bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 7
John 7
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 8 →
1
Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala.
2
Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba.
3
Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo.
4
Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.
5
Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.
6
Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile.
7
Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.
8
Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki.
9
Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.
10
Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela.
11
Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?
12
Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi; ke yena ulahlekisa abantu.
13
Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda.
14
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa.
15
Amangaliswa amaYuda, esithi, Lo mfo ube nolwazi ngani na, engafundanga nje?
16
Wawaphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.
17
Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.
18
Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye.
19
Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; Yini na ukuba nifune ukundibulala?
20
Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?
21
Waphendula uYesu wathi kubo, Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke.
22
uMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku; Kungekuba iphume kuMoses, kungenxa yokuba iphuma kooyihlo. Niyalùsa ke nina nangesabatha.
23
Ukuba umntu uyaluswa ngoMhla woPhumlo, ukuze ungaphulwa umthetho kaMosis. Nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?
24
Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.
25
Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?
26
Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso?
27
Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.
28
Wadanduluka ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina.
29
Ke mna ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile.
30
Babefuna ngoko ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.
31
Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?
32
AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; Baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.
33
Wathi ngoko uYesu kubo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo.
34
Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.
35
Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali zakwaentlanga, afundise iintlanga?
36
Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?
37
Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele.
38
Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.
39
Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.
40
Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso.
41
Baye abanye besithi, Lo nguye uKristu. Babesithi ke abathile, uKristu angavela na kwelaseGalili na?
42
Asitsho na iziBhalo ukuthi uKrestu uyaphuma embewini kaDavide, ephuma eBhetelehem, apho wayekhona uDavide?
43
Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.
44
Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa izandla.
45
Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; bathi kubo, Yini na ukuba ningezi naye?
46
Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.
47
Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na?
48
Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?
49
Kodwa aba bantu bangawaziyo umthetho baqalekisiwe.
50
Athi kubo uNikodemo (lowo wezayo kuYesu ebusuku, engomnye wabo),
51
Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?
52
Baphendula bathi kuye, Ungaba ungowaseGalili nawe na? Phengulula ubone, kuba akuveli mprofeti kwelaseGalili.
53
Walowo ke waya kweyakhe indlu.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21