandi kwalo, nanku singabakonzi kulo:
37
nokuvelisa kwalo liyakwandisela okumkani obabekileyo pezu kwetu ngenxa yezono zetu: kanjalo banobukosi pezu kwemizimba yetu, napezu kwenkomo zetu, njengokutanda kwabo; sisebunzimeni obukulu tina.
38
Nangenxa kwako konke oku siyalwenza ucebano, siluba̔le; ziti inkosi zetu, n aba‐Levi betu, n abaperisite betu, baluncamatisele.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13