bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 13
John 13
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 14 →
1
Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni.
2
Kwathi, sakuba isidlo sangokuhlwa, eselifakile umtyholi entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe.
3
uYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, nokuba waphuma kuThixo, waya kuThixo:
4
usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe; wathabatha itawuli, wabhinqa.
5
Emva koko wagalela amanzi esityeni sokuhlambela, waqala ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile.
6
Uza ke kuSimon Petros; athi kuye uPetros, Nkosi, zihlanjwe nguwe na iinyawo zam?
7
Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; wokwazi kamva.
8
Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.
9
Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.
10
Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.
11
Kuba ebemazi lowo umngcatshayo; Wathi ngenxa yoko, Anihlambulukile nonke.
12
Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?
13
Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; kuba ndinjalo.
14
Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi noMfundisi; nani nifanele ukuhlambana iinyawo.
15
Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni.
16
Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe; nalowo uthunyiweyo mkhulu kunalowo umthumileyo.
17
Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.
18
Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.
19
Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.
20
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.
21
Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
22
Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.
23
Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.
24
Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.
25
Eyame esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, ngubani na?
26
Waphendula uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika iqhekeza lesonka, xa ndithe ndalithi nkxu. Elithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.
27
Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Wathi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya.
28
Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye.
29
Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; nokuba makabanike into amahlwempu.
30
Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko;
31
Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye.
32
Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku.
33
Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina; ngoko ke ndithi kuni.
34
Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane; Njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane.
35
Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.
36
Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, uya ngaphi na? Umphendule uYesu, wathi, Apho ndiya khona, aninako ukundilandela ngoku; wondilandela emveni koko.
37
Wathi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.
38
Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21