bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 8
Nehemiah 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
1
BANDULA bonke abantu bazihlanganisela enkundleni engapambi kwesango lamanzi njengomntu mnye; bati ku‐Ezera umba̔li, ukuba makayizise incwadi yomteto ka‐Mosesi, lowo uyehova ubewumisele o‐Sirayeli.
2
Waza u‐Ezera umperisite wawuzisa umteto ebusweni bentlanganiso, kwa namadoda nabafazi, nabo bonke abebeqonda ukuva, ngowokuqala umhla wenyanga yesixe̔nxe.
3
Walesesha kuwo pambi kwenkundla engapambi kwesango lamanzi, kwa sekukanyeni kwokusa kwada kwasemini enkulu, ngapambi kwamadoda nabafazi, nabanokuqonda; zati indlebe zabantu bonke zabekwa encwadini yomteto.
4
Wema u‐Ezera umba̔li pezu kwesitulo semiti eside, abebesenzile ngenxa yalondawo: kwema ngakuye u‐Matitiya, no‐Shema, no‐Hanaya, no‐Huriya, no‐Hilikiya, no‐Mahaseya, ngesokunene sake; nangesokohlo sake, u‐Pedaya, no‐Mishayeli, no‐Malekiya, no‐Hashume, no‐Hashebadana, n o‐Zekariya, n o‐Meshulame.
5
Waza u‐Ezera wavula incwadi pambi kwamehlo abantu bonke; (ngokuba ebepezulu kubo bonke abantu;) nxa ayivulileyo, bema abantu bonke.
6
Wandula u‐Ezera wambonga uyehova, utixo omkulu. Bapendula bonke abantu, besiti: Amene, Amene! bepakamisa izandla zabo: baza batoba ngapantsi, bambedesha uyehova, ubuso bungasemhlabeni.
7
Kekaloku u‐Yoshuwa, no‐Bani, no‐Sherebiya, n o‐Yamine, n o‐Hakube, n o‐Shabetai, n o‐Hodiya, n o‐Mahaseya, n o‐Kelita, n o‐Hazariya, n o‐Yozabadi, n o‐Hanane, n o‐Pelaya, naba‐Levi, babafundisa abantu umteto: bati abantu bema endaweni yabo.
8
Baza balesesha encwadini, emtetweni katixo, kwa sekuhleni, bawuca̔zela, baqondisa ekulesesheni.
9
Wayesiti u‐Nehemiya, oyinkosi enkulu, no‐Ezera umperisite, umba̔li, naba‐Levi abafundisayo abantu, kubo bonke abantu: Lemini ingcwele kuyehova, utixo wenu; ningabi lusizi, ningalili nokulila. Ngokuba bonke abantu bebelila, nxa bevayo amazwi omteto.
10
Walekela wati kubo: Hambani, yityani okutyebileyo, nisele okumnandi, nizitume izabelwa kwabangalungiselwanga nto: ngokuba lemini ingcwele kwinkosi yetu: niti kanjako ningadandateki; ngokuba uvuyo lwoyehova, lulo amandla enu.
11
Kanjalo aba‐Levi batutuzela abantu bonke, besiti: Tutuni, ngokuba imini le ingcwele; ngako ningadandateki.
12
Bandula bahamba bonke abantu baya ukutya, nokusela, nokutuma izabelwa, nokuwenza umgcobo omkulu, ngenxa yokuba bebeqondile amazwi abeshunyayelwe kubo.
13
Nangowesibini umhla, kwahlanganiswa abazintloko zendlu zoyise zabantu bonke, n abaperisite, naba‐Levi, beza ku‐Ezera umba̔li, ukuze banakane amazwi omteto.
14
Baza bafumana kuba̔liwe emtetweni, ukuba uyehova ebeyalele ngo‐Mosesi, okokuba usapo luka‐Sirayeli luya kuhlala emapempeni ngomtendeleko wenyanga yesixe̔nxe;
15
nokokuba luvakalise ludlulise nokudlulisa ilizwi kuzo zonke izixeko zalo, nase‐Yerusaleme, lokuti: Pumani niye ezintabeni, nizise amasebe eminquma, namasebe emiti yeoli, namasebe emiti yemutele, namasebe emiti yepalime, namasebe emiti ebungqingqwa, kuze kwenziwe amapempe, njengokuba̔liweyo.
16
Basuka bapuma abantu, bawazisa, bazenzela amapempe, abanye ngabanye pezu kwezindlu zabo, nasemabaleni abo, nasemabaleni endlu katixo, nasenkundleni yesango lamanzi, nasenkundleni yesango lika‐Frayime.
17
Yaza yonke intlanganiso yababuyileyo ekutinjweni yawenza amapempe, yahlala emapempeni lawo: ngokuba belungenzanga usapo luka‐Sirayeli ngokunjalo, kuselokwemihla ka‐Yoshuwa unyana ka‐Nune kwada kwangumhla lowo. Kwaza kwabako umgcobo omkulu.
18
Kwaye kuleseshwa encwadini yomteto katixo, imini ngemini, kweyokuqala imini kwada kwayimini yokupela. Babamba umtendeleko imihla esixe̔nxe; nangowesibozo umhla kwabako intlanganisano engcwele, njengesiko.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13