bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 9
John 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 10 →
1
Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe.
2
Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?
3
Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye.
4
Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza.
5
Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.
6
Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawathambisa ngodongwe amehlo emfama leyo.
7
Wathi kuyo, Hamba uye kuhlamba echibini laseSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.
8
Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba?
9
Inxenye ibisithi, Nguye lo; abanye ke besithi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye.
10
Bathi ngoko kuye, Atyhilwe na amehlo akho?
11
Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona.
12
Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Wathi, Andazi.
13
Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama.
14
Ke kaloku kwakuyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe.
15
Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Uthe ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba;
16
Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Kwabakho iyantlukwano phakathi kwabo.
17
Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Wathi, Ungumprofeti.
18
Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuya wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.
19
Ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Kutheni na ke ngoku ebona?
20
Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;
21
Le nto ke abonayo ngoku asazi; novule amehlo akhe, asimazi thina; Buzani kuye, woziphendulela.
22
Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba unguKristu, aze akhutshwe esikhungwini.
23
Bathi ngoko abazali bakhe, Uselemkhulu; buzani kuye.
24
Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.
25
Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.
26
Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho?
27
Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe na?
28
Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe ongumfundi wakhe; Thina singabafundi bakaMoses.
29
Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.
30
Waphendula umntu lowo, wathi kubo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.
31
Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.
32
Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.
33
Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.
34
Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; usifundisa ntoni na? Bamkhuphela ngaphandle.
35
Weva uYesu ukuba amkhuphele phandle; Uthe akuba emfumene, wathi kuye, Uyakholwa na kuNyana kaThixo?
36
Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye?
37
uYesu wathi kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe.
38
Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye.
39
Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone; bathi ababonayo babe ziimfama.
40
Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na?
41
Wathi kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ngoko ke isono senu sihleli.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21