bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 10
John 10
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
1
Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.
2
Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.
3
Umgcini-sango uyamvulela lowo; nezimvu ziyaliva ilizwi lakhe, azibize ezakhe ngamagama, azikhokelele phandle.
4
Athi akuzikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zize izimvu zimlandele, ngokuba ziyalazi izwi lakhe.
5
Ke owasemzini aziyi kumlandela; ziya kusaba kuye; ngokuba azilazi ilizwi labasemzini.
6
Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.
7
Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.
8
Bonke abafika ngaphambi kwam bangamasela nezihange, kodwa izimvu azibeva.
9
Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.
10
Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
11
Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo ubuncamela izimvu ubomi bakhe.
12
Ungumqeshwa, engenguye umalusi, o izimvu ezingezizo ezakhe, uthi akubona ingcuka isiza, azishiye izimvu, asabe;
13
Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumqeshwa engazikhathalele izimvu.
14
Ndim umalusi olungileyo, ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.
15
Njengoko endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.
16
Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti. Kwanazo ndimelwe kukuzizisa; zaye ziya kuliva ilizwi lam; zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.
17
Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.
18
Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
19
Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.
20
Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule?
21
Abanye bathi, La mazwi asingowomntu unendimoni. Idemon inako na ukuwavula amehlo eemfama?
22
Ke kaloku kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.
23
Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon.
24
Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu wena, sixelele ngokuphandle.
25
Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.
26
Nina anikholwa; ngokuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.
27
Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
28
mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
29
uBawo ondinike zona ungaphezu kwabo bonke; akukho namnye unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.
30
Mna noBawo sibanye.
31
Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.
32
Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; Nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi?
33
Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle; kungenxa yokunyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu, usuke uzenze uThixo.
34
Wawaphendula uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?
35
Ukuba uthe bona bangoothixo, àbafikelwa kubo ilizwi likaThixo, sibe ke sona isibhalo singenakwaphulwa;
36
Nithi nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; Ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?
37
Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim.
38
Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.
39
Abuya ngoko afuna ukumbamba; kodwa wasinda esandleni sabo.
40
Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona.
41
Kweza babaninzi kuye, bathi, uYohane okunene akenzanga namnye umqondiso;
42
Bakholwa kuye, abaninzi apho.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21