bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 7
Nehemiah 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
1
KWAYE kute, emveni kwokuba udonga lwaselwakiwe, nokuba bendizimisile ingcango, nokuba bebepatisiwe abalindimnyango, nabaculi, naba‐Levi,
2
ndandula ndamisa u‐Hanani umzalwana wam, no‐Hananiya inkosi yenqaba, pezu kwe‐Yerusaleme: ngokuba ebeyindoda yenyaniso, wamoyika utixo ngapezu kwabaninzi.
3
Ndandisiti kubo: Amasango e‐Yerusaleme makangavulwa lide libalele ilanga; naxeshekweni basemiyo ngaku wo, mabavale ingcango, bafake imivalo: kanjalo makumiswe abalindi, abemi base‐Yerusaleme, bonke ngabanye ekulindeni kwabo, nabanye ngabanye malungana nezindlu zabo.
4
Kekaloku isixeko sasibanzi indawo yaso, sasikulu; kodwa abantu bebelula pakati kwaso: kanjako izindlu bezingekakiwe.
5
Wandula utixo wam wabeka entliziyweni yam ukuba ndihlanganise imiduna, namagosa, nabantu, baze baba̔lelwe ngokuzalwa. Ndaza ndafumana isiba̔lelo sokuzalwa sababenyuke ekuqaleni, ndafumana kuba̔liwe kuso, kusitwa:
6
Lulo olu usapo lwaselizwaneni olwanyukayo kubo abatinjwa abebefudusiwe, abo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ebebafudusile, lwabuya lweza e‐Yerusaleme nakwa‐Juda, olunye ngolunye esixekweni sakowalo;
7
olwezayo no‐Zerubabeli: U‐Yoshuwa, u‐Nehemiya, u‐Hazariya, u‐Rahamiya, u‐Nahamani, u‐Modekai, u‐Bilishane, u‐Miseperete, u‐Bigivai, u‐Nehumi, u‐Bahana. Inani lamadoda abantu bakwa‐Sirayeli:
8
Usapo luka‐Paroshe, ngamawaka mabini anekulu linye elinamashumi asixe̔nxe anesibini.
9
Usapo luka‐Shefatiya, ngamakulu matatu anamashumi asixe̔nxe anesibini.
10
Usapo luka‐Arahi, ngamakulu matandatu anamashumi mahlanu anesibini.
11
Usapo luka‐Pahati‐mowabi, olwosapo luka‐Yoshuwa no‐Jowabi, ngamawaka mabini anamakulu asibozo aneshumi linesibozo.
12
Usapo luka‐Helami, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mahlanu anesine.
13
Usapo luka‐Zatu, ngamakulu asibozo anamashumi mane anesihlanu.
14
Usapo luka‐Zakai, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi matandatu.
15
Usapo luka‐Binuwi, ngamakulu matandatu anamashumi mane anesibozo.
16
Usapo luka‐Bebai, ngamakulu matandatu anamashumi mabini anesibozo.
17
Usapo luka‐Hazegadi, ngamawaka mabini anamakulu matatu anamashumi mabini anesibini.
18
Usapo luka‐Adonikame, ngamakulu matandatu anamashumi matandatu anesixe̔nxe.
19
Usapo luka‐Bigivai, ngamawaka mabini anamashumi matandatu anesixe̔nxe.
20
Usapo luka‐Hadine, ngamakulu matandatu anamashumi mahlanu anesihlanu.
21
Usapo luka‐Atere, oluka‐Hezekiya, ngamashumi alitoba anesibozo.
22
Usapo luka‐Hashumi, ngamakulu matatu anamashumi mabini anesibozo.
23
Usapo luka‐Betsai, ngamakulu matatu anamashumi mabini anesine.
24
Usapo luka‐Harife, likulu linye elineshumi linesibini.
25
Usapo lwase‐Gibeyone, ngamashumi alitoba anesihlanu.
26
Amadoda ase‐Bete‐leheme ne‐Netofati, likulu linye elinamashumi asibozo anesibozo.
27
Amadoda ase‐Hanatote, likulu linye elinamashumi mabini anesibozo.
28
Amadoda ase‐Bete‐hazamaveti, ngamashumi mane anesibini.
29
Amadoda ase‐Kiriyate‐yarime, n e‐Kefira, ne‐Berote, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi mane anesitatu.
30
Amadoda ase‐Rama ne‐Gaba, ngamakulu matandatu anamashumi mabini ananye.
31
Amadoda ase‐Mikimasi, likulu linye elinamashumi mabini anesibini.
32
Amadoda ase‐Betele ne‐Hahai, likulu linye elinamashumi mabini anesitatu.
33
Amadoda ase‐Nebo yimbi, ngamashumi mahlanu anesibini.
34
Usapo luka‐Helami wumbi, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mahlanu anesine.
35
Usapo luka‐Harime, ngamakulu matatu anamashumi mabini.
36
Usapo lwase‐Jeriko, ngamakulu matatu anamashumi mane anesihlanu.
37
Usapo lwase‐Lodi, n e‐Hadidi, ne‐Ono, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi mabini anesinye.
38
Usapo lwase‐Senaha, ngamawaka matatu anamakulu alitoba anamashumi matatu.
39
Abaperisite: usapo luka‐Yedaya, olwendlu ka‐Yoshuwa, ngamakulu alitoba anamashumi asixe̔nxe anesitatu.
40
Usapo luka‐Yimeri, liwaka linye elinamashumi mahlanu anesibini.
41
Usapo luka‐Pashure, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mane anesixe̔nxe.
42
Usapo luka‐Harime, liwaka linye elineshumi linesixe̔nxe.
43
Aba‐Levi: usapo luka‐Yoshuwa n o‐Kadimele, olwosapo luka‐Hodeva, ngamashumi asixe̔nxe anesine.
44
Abaculi: usapo luka‐Safa, likulu linye elinamashumi mane anesibozo.
45
Abalindimnyango: usapo luka‐Shalume, usapo luka‐Atere, usapo luka‐Talimone, usapo luka‐Hakube, usapo luka‐Hatita, usapo luka‐Shobai, likulu linye elinamashumi matatu anesibozo.
46
Aba‐Netini: usapo luka‐Tsiha, usapo luka‐Hasufa, usapo luka‐Tabahoti,
47
usapo luka‐Kerosi, usapo luka‐Siha, usapo luka‐Padoni,
48
usapo luka‐Lebana, usapo luka‐Hagaba, usapo luka‐Shalemai,
49
usapo luka‐Hanane, usapo luka‐Gidele, usapo luka‐Gahari,
50
usapo luka‐Rehaya, usapo luka‐Retsine, usapo luka‐Nekoda,
51
usapo luka‐Gazame, usapo luka‐Huza, usapo luka‐Paseha,
52
usapo luka‐Besai, usapo luka‐Mehunime, usapo luka‐Nefishesime,
53
usapo luka‐Bakebuke, usapo luka‐Hakufa, usapo luka‐Harehure,
54
usapo luka‐Batseliti, usapo luka‐Mehida, usapo luka‐Haresha,
55
usapo luka‐Barekosi, usapo luka‐Sisera, usapo luka‐Tama,
56
usapo luka‐Netsiha, usapo luka‐Hatifa.
57
Usapo lwezicaka zika‐Solomone: usapo luka‐Sotai, usapo luka‐Soferete, usapo luka‐Perida,
58
usapo luka‐Yahala, usapo luka‐Darekone, usapo luka‐Gidele,
59
usapo luka‐Shefatiya, usapo luka‐Hatili, usapo luka‐Pokerete‐tsebayime, usapo luka‐Amoni.
60
Bonke aba‐Netini, nosapo lwezicaka zika‐Solomone, ngamakulu matatu anamashumi alitoba anesibini.
61
Kanjalo aba ngabanyukayo e‐Tele‐mela, nas e‐Tele‐haresha: u‐Kerube, u‐Adoni, no‐Yimeri: kodwa bakohlwa kuxela indlu yoyise yabo, nesizalwane sabo, ukuba bangabakwa‐Sirayeli na.
62
Usapo luka‐Delaya, usapo luka‐Tobiya, usapo luka‐Nekoda, ngamakulu matandatu anamashumi mane anesibini.
63
Nakubo abaperisite: onyana baka‐Habaya, onyana baka‐Kotse, onyana baka‐Barezilai, owazeka umfazi kwintombi zika‐Barezilai um‐Gileyadi, wabizwa ngegama lazo:
64
aba bafuna ukuba̔lelwa kwabo pakati kwababa̔lelweyo ngokuzalwa, kodwa akwafunyanwa: ngako bashenxiswa kubo ubuperisite njengabanco̔lileyo.
65
Yayisiti kubo inkosi enkulu, ukuba mabangatyi kwizinto ezingcwele kakulu, kude kusuke umperisite ene‐Urime ne‐Tumime.
66
Yonke intlanganiso kwa kunye ibingamawaka amashumi mane enesibini anamakulu matatu anamashumi matandatu,
67
ngapandle kwezicaka zabo nezicakakazi zabo, ezibe zingamawaka asixe̔nxe anamakulu matatu anamashumi matatu anesixe̔nxe: bebenabaculi nabaculikazi abangamakulu mabini anamashumi mane anesihlanu kanjako.
68
Amahashe abo ebengamakulu asixe̔nxe anamashumi matatu anesitandatu; amaqwaṙaṙa abo ebengamakulu mabini anamashumi mane anesihlanu;
69
inkamela zabo bezingamakulu mane anamashumi matatu anesihlanu; amaqwaṙashe abo ebengamawaka matandatu anamakulu asixe̔nxe anamashumi mabini.
70
Bati inxenye kubo bonke abazintloko zendlu zoyise, banika emsebenzini. Inkosi enkulu yanika endyetyeni, idarike zegolide zaliwaka linye, n ezitya zokufefela zamashumi mahlanu, n engubo zabaperisite zamakulu mahlanu anamashumi matatu.
71
Nabazintloko zendlu zoyise inxenye banika endyetyeni yomsebenzi, idarike zegolide zamawaka angamashumi mabini, nemina zesilivere zamawaka mabini anamakulu mabini.
72
Okwanikwayo ngabanye abantu bekuzidarike zegolide ezimawaka amashumi mabini, nemina zesilivere ezimawaka mabini, nengubo zabaperisite ezimashumi matandatu anesixe̔nxe.
73
Bada abaperisite, naba‐Levi, nabalindimnyango, nabaculi, nenxenye yabantu, naba‐Netini, no‐Sirayeli bonke, bahlala ezixekweni zakowabo: kwati kwakufika inyanga yesixe̔nxe, usapo luka‐Sirayeli belusezixekweni zalo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13