bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 1
John 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 2 →
1
Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.
2
Yena lowo ebekho kwasekuqalekeni kuThixo.
3
Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.
4
Kuye kwakukho ubomi; baye obo bomi baba lukhanyiso eluntwini.
5
Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
6
Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.
7
Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngaye.
8
Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.
9
Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini.
10
Ube esehlabathini ke, ihlabathi labakho ngaye, kodwa ihlabathi alamazi.
11
Weza kwabakhe, baza abakhe abamamkelanga.
12
Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;
13
Abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.
14
uLizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
15
uYohane wangqina ngoLizwi; wadanduluka esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.
16
Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.
17
Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu.
18
Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.
19
Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na?
20
Wavuma yena, akakhanyela; wavuma ke esithi, Andinguye uKristu mna.
21
Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Wathi yena, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi yena, Hayi.
22
Athi ngoko kuye, Ungubani na? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe?
23
Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.
24
Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.
25
Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo?
26
Wabaphendula uYohane wathi, Mna ndibhaptiza ngamanzi, kodwa phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.
27
Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.
28
Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
29
Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.
30
Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum.
31
Ke nam bendingamazi; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.
32
uYohane wangqina, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe.
33
Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
34
Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.
35
Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe;
36
ondele kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo.
37
Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu.
38
Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Mfundisi), uhlala phi na?
39
Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini;
40
YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu.
41
Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu).
42
Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas, oko kukuthi ngentetho evakalayo, unguKefas.
43
Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele.
44
Ke uFilipu ebengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros.
45
uFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete.
46
Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone.
47
uYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye.
48
Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngantoni na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona.
49
Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo; wena unguye uKumkani wakwaSirayeli.
50
Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? uya kubona izinto ezinkulu kunezi.
51
Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21