bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 6
Nehemiah 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
1
KWAYE kute, kwakuviwa ngu‐Sanebalati, no‐Tobiya, no‐Gesheme um‐Arabi, nabanye abazintshaba zetu, ukuba bendilwakile udonga, nokuba akwasala kulo nalunye utanda; (nakuba ngeloxesha bendingamisanga ingcango emasangweni;)
2
bandula u‐Sanebalati no‐Gesheme batuma kum, ukuti: Yiza, masihlangane ndawonye emizini emhlanjeni wase‐Ono. Kodwa babecinga ukundenza ububi.
3
Ndaza ndatuma izigidimi kubo, ukuti: Ndiwenza umsebenzi omkulu, ndikohliwe kukuhla ke; yinina ukuba kunqamke umsebenzi, nxa ndiwuyekayo, ndihle ukuza kuni?
4
Baye betuma kum kwa ngokunjalo amaxesha amane; ndaza ndabapendula kwa ngokunjalo.
5
Wandula u‐Sanebalati watuma kum kwa ngokunjalo ixesha lesihlanu isicaka sake, sinencwadi evulekileyo esandleni saso;
6
ekwaba̔lwa kuyo, kusitwa: Kuvakele pakati kwentlanga, utsho ke u‐Gashemu, ukuba wena nama‐Juda niyacinga ukwenza imvukelo; ngako oko uyalwaka udonga; nokuba wena woba ngukumkani wawo, njengalamazwi:
7
nakanjako, ubamisile abaprofite ukuba bashumayele ngawe e‐Yerusaleme, besiti: Ungukumkani kwa‐Juda. Nakaloku kwoviwa ngukumkani njengalamazwi: ngako kaloku yiza, masicebisane ndawonye.
8
Ndaza ndatuma kuye, ukuti: Akwenzekanga njengezonto uteta ngazo, koko uziqingayo ngeyako intliziyo.
9
Ngokuba bona bonke bebesoyikisa, besiti: Izandla zabo zoyeka umsebenzi, ude ungenzwa ke. Ngako kaloku, Tixo! yomeleza izandla zam.
10
Ndandula ndangena endlwini ka‐Shemaya, unyana ka‐Delaya, unyana ka‐Mehetabele, obevalelwa; wayesiti yena: Masihlangane endlwini katixo, ngapakati kwetempile, sivale ingcango zetempile; ngokuba beya kuza ukukubulala; ewe ebusuku boza ukukubulala.
11
Ndati ke: Indoda enjengam iya kusaba na? ngubanina ke, enjengam, oya kungena etempileni ukuba ahlale ebomini? Andiyi kungena.
12
Ndaza ndaqiqa, kekaloku bona ke, utixo ebengamtumanga; koko wasitetayo esisiprofitesho ngakum, ngokuba ebeqeshiwe ngu‐Tobiya no‐Sanebalati.
13
Kukona abeqeshiwe, ukuze ndoyike, ndenje njalo, ndone; ukuba babe nento yokwenza udumo olubi, ukuze bandigxeke.
14
Kumbula, Tixo wam! u‐Tobiya no‐Sanebalati njengazo ezizenzo zabo; kwa naye u‐Nohadiya umprofitekazi, nabanye abaprofite, abandoyikisileyo.
15
Kwada kwafezwa udonga ngowamashumi mabini anesihlanu umhla wenyanga yo‐Elule, kuyo imihla imashumi mahlanu anamibini.
16
Kwaza kwati, xeshekweni bekuviwa ngabo bonke abazintshaba zetu, na xeshekweni bekubonwa ngabo bonke abaheyideni abasingqongayo, bandula bawa kakulu kwawabo amehlo: ngokuba bebesazi ukuba lomsebenzi ube wenziwe ngutixo wetu.
17
Kanjako, ngalomihla, imiduna yakwa‐Juda yatuma incwadi ezininzi ku‐Tobiya; nezika‐Tobiya bezisiza kuyo.
18
Ngokuba abaninzi kwa‐Juda bebefungile kuye, ngenxa yokuba ebengumyeni ku‐Shekaniya unyana ka‐Arahi; no‐Jehohanane unyana wake yena ebezekile intombi ka‐Meshulame unyana ka‐Berekiya.
19
Kanjalo izenzo zake ezilungileyo bazixela ebusweni bam, namazwi am bawakupela kuye. Waye u‐Tobiya ezituma incwadi ukundoyikisa.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13