bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nehemiah 12
Nehemiah 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
1
ABA ngabaperisite naba‐Levi abanyukayo kunye no‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa: u‐Seraya, u‐Jeremiya, u‐Ezera,
2
u‐Amariya, u‐Maluke, u‐Hatushe,
3
u‐Shekaniya, u‐Rehumi, u‐Meremote,
4
u‐Hido, u‐Ginetoi, u‐Abiya,
5
u‐Miyamine, u‐Mahadiya, u‐Bilega,
6
u‐Shemaya, no‐Yoyaribe, u‐Yedaya,
7
u‐Salu, u‐Hamoke, u‐Hilikiya, n o‐Yedaya. Aba bebezintloko zabaperisite, nabazalwana babo, emihleni ka‐Yoshuwa.
8
Naba‐Levi: u‐Yoshuwa, u‐Binuwi, u‐Kadimele, u‐Sherebiya, u‐Juda, n o‐Mataniya: ebepezu kwemibulelo, yena nabazalwana bake.
9
Kanjalo u‐Bakebukiya no‐Huni, abazalwana babo, bebelunge nabo ekulindeni.
10
Kekaloku u‐Yoshuwa wazala u‐Yoyakime, no‐Yoyakime wazala u‐Eliyashibe, no‐Eliyashibe wazala u‐Yoyada,
11
no‐Yoyada wazala u‐Jonatane, no‐Jonatane wazala u‐Yaduwa.
12
Nasemihleni ka‐Yoyakime bebeko abaperisite, intloko zendlu zoyise: oka‐Seraya, ngu‐Meraya; oka‐Jeremiya, ngu‐Hananiya;
13
oka‐Ezera, ngu‐Meshulame; oka‐Amariya, ngu‐Jehohanane;
14
oka‐Meliku, ngu‐Jonatane; oka‐Shebaniya, ngu‐Josefe;
15
oka‐Harime, ngu‐Hadena; oka‐Merayoti, ngu‐Helekai;
16
oka‐Hido, ngu‐Zekariya; oka‐Ginetoni, ngu‐Meshulame;
17
oka‐Abiya, ngu‐Zikeri; oka‐Minyamine, oka‐Mohadiya, ngu‐Piletai;
18
oka‐Bilega, ngu‐Shamuha; oka‐Shemaya, ngu‐Jonatane;
19
noka‐Yoyaribe, ngu‐Matenai; oka‐Yedaya, ngu‐Huzi;
20
oka‐Salai, ngu‐Kalai; oka‐Hamoke, ngu‐Hebere;
21
oka‐Hilikiya, ngu‐Hashabiya; oka‐Yedaya, ngu‐Netaneli.
22
Aba‐Levi emihleni ka‐Eliyashibe, n o‐Yoyada, no‐Johanane, no‐Yaduwa, baba̔lwa ngokuba zintloko zendlu zoyise; kwa nabaperisite, kwada kwako ubukumkani buka‐Dariyusi um‐Peresiya.
23
Onyana baka‐Levi, intloko zendlu zoyise, bebeba̔lelwa encwadini yezikronike, kwada kwasemihleni ka‐Johanane unyana ka‐Eliyashibe.
24
Nentloko zaba‐Levi, u‐Hashabiya, u‐Sherebiya, no‐Yoshuwa unyana ka‐Kadimele, nabazalwana babo malungana nabo, badumisa babulela, ngomyalelo ka‐Davide indoda katixo, uluhlu malungana noluhlu.
25
U‐Mataniya, no‐Bakebukiya, u‐Hobadiya, u‐Meshulame, u‐Talimone, n o‐Hakube, bebengabalindimnyango begcina isigcino ezinkambilini zokubekela zamasango.
26
Aba bebeko emihleni ka‐Yoyakime, unyana ka‐Yoshuwa, unyana ka‐Yotsadaki, nasemihleni ka‐Nehemiya inkosi, no‐Ezera umperisite, umba̔li.
27
KEKALOKU ekutwasisweni kwodonga lwe‐Yerusaleme, kwafunwa aba‐Levi, kuzo zonke indawo zabo, ukuba baziswe e‐Yerusaleme, kuze kwenziwe ukutwasiswa ngokugcoba, nangokubulela, nangokuvuma, ngesimbali, na ngamaculo, nangehadi.
28
Kwahlanganiswa nonyana babaculi, kwa nasezweni elibutafa elingqongayo i‐Yerusaleme, nasemizini yama‐Netofati,
29
nase‐Bete‐gilegale, nasezindleni zase‐Geba ne‐Hazamaveti: ngokuba abaculi bebezakele imizi ngokungqonga i‐Yerusaleme.
30
Bati abaperisite naba‐Levi bazicokisa; bandula bacokisa abantu, namasango, nodonga.
31
Ndaza ndenyusa inkosi zakwa‐Juda pezu kwodonga, ndamisa amaqela mabini amakulu abayenza imibulelo nabahamba ngokuqoqoza, elati elinye laya ngasekunene pezu kwodonga ngasesangweni lenkunkuma:
32
nasemva kwabo kwahamba u‐Hoshaya, nesinye isiqingata senkosi zakwa‐Juda,
33
no‐Hazariya, u‐Ezera, no‐Meshulame,
34
u‐Juda, no‐Benjamine, no‐Shemaya, no‐Jeremiya;
35
nakubo onyana babaperisite benamaxilongo: u‐Zekariya, unyana ka‐Jonatane, unyana ka‐Shemaya, unyana ka‐Mataniya, unyana ka‐Mikaya, unyana ka‐Zakure, unyana ka‐Safa;
36
nabazalwana bake, u‐Shemaya, u‐Hazareli, u‐Milalai, u‐Gilalai, u‐Mahai, u‐Netaneli, no‐Juda, n o‐Hanani, benezinto zokuculisa zika‐Davide indoda katixo, u‐Ezera umba̔li epambi kwabo.
37
Nangasesangweni lomtombo, namalungana nabo, benyuka ngezinyukelo zesixeko sika‐Davide, apo kunyukayo ukuya eludongeni, ngasentla kwendlu ka‐Davide, baya esangweni lamanzi ngasempumalanga.
38
Nelesibini iqela labayenza imibulelo, elahamba malungana nelinye, kwahamba mna emva kwalo, nesinye isiqingata sabantu, pezu kwodonga, kwa sentla kwenqaba yamaziko kwada kwaseludongeni olubanzi;
39
nasentla kwesango lika‐Frayime, nasentla kwesango elidala, nasentla kwesango lentlanzi, nenqaba ye‐Hananele, nenqaba ye‐Meha, kwada kwalisango legusha: bada bema esangweni lentolongo.
40
Aza ema amaqela omabini abayenza imibulelo endlwini katixo, nam, nesinye isiqingata samagosa kunye nam;
41
nabaperisite, u‐Eliyakime, u‐Mahaseya, u‐Minyamine, u‐Mikaya, u‐Eliwenai, u‐Zekariya, n o‐Hananiya, benamaxilongo;
42
no‐Mahaseya, no‐Shemaya, no‐Elezari, no‐Huzi, no‐Jehohanane, no‐Malekiya, no‐Helami, no‐Hezere. Baye abaculi bevakalisa, no‐Yizeraya umongama.
43
Kanjalo ngalomini babinga imibingo emikulu, bagcoba; ngokuba utixo ebebagcobisile ngomgcobo omkulu: abafazi nabantwana bagcoba nabo: kwaza kwavakala umgcobo we‐Yerusaleme kwada kwakude.
44
KWAYE kupatiswa ngeloxesha abatile pezu kwenkambili, ezendyebo, ezeminikelo, ezelibo, nezezishumi, kuze kuqokelelwe kuzo okwamasimi asezixekweni, izabelwa ezimiselwe abaperisite naba‐Levi ngumteto: ngokuba o‐Juda bebevuya pezu kwabaperisite napezu kwaba‐Levi abakonzayo.
45
Bati nabaculi nabalindimnyango bagcina isigcinelo sotixo wabo, nesigcinelo sokucokisa, njengomyalelo ka‐Davide, no ka‐Solomone unyana wake:
46
ngokuba emihleni ka‐Davide no Safa, kwa kudala, bekuko intloko zabaculi, nengoma zendumiso nemibulelo kutixo.
47
No‐Sirayeli bonke, emihleni ka‐Zerubabeli, nasemihleni ka‐Nehemiya, banika izabelwa zabaculi nabalindimnyango, into yemini ngemini yayo: kanjako bangcwalisela aba‐Levi, naba‐Levi bangcwalisela usapo luka‐Arone.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13