bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 4
Nehemiah 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
1
KWAYE kute, kwakuviwa ngu‐Sanebalati ukuba siyaka udonga, kwavuta umsindo wake, waqumba kakulu; waza wahlekisa ngama‐Juda,
2
wateta ebusweni babazalwana bake nempi yase‐Samariya, wati: Yinto nina ayenzayo lama‐Juda abutataka? onqabisa ngokwawo na? owenza amadini na? ogqiba emhleni mnye na? opilisa amatye ezimfumbeni zenkunkuma na, noko zitshisiweyo?
3
Kekaloku u‐Tobiya um‐Hamoni ebengakuye, wati: Kwa oko akwakayo, ukuba kwonyuka impungutye, yosel’ icita udonga lwamatye lwawo.
4
Yiva, Tixo wetu! ngokuba sidelwayo; uze ubuyise ukugxeka kwabo pezu kweyabo intloko, ubanikele ekupangweni elizweni lokutinjwa:
5
ungaseleli ityala labo; nesono sabo masingacinywa pambi kwako: ngokuba be ku qumbisile, bemela abaki.
6
Saza salwaka udonga; kwaye kubandakanywa udonga lwonke kwada kwasisiqingata sobude balo: ngokuba abantu bebenentliziyo yokusebenza.
7
Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Sanebalati, no‐Tobiya, nama‐Arabi, naba‐Hamoni, nama‐Ashedode, ukuba kwahanjiswa ukulungiswa kwendonga ze‐Yerusaleme, n okuba intanda zaqala ukuvingcwa, kwandul’ ukuvuta umsindo wabo kakulu,
8
bacebana bonke kwa kunye ukuza ukulwa ngakuyo i‐Yerusaleme, nokuyixaka.
9
Kodwa satandaza kutixo wetu, samisa abalindi ngakubo, imini nobusuku, ngenxa yabo.
10
Baza bati o‐Juda: Amandla abatwali bemitwalo ayapela, kanti inkunkuma iseninzi; kukona sikohlwayo kulwaka udonga.
11
Zaye zisiti intshaba zetu: Abayi kwazi, abayi kubona kanjako, side singene pakati kwabo, sibabulale, siwupelise umsebenzi.
12
Kwaye kute, kwakufika ama‐Juda abehlala ngakuzo, ati kuti ishumi lamaxesha: Zovela kuzo zonke indawo eningabuyelayo kuti ngazo, ziniṙaule.
13
Ngako ndamisa ezindaweni zasezantsi ngasemva kwodonga, kwezitshileyo, ndamisa abantu, ngezizalwane zabo, beneziṙele zabo, n entshuntshe zabo, nezipeta zabo.
14
Ndaza ndakangela, ndesuka, ndati kwimiduna, nakumagosa, nakwabanye abantu: Ningazoyiki; kumbulani inkosi, leyo inkulu eyoyikekayo, nibalwele abazalwana benu, n onyana benu, nentombi zenu, n abafazi benu, nezindlu zenu.
15
Kwaye kute, xeshekweni bezivile intshaha zetu ukuba kwaziwe siti, nokuba utixo utshitshisile icebo lazo, sasesisiti tina sonke sabuyela eludongeni, abanye ngabanye besiya emsebenzini wabo.
16
Kwaza kwati emva kweloxesha, esinye isiqingata sezicaka zam zasebenza emsebenzini, nesinye isiqingata sazo zabamba intshuntshe, n amakaka, nezipeta, nehempe zentsimbi: kanjalo inkosi bezisemva kwayo yonke indlu ka‐Juda.
17
Abo bakayo eludongeni, nabo batwala imitwalo, n abatwesayo, ngesinye isandla sabo basebenza, nangesinye babamba isikali, abanye ngabanye:
18
ngokuba abaki, bonke ngabanye bebenamaṙele abo ebinqiwe ezinqeni zabo, baka ke. Kodwa lowo owavutelayo ngexilongo ebengakum.
19
Ndati ke kwimiduna, nakumagosa, nakwabanye abantu: Umsebenzi umkulu, ubanzi; kanti tina sahlukene pezu kwodonga, omnye ekude nomnye:
20
kulondawo apo niyivayo intlokoma yexilongo, butelani kona kuti; utixo wetu wosilwela.
21
Saza sasebenza emsebenzini; bati esinye isiqingata sabo babamba intshuntshe kwa sekupumeni kwokusa kwada kwasekuveleni kwenkwenkwezi.
22
Kanjalo ngeloxesha ndati ebantwini: Mabalalise bonke nezicaka zabo pakati kwe‐Yerusaleme, ukuze babe ngabalindi kuti ebusuku, bati emini basebenze.
23
Saye singasusi izivato zetu, kwa mna, nabazalwana bam, nezicaka zam, nabalindi abandilandelayo; bonke baya nezikali zabo emanzini.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13