bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 2
John 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 3 →
1
Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona.
2
Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo.
3
Yakuphela iwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini.
4
Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? ilixa lam alikafiki.
5
Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.
6
Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu.
7
Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bazizalisa zada zafikelela eludinini.
8
Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Bayithwala ke.
9
Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini, engayazi nalapho ivela khona;
10
Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze akhuphe iwayini emnandi; 22 Xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
11
Lo mqondiso wakhe wokuqala uYesu wawenza eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
12
Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.
13
Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem.
14
Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.
15
Wenze iziniya ngentambo, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;
16
Waza wathi nakwabo bathengisa ngamahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.
17
Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.
18
Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?
19
Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.
20
Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?
21
Kodwa yena ubethetha ngetempile yomzimba wakhe.
22
Kwathi akuvuka kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe okokuba wayekuthethile oko kubo, basikholwa isibhalo, nelizwi awalithethayo uYesu.
23
Kwathi, xa uYesu wayeseJerusalem kwitheko lePasika, abantu abaninzi bakholwa kulo igama lakhe bakubona imimangaliso ayenzayo.
24
Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke;
25
Kwakungekho mfuneko yakuba kungqine bani ngomntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21