bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 11
Nehemiah 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
1
ZATI inkosi zabantu zahlala e‐Yerusaleme: nesisalela sabantu, bawenza amaqashiso okuba kuziswe abe mnye kwabalishumi ahlale e‐Yerusaleme, isixeko esiyingcwele, nokuba abanye abalitoba bahlale kw ezinye izixeko.
2
Baye abantu betamsanqelisa onke lomadoda azinikelayo ngokuvuma ukuza kuhlala e‐Yerusaleme.
3
Zizo ezi intloko zaselizwaneni ezahlala e‐Yerusaleme: (kekaloku ezixekweni zakwa‐Juda, kwahlala abanye ngabanye ezimfuyweni zabo, ezixekweni zakowabo, o‐Sirayeli, abaperisite, naba‐Levi, naba‐Netini, nosapo lwezicaka zika‐Solomone:
4
nase‐Yerusaleme kwahlala inxenye kulo usapo luka‐Juda, nakulo usapo luka‐Benjamine.) Kulo usapo luka‐Juda: u‐Hataya, unyana ka‐Huziya, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Amariya, unyana ka‐Shefatiya, unyana ka‐Mahalalele, kulo usapo luka‐Faretse;
5
no‐Mahaseya, unyana ka‐Baruke, unyana ka‐Kolehoze, unyana ka‐Hazaya, unyana ka‐Hadaya, unyana ka‐Yoyaribe, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Shilo.
6
Lwonke usapo luka‐Faretse olwahlala e‐Yerusaleme, ngamakulu mane anamashumi matandatu anesibozo amadoda akalipileyo.
7
Ngaba abalusapo luka‐Benjamine: u‐Salu, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Yohedi, unyana ka‐Pedaya, unyana ka‐Kolaya, unyana ka‐Mahaseya, unyana ka‐Yitiyeli, unyana ka‐Yesaya;
8
nasemva kwake, u‐Gabai, u‐Salai; amakulu alitoba anamashumi mabini anesibozo:
9
u‐Joweli, unyana ka‐Zikeri, ebengumongama wabo: no‐Juda, unyana ka‐Hasenuwa, ebepezu kwesixeko esesibini isahlulo.
10
Kubo abaperisite: u‐Yedaya unyana ka‐Yoyaribe, u‐Yakine,
11
u‐Seraya, unyana ka‐Hilikiya, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Tsadoki, unyana ka‐Merayoti, unyana ka‐Ahitube, umpati wendlu katixo;
12
nabazalwana babo, abawenza umsebenzi wendlu, amakulu asibozo anamashumi mabini anesibini; no‐Hadaya, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Pelaliya, unyana ka‐Ametsi, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Pashure, unyana ka‐Malekiya;
13
nabazalwana bake, intloko zendlu zoyise, amakulu mabini anamashumi mane anesibini; no‐Hamashesai, unyana ka‐Hazareli, unyana ka‐Ahezai, unyana ka‐Meshilemote, unyana ka‐Yimeri;
14
nabazalwana babo, amaṙoti akalipileyo, ikulu elinamashumi mabini anesibozo: umongama wabo ebengu‐Zabideli, unyana wo wabakulu.
15
Nakubo aba‐Levi: u‐Shemaya, unyana ka‐Hashube, unyana ka‐Zarikame, unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Buni;
16
no‐Shabetai, no‐Yozabadi, abapezu kwomsebenzi wapandle wendlu katixo, kubo abazintloko zaba‐Levi;
17
no‐Mataniya, unyana ka‐Mika, unyana ka‐Zabedi, unyana ka‐Safa, intloko eyaqala ukubulela ekutandazeni; no‐Bakebukiya, owesibini pakati kwabazalwana bake; no‐Abeda, unyana ka‐Shamuha, unyana ka‐Galali, unyana ka‐Jedutune.
18
Bonke aba‐Levi esixekweni esiyingcwele bebengamakulu mabini anamashumi asibozo anabane.
19
Nabalindimnyango: u‐Hakube, u‐Talimone, nabazalwana babo abagcinayo amasango, ikulu elinamashumi asixe̔nxe anesibini.
20
Nesisalela so‐Sirayeli, abaperisite, n aba‐Levi, bebekuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, abanye ngabanye emafeni abo.
21
Bati aba‐Netini bahlala e‐Hofeli: u‐Tsiha no‐Gishepa bebepezu kwaba‐Netini.
22
Kanjalo umongama waba‐Levi e‐Yerusaleme ebengu‐Huzi, unyana ka‐Bani, unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Mataniya, unyana ka‐Mika. Kulo usapo luka‐Safa, abaculi bebepezu kwomsebenzi wendlu katixo.
23
Ngokuba umyalelo wokumkani ngabo, ubungowokuba abaculi babe nesabelwa esitile, into yemini ngemini yayo.
24
No‐Petahiya unyana ka‐Meshezabele, kulo usapo luka‐Zera unyana ka‐Juda, yena ebengecala lokumkani, ngento zonke zabantu.
25
Nasemizini, kunye nezindle zayo, kwahlala inxenye yosapo luka‐Juda e‐Kiriyate‐areba namagxamesi ayo, nase‐Dibone namagxamesi ayo, nase‐Yekabetsele nemizi yayo,
26
nase‐Yeshuha, nase‐Molada, nase‐Bete‐pelete,
27
nase‐Hatsareshuhali, nase‐Beresheba namagxamesi ayo,
28
nase‐Tsikilage, nase‐Mekona, nakuwo amagxamesi ayo,
29
nase‐Henerimone, nase‐Tsoreha, nase‐Yaremute,
30
e‐Zanoha, e‐Hadulame, na kuyo imizi yazo, e‐Lakishe nezindle zayo, e‐Hazeka namagxamesi ayo. Kwamiwa kwa se‐Beresheba kwada kwasesihlanjeni sika‐Hinome.
31
Kwahlala nosapo luka‐Benjamine lwase‐Geba e‐Mikimashe, nase‐Haya, nase‐Betele namagxamesi ayo,
32
e‐Hanatote, e‐Nobe, e‐Hananiya,
33
e‐Hatsore, e‐Rama, e‐Gitayime,
34
e‐Hadidi, e‐Tsebohime, e‐Nebalate,
35
e‐Lodi, nase‐Ono, emhlanjeni wencibi.
36
Nakubo aba‐Levi kwahlala inxenye ezahlulweni zakwa‐Juda, ne zakwa‐Benjamine.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13