bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 12
John 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 13 →
1
uYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo.
2
Bamenzela isidlo khona; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye etafileni.
3
Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
4
Uthe ngoko omnye wakubafundi bakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo umngcatshayo.
5
Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswanga ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?
6
Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; kodwa ngenxa yokuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphatha oko zifakwa kuyo.
7
Wathi ngoko uYesu, Myeke; uwagcinele imini yokungcwatywa kwam.
8
Kuba amahlwempu nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam.
9
Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo.
10
Kodwa ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro;
11
ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu.
12
Ngengomso indimbane eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem,
13
Yathabatha amasebe esundu, yaphuma yaya kumkhawulela, yadanduluka, yathi, Hosana! Makabongwe uKumkani wakwaSirayeli, uzayo egameni leNkosi.
14
Uthe ke uYesu, elifumene iesile, wahlala phezu kwalo; njengoko kubhaliwe kwathiwa,
15
Musa ukoyika, ntombi inguZiyon; yabona, uKumkani wakho uza, ekhwele etholeni le-esile.
16
Ezo zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zibhaliwe ngaye, nokuba bayazenza ezi zinto kuye.
17
Ibe ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo.
18
Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso.
19
Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? nalo ihlabathi lilandela yena.
20
Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni.
21
Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu.
22
Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu.
23
Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe.
24
Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi.
25
Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.
26
Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba lapho nomkhonzi wam; ukuba ubani uthi andikhonze, wombeka uBawo.
27
Ngoku umphefumlo wam ukhathazekile; ndithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa; kungokunje ndizele leli lixa.
28
Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise.
29
Baye ngoko abantu ababemi khona, bekuva oko, bathi kuyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye.
30
Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu.
31
Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle.
32
Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.
33
Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.
34
Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, uNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?
35
Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani nisenokhanyiso, hleze ubumnyama bunifikele; kuba lowo uhamba ebumnyameni akakwazi apho aya khona.
36
Xa nisenokhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabantwana bokukhanya. Ezi zinto wazithetha uYesu, wemka, wazimela.
37
Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye;
38
ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?
39
Ababa nako ukukholwa ngoko, ngokuba uIsaya ubuya athi,
40
Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile intliziyo yabo; ukuze bangaboni ngamehlo, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise.
41
Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.
42
Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi babengamvumanga, ukuze bangagxothwa esikhungwini;
43
kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.
44
Wadanduluka ke uYesu, wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.
45
Lowo undibonayo ubona owandithumayo.
46
Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.
47
Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi.
48
Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
49
Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na.
50
Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko ke izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21