bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 18
John 18
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 19 →
1
Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.
2
NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo, kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe.
3
Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga.
4
Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na?
5
Bamphendula bathi, uYesu waseNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Waye ke noYuda, lowo umngcatshayo, emi nabo.
6
Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.
7
Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, uYesu umNazarete.
8
Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;
9
ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.
10
Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene. Igama lesicaka lalinguMalko.
11
Wathi ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na?
12
Laza elo qela lamajoni nomthetheli-waka namadindala amaYuda bambamba uYesu, bambopha.
13
Wamsa kuAnas kuqala; kuba wayenguyise womkakhe kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka.
14
Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye afele abantu.
15
Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu.
16
uPetros ke wayemi ngasemnyango ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros.
17
Sathi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi, Andinguye.
18
Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebase umlilo wamalahle; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha.
19
Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe.
20
Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; Bendisoloko ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona; andithethanga nto emfihlekweni.
21
Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithethayo kubo; uyabona, bayakwazi oko ndakuthethayo.
22
Ke kaloku, akuba etshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?
23
Wamphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?
24
uAnas wamthumela ke ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25
Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha. Bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela ke wathi, Andinguye.
26
Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane soPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?
27
Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
28
Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; yaye bona abazange bangene endlwini yerhuluneli, ukuze bangazenzi inqambi; ukuze bayidle ipasika.
29
Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu?
30
Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi, singe singamnikelanga kuwe.
31
Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu;
32
ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.
33
Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda?
34
Wamphendula uYesu wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na?
35
Waphendula uPilato wathi, Mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenze ntoni na?
36
Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, abakhonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.
37
Wathi ngoko uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.
38
Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso? Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye.
39
Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela ukumkani wamaYuda na?
40
Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas esisihange.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21