bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 2
Nehemiah 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
1
KWAYE kute ngenyanga yo‐Nisane, ngowamashumi mabini umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani, iveyine ibipambi kwake: ndaza ndatabata iveyine leyo, ndanika kukumkani. Kekaloku bendifudula ndingabi lusizi ebusweni bake.
2
Ngako wati kum ukumkani: Kunganina ukuba ubuso bako bulusizi, ungenasifo nje? lento ilusizi lwentliziyo kupela. Ndaza ndoyika kakulu kunene,
3
ndati kuye ukumkani: Makapile ukumkani kude kube ngunapakade! kunganina ukuba ubuso bam bungabi lusizi, oko isixeko, indawo yamancw̔aba obawo, sicitakele, namasango aso agqityelwe ngumlilo?
4
Wayesiti ukumkani kum: Yinto nina uyifunayo? Ndandul’ ukutandaza kuye utixo wezulu.
5
Ndandisiti kukumkani: Ukuba kunga kulungile kukumkani, nokuba isicaka sako sifumene ufefe ebusweni bako, ndinga ungandituma ukuya kwa‐Juda, esixekweni samancw̔aba obawo, ukuze ndisake.
6
Waza ukumkani wati kum, (ukumkanikazi ehleli ngakuye:) Ihambo yako yoba yeyexesha elingakananina? wobuya ninina? Kwada kwanga kulungile kukumkani ukundituma: ndaza ndammisela umzuzu.
7
Ndalekela ndati kukumkani: Ukuba kunga kulungile kukumkani, mandipiwe incwadi kwinkosi ezipesheya kwomlambo, zokuba zindidlulise ndide ndifike kwa‐Juda;
8
nencwadi ku‐Safa umgcini wehlati lokumkani, yokuba andipe imiti yokuhlanganisa amasango enqaba engakuyo indlu, neyodonga lwesixeko, neyendlu endiya kungena kuyo. Ndapiwa ke ngukumkani, njengokuba isandla esilungileyo sotixo wam sibe sipezu kwam.
9
Ndandula ndeza kuzo inkosi ezipesheya kwomlambo, ndazinika incwadi zokumkani. Waye ukumkani ebetumile kunye nam inkosi zempi nabakweli bamahashe.
10
Kwati kwakuviwa ngu‐Sanebalati um‐Horonayime, no‐Tobiya isicaka, um‐Hamoni, kwabuhlungu kubo ngobuhlungu obukulu ukuba bekufikile umntu ukuza kufuna ubutamsanqa bosapo luka‐Sirayeli.
11
Ndada ndatika e‐Yerusaleme, ndabendiko kona intsuku zantatu.
12
Ndaza ndesuka ebusuku, mna namadoda angemaninzi kunye nam; kodwa andaxelela mntu into utixo wam abeyingenisile entliziyweni yam ukuyenza e‐Yerusaleme; kanjalo akwabiko nam nasilo, kupela esosilo ndakwela kuso.
13
Ndapuma ke ebusuku ndaya ngesango lesihlambo, nangapambi kwomtombo wenamba, nasesangweni lenkunkuma, ndabonela indonga ze‐Yerusaleme, ezibe zicitiwe, namasango ayo abegqityelwe ngumlilo.
14
Ndadlula ndaya esangweni lomtombo, nasecibini lokumkani: kodwa akwabiko ndawo yokuba sidlule isilo esipantsi kwam.
15
Ndaza ndenyuka ebusuku ndaya ngasemlanjaneni, ndabonela udonga, ndabuya, ndangena ngesango lesihlambo, ndabuyelela ke.
16
Kekaloku amagosa akazi apo bendiye kona, nento ndayenzayo; kanjako bendingaxelelanga ama‐Juda, nabaperisite, nemiduna, namagosa, nabanye abawenzayo umsebenzi, kwada kwakaloku.
17
Ndaza ndati kubo: Niyabona ilishwa esikulo tina, lokuba i‐Yerusaleme icitakele, nokuba amasango ayo atshisiwe ngomlilo; yizani, masake udonga lwe‐Yerusaleme, ukuze singabi sesisigxekwa.
18
Ndaza ndabashumayeza isandla sotixo wam esibe silungile pezu kwam; kwa namazwi kakumkani abewatetile kum. Bati ke: Masisuke sake. Baza bazomelezela lomsebenzi olungileyo izandla zabo.
19
Kodwa kwakuviwa ngu‐Sanebalati um‐Horonayime, no‐Tobiya isicaka, um‐Hamoni, no‐Gesheme um‐Arabi, bahlekisa ngati, basidela, bati: Yinto nina le niyenzayo? niya kuvukelana nokumkani nje na?
20
Ndaza ndabapendula, ndati kubo: Utixo wezulu, nguye oya kusitamsanqelekisa; ngako tina, izicaka zake, siya kusuka sake: kodwa nina aninasabiwo, nagunya, nasikumbuzelo, e‐Yerusaleme.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13