bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 5
Nehemiah 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
1
KWAZA kwabako isikalo esikulu sabantu nabafazi babo, ngakubo abazalwana babo ama‐Juda.
2
Ngokuba bekuko abati: Tina, onyana betu, nentombi zetu, sibaninzi; ngako sitengile inqolowa, ukuba sidle, sipile nokupila.
3
Kwabako nabati: Amasimi etu, nezitiya zetu zemiti yeveyine, nezindlu zetu, sibambisile ngazo, ukuba sitenge inqolowa ngenxa yendlala.
4
Kwabako nabati: Sibolekile imali ibe yeyomnikelo wokumkani, sibambisile nje ng amasimi etu nezitiya zetu zemiti yeveyine.
5
Kodwa kaloku inyama yetu injengenyama yabazalwana betu, n abantwana betu banjengabantwana babo: kanjako, bona ke, siyakonzisa onyana betu nentombi zetu babe ngamakoboka; ewe, sezikonzisiwe intombi zetu inxenye, kungeko nto emandleni ezandla zetu; ngokuba abanye abantu benamasimi etu nezitiya zetu zemiti yeveyine.
6
Kwandul’ ukuvuta ingqumbo yam kakulu, nxa ndevayo isikalo sabo nalamazwi.
7
Ndasuka ndacebisana nentliziyo yam, ndapikisana nemiduna namagosa, ndati kubo: Niyabanga inzuzo, abanye ngabanye kubazalwana babo. Ndaza ndabeka ngakubo intlanganiso enkulu.
8
Ndandisiti kubo: Tina, ngamandla etu, sibakulule abazalwana betu ama‐Juda, abebetengisiwe kubo abaheyideni; kanene nina, seniya kutengisa ngabazalwana benu na? baya kutengiswa kuti ke na? Baza bati cwaka, bengafumani nto yokupendula.
9
Ndati kanjalo: Akulungile oko nikwenzayo: ngeningahambi na ekumoyikeni utixo wetu, ngenxa yesigxeko sabaheyideni intshaba zetu?
10
Kwa nam, n abazalwana bam, nezicaka zam, besingabangayo kubo imali nenqolowa: masiyeke ke inzuzo le.
11
Kenibuyisele kubo kwa namhla nje amasimi abo, n ezitiya zabo zemiti yeveyine, n emiyezo yabo yeminquma, nezindlu zabo, nesekulu isahlulo semali, nenqolowa, n eveyine, neoli, enizibangayo kubo.
12
Bandula bati: Sobuyisa ke, singabizi nto kubo; siya kwenje njalo, njengokuba utshilo wena. Ndaza ndabiza abaperisite, ndabafungisela ukuba baya kwenza ngalo elilizwi.
13
Kanjako ndavutulula ingubo yam, ndati: Makenje njalo utixo ukuvutulula bonke abasukuba bengafezi elilizwi, ezindlwini zabo, nasekuqwebeni kwabo; mabavutululwe kwa ngokunjalo, babe zé. Yati ke yonke intlanganiso: Amene! yamdumisa uyehova. Baza abantu benza ngalo elilizwi.
14
Kanjako kuseloko bendimiselwa ukuba yinkosi yabo elizweni lakwa‐Juda, kwa kuwo owamashumi mabini umnyaka kwada kwakuwo owamashumi matatu anesibini umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani, iyiminyaka ilishumi elinamibini, isonka senkosi asisidlanga mna nabazalwana bam.
15
Kodwa inkosi zokuqala, ezibe zipambili kum, zayenza nzima iyokwe pezu kwabantu, zatabata kubo isonka neveyine, ngapandle kwazo ishekele zesilivere ezimashumi mane; ewe izicaka zazo zapata abantu ngobukosi: kanti bendingenje njalo mna, ngenxa yokwoyikwa kukatixo.
16
Kananjalo emsebenzini woludonga ndazingisa ke; asatenga nanye intsimi: nazo zonke izicaka zam zazihlanganiselwa kona kulomsebenzi.
17
Kwaye kuko ngasesitebeni sam ikulu elinamashumi mahlanu lama‐Juda namagosa, ngapandle kwabo ababesiza kuti bevela kubaheyideni abasingqongayo.
18
Kekaloku oko obekulungiselwa imini nye, bekuyinkabi inye n egusha zintandatu eziketiweyo; kwandilungiselwa nentaka; napakati kwemihla elishumi zonke intlobo zeveyine ngokuninzi: noko ke isonka senkosi andisibizanga, ngenxa yokuba inkonzo ibinzima pezu kwababantu.
19
Ndikumbulele, Tixo wam! kube kokulungileyo, konke endikwenzileyo kwababantu.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13