bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 13
Nehemiah 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
1
NGEXESHA elo kwaleseshwa encwadini ka‐Mosesi ezindlebeni zabantu: kwaza kwafunyanwa kuba̔liwe kuyo, okokuba um‐Hamoni, umhlaumbi um‐Mowabi, akayi kungena emhlambini katixo kude kube ngunapakade;
2
ngenxa yokuba bebengezi nesonka namanzi ukukaulela usapo luka‐Sirayeli, nokuba bebemqesha ngakulo u‐Bilame, aze aluqalekise: kodwa utixo wetu waguqula isiqalekiso sibe litamsanqa.
3
Kwaza kwati, nxa bebevile umteto, babahlula bonke abantu abadityanisiweyo ko‐Sirayeli.
4
Kekaloku kungekabiko oku, u‐Eliyashibe umperisite, obemisiwe pezu kwenkambili yendlu katixo wetu, waba ngumhlobo ku‐Tobiya,
5
wamenzela inkambili enkulu, apo bekufuda kubekelwa kona iminikelo yokudla, ne ntlakamhlope, nempahla, nezishumi zenqolowa, n ezeveyine entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe aba‐Levi, nabaculi, nabalindimnyango; neminikelo yabaperisite.
6
Kodwa ngalo lonke eli xesha, ndibe ndingeko e‐Yerusaleme: ngokuba ngomnyaka wamashumi matatu anesibini ka‐Aretashasheta ukumkani we‐Babilone, bendizile kukumkani; nasekupeleni kwemihla etile ndacela kukumkani ukuba ndibuye.
7
Ndada ndafika e‐Yerusaleme, ndaqonda ngenkohlakalo ayenzileyo u‐Eliyashibe ngenxa yake u‐Tobiya, ngokumenzela inkambili emabaleni endlu katixo.
8
Kwaza kwakubi kum kakulu: ngako ndakupa zonke impahla zendlu zika‐Tobiya ngapandle enkambilini.
9
Ndaxela ke, bazicokisa inkambili: ndaza ndabuyisela kona impahla zendlu katixo, kunye nomnikelo wokudla, nentlakamhlope.
10
Kanjako ndabona ukuba bekunganikwanga izabelwa zaba‐Levi: ngokuba aba‐Levi nabaculi, abawenza umsebenzi, bebesabele abanye ngabanye emasimini abo.
11
Ndasuka ndapika namagosa, ndati: Yinina ukuba indlu katixo ishiyiwe? Ndaza ndabahlanganisa, ndabamisa endaweni yokuma yabo.
12
Bandula o‐Juda bonke bazisa isishumi senqolowa, neseveyine entsha, neseoli, ezindaweni zendyebo.
13
Ndaza ndenza abapati pezu kwendawo zendyebo, u‐Shelemiya umperisite, no‐Tsadoki umba̔li, no‐Pedaya kubo aba‐Levi; nasemva kwabo u‐Hanane, unyana ka‐Zakure, unyana ka‐Mataniya: ngokuba bebebalwa ngokuba nenyaniso, ekwaye kupezu kwabo ukwabela abazalwana babo.
14
Ndikumbule, Tixo wam! ngako oku, uz’ ungacimi izenzo zam ezilungileyo endizenzeleyo indlu katixo wam, nezigcinelo zayo.
15
Ngalomihla ndabona kwa‐Juda abaxovulayo isincinezelo seveyine ngesabata, nabangenisayo izitungu, nabatwesayo amaqwaṙashe; kwa neveyine, nedreyive, namakiwane, nemitwalo yonke, abati bayizisa e‐Yerusaleme ngomhla wesabata: ndaza ndanqi̔na ngakubo ngomhla batengisa ukutya ngawo.
16
Kwahlala kona nabase‐Tire, abazisa intlanzi, nento zonke zokutengwa, batengisa elusatsheni luka‐Juda, nase‐Yerusaleme, ngesabata.
17
Ndaza ndapika nemiduna yakwa‐Juda, ndati kuyo: Yinto nina lento ikohlakeleyo niyenzayo, ninco̔lisa nje umhla wesabata?
18
Abenje njalo na oyihlo benu, waza utixo wabuzisa pezu kwetu bonke obububi, napezu kwesisixeko? nani ke niyawandisa umsindo pezu kwo‐Sirayeli ngokunco̔lisa isabata.
19
Kwaza kwati, nxa amasango e‐Yerusaleme atelwa ncwalazi ingekafiki icawa, ndaxela ke, kwavalwa ingcango; ndabuya ndaxela ukuba mazingavulwa kude kupele isabata; nakwizicaka zam ndamisa inxenye ngasemasangweni, ukuze kungangeniswa namnye umtwalo ngomhla wesabata.
20
Bandula abatengi nabatengisi bezinto zonke zokutengwa balalisa ngapandle kwe‐Yerusaleme, kwakanye umhlaumbi kabini.
21
Ngako ndanqi̔na ngakubo, ndati kubo: Yinina ukuba nilalise pambi kwodonga? nxa nipinda ukwenje njalo, ndobeka izandla pezu kwenu. Kuselokwexesha elo bebengezi ngesabata.
22
Ndaza ndaxelela aba‐Levi ukuba bazicokise, beze bagcine amasango, kuze kwenziwe ngcwele umhla wesabata. Ndikumbulele oku nako, Tixo wam! ube nenceba kum ngabo ubuninzi bobubele bako.
23
Kanjako ngalomihla ndabona ama‐Juda abezekile abafazi abangama‐Ashedodekazi, n aba‐Hamonikazi, nama‐Mowabikazi:
24
bati abantwana bawo inxenye bateta ngesi‐Ashedode, bengenakwazi ukuteta ngesi‐Juda; bateta ngenteto yabantu ngabantu.
25
Ndaza ndapika nawo, ndawatuka, ndabeta amadoda atile kuwo, ndancotula inwele zawo, ndawafungisa utixo, ngokuti: Intombi zenu aniyi kuzendisa konyana babo, nentombi zabo aniyi kuzitabatela onyana benu, aniyi kuzizeka nani.
26
Bekungengezizinto na wonayo u‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli? noko pakati kwezizwe ezininzi akwabiko ukumkani njengaye, owatandwa ngutixo wake, wada utixo wammisa ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: kwa yena lowo abafazi bezinye intlanga bamenza one.
27
Sesiya kupulapula kuni ke na, ukwenza konke okukukohlakala okukulu, senze ngobumenemene ngakuye utixo wetu ngokuzeka abafazi bezinye intlanga?
28
Kekaloku omnye konyana baka‐Yoyada, unyana ka‐Eliyashibe umperisite omkulu, ebengumyeni ku‐Sanebalati um‐Horonayime: ngako ndamgxota kum.
29
Kumbula ngabo, Tixo wam! ngenxa yokuba benco̔lisile ubuperisite, nocebano lwobuperisite, nolwaba‐Levi.
30
Kwa njalo ndabacokisa kubo bonke abezinye intlanga, ndamisa ukulinda kwabaperisite nokwaba‐Levi, abanye ngabanye emsebenzini wabo,
31
nokunikelwa kwenkuni ngamaxesha amiselweyo, nokwelibo. Ndikumbule, Tixo wam! kube kokulungileyo.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13