bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 3
Nehemiah 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
1
KWANDULA kwesuka u‐Eliyashibe umperisite omkulu, nabazalwana bake abaperisite, balaka isango legusha; balenza ngcwele, bamisa ingcango zalo; baye belenza ngcwele kwada kwakuyo inqaba ye‐Meha, kwada kwakuyo inqaba ye‐Hananele.
2
Nakufupi naye kwaka amadoda ase‐Jeriko. Nakufupi nawo kwaka u‐Zakure unyana ka‐Yimri.
3
Nesango lentlanzi lwalaka usapo lwase‐Senaha; lwalihlanganisa, lwamisa ingcango zalo, n ezitshixelo zalo, nemivalo yalo.
4
Nakufupi nalo kwalungiswa ngu‐Meremote, unyana ka‐Huriya, unyana ka‐Kotse. Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Meshulame, unyana ka‐Berekiya, unyana ka‐Meshezabele. Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Tsadoki, unyana ka‐Bahana.
5
Nakufupi nabo kwalungiswa ngaba‐Tekoha; kodwa imiduna yabo ayangenisa intamo zayo emsebenzini wenkosi yayo.
6
Nesango elidala balilungisa u‐Yoyada unyana ka‐Paseha, no‐Meshulame unyana ka‐Besodiya; balihlanganisa, bamisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo.
7
Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Melatiya um‐Gibeyone, no‐Yadoni um‐Meronote, n amadoda ase‐Gibeyone, nawase‐Mitsipa, kwada kwakuyo iterone yenkosi yelicala lomlambo.
8
Kufupi naye kwalungiswa ngu‐Huziyeli unyana ka‐Harehaya, owencibi zegolide. Nakufupi naye kwalungiswa ngu‐Hananiya unyana wo wabenzi bezimnandi; bayinqabisa i‐Yerusaleme kwada kwaseludongeni olubanzi.
9
Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Refaya unyana ka‐Hure, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Yerusaleme.
10
Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Yedaya unyana ka‐Harumafi, kwa malungana nendlu yake. Nakufupi naye kwalungiswa ngu‐Hatushe unyana ka‐Hashabiniya.
11
Enye indawana elinganisiweyo, nenqaba yamaziko, wazilungisa u‐Malekiya unyana ka‐Harime, no‐Hashube unyana ka‐Pahati‐mowabi.
12
Nakufupi naye walungisa u‐Shalume unyana ka‐Haloheshe, inkosi y esinye isiqingata sesahlulo sase‐Yerusaleme, yena nentombi zake.
13
Isango lesihlambo walilungisa u‐Hanune, nabemi base‐Zanoha; balaka, bazimisa ingcango zalo, n ezitshixelo zalo, nemivalo yalo, newaka lekubite zodonga kwada kwakulo isango lenkunkuma.
14
Nesango lenkunkuma walilungisa u‐Malekiya unyana ka‐Rekabe, inkosi yesahlulo sase‐Bete‐kereme; walaka, wazimisa ingcango zalo, n ezitshixelo zalo, nemivalo yalo.
15
Nesango lomtombo walilungisa u‐Shalune unyana ka‐Kole‐hoze, inkosi yesahlulo sase‐Mitsipa; walaka, waligubungela, wazimisa ingcango zalo, n ezitshixelo zalo, nemivalo yalo; walungisa nodonga lwecibi le‐Siloha ngasentsimini yokumkani, nakude kwakuzo izinyukelo ezihlayo esixekweni sika‐Davide.
16
Emva kwake kwalungiswa ngu‐Nehemiya unyana ka‐Hazebuke, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Bete‐tsure, kwada kwamalungana namancw̔aba ka‐Davide, nakude kwakulo icibi elibe lenziwe, nakude kwakuyo indlu yamagoṙa.
17
Emva kwake kwalungisa aba‐Levi, u‐Rehumi unyana ka‐Bani. Kufupi naye kwalungiswa ngu‐Hashabiya, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Kehila, esahlulweni sake.
18
Emva kwake kwalungisa abazalwana babo, u‐Bavai unyana ka‐Henadade, inkosi y esinye isiqingata sesahlulo sase‐Kehila.
19
Nakufupi naye walungisa u‐Hezere unyana ka‐Yoshuwa, inkosi ye‐Mitsipa, enye indawana elinganisiweyo, malungana nendawo enyukayo ngasendlwini yezixo̔bo, ekujikeni kwodonga.
20
Emva kwake wanyameka ukulungisa u‐Baruke unyana ka‐Zabai enye indawana elinganisiweyo, kwa sekujikeni kwodonga kwada kwaselucangweni lwendlu ka‐Eliyashibe umperisite omkulu.
21
Emva kwake kwalungisa u‐Meremote, unyana ka‐Huriya, unyana ka‐Kotse, enye indawana elinganisiweyo, kwa selucangweni lwendlu ka‐Eliyashibe kwada kwasencameni yendlu ka‐Eliyashibe.
22
Nasemva kwake kwalungisa abaperisite, amadoda asetafeni.
23
Emva kwake kwalungisa u‐Benjamine no‐Hashube malungana nendlu yabo. Emva kwake kwalungiswa ngu‐Hazariya, unyana ka‐Mahaseya, unyana ka‐Hananiya, ngasendlwini yake.
24
Emva kwake kwalungisa u‐Binuwi unyana ka‐Henadade enye indawana elinganisiweyo, kwa sendlwini ka‐Hazariya kwada kwasekujikeni kwodonga, nakude kwakulo igumbi.
25
U‐Palale unyana ka‐Uzai walungisa malungana nokujika kwodonga, nenqaba epuma ngapandle kwendlu ende yokumkani, ebikufupi nenkundla yentolongo. Emva kwake kwalungisa u‐Pedaya unyana ka‐Paroshe.
26
Kanjalo aba‐Netini, a bebehlala e‐Hofeli, balungisa kwada kwamalungana nesango lamanzi ngasempumalanga, nenqaba epumayo.
27
Emva kwabo kwalungisa aba‐Tekoha enye indawana elinganisiweyo, malungana nenqaba enkulu epumayo, kwada kwaseludongeni lwe‐Hofeli.
28
Entla kwesango lamahashe kwalungisa abaperisite, abanye ngabanye malungana nezindlu zabo.
29
Emva kwabo kwalungisa u‐Tsadoki unyana ka‐Yimeri malungana nendlu yake. Nasemva kwake kwalungiswa ngu‐Shemaya unyana ka‐Shekaniya, umgcini wesango lasempumalanga.
30
Emva kwake kwalungisa u‐Hananiya unyana ka‐Shelemiya, no‐Hanune owesitandatu unyana ka‐Tsalafe, enye indawana elinganisiweyo. Emva kwake kwalungisa u‐Meshulame unyana ka‐Berekiya malungana nenkambili yake.
31
Emva kwake kwalungiswa ngu‐Malekiya unyana wencibi yegolide, kwada kwakuyo indawo yaba‐Netini, neyabatengi, malungana nesango le‐Mifekade, nakude kwakuyo inkambili yapezulu yegumbi.
32
Napakati kwenkambili yapezulu yegumbi nesango legusha, kwalungisa incibi zegolide nabatengi.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13