bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 19
John 19
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 20 →
1
Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya.
2
Aza amasoldati aluka isithsaba sameva, ambeka entloko, amnxiba ingubo ebomvu,
3
besithi, Vuya, Kumkani wamaYuda! bambetha ke ngezandla.
4
Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye.
5
Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; Athi kubo uPilato, Nanko umntu.
6
Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye.
7
Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke ufanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo.
8
Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi.
9
Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? Akaphendula ke uYesu kuye.
10
Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula?
11
Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.
12
Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
13
Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye;
14
Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika, ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu!
15
Basuka ke bona bankqangaza, besithi, Msuse, mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Asinakumkani ngaphandle kukaKesare.
16
Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye.
17
Waphuma ethwele umnqamlezo wakhe waya kwindawo ekuthiwa yiNdawo yoKhakhayi, leyo kuthiwa ngesiHebhere yiGolgota,
18
apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.
19
uPilato wabhala nombhalo, wawubeka emnqamlezweni. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa, UYESU waseNazarete, uKumkani wamaYuda.
20
Lo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhalwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.
21
Bathi ngoko ababingeleli abakhulu bamaYuda kuPilato, Musa ukubhala ukuthi, uKumkani wamaYuda; wathi, NdinguKumkani wamaYuda.
22
Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile.
23
Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo ezine, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke yona ingubo yangaphantsi ibingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu.
24
Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiyenze amaqashiso, ukuba yoba yekabani na; ukuze sizaliseke isibhalo esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.
25
Ke kaloku kwakumi ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala.
26
uYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho!
27
Aze athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa loo mfundi wamthabatha, wamsa ekhayeni lakhe.
28
Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe.
29
Kwakukho isitya sizele yiviniga; bazalisa imfunxa ngeviniga, bayibeka phezu kwehisope, bayisa emlonyeni wakhe.
30
Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.
31
Athe ngoko amaYuda, ekubeni yayiyimini yokulungiselela, ukuba imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, babanjwe, kude.
32
Eza ngoko amasoldati, ayaphula okunene imilenze yowokuqala, neyomnye obebethelelwe emnqamlezweni naye.
33
Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe.
34
Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni, kwaoko kwaphuma igazi namanzi.
35
Nalowo ubonileyo ungqinile, nobungqina bakhe buyinyaniso; naye yena uyazi ukuba uthetha inyaniso, ukuze nani nikholwe.
36
Ezo zinto zenzeka ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kwaphulwa thambo lakhe.
37
Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.
38
Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; Weza ngoko, wawuthabatha umzimba kaYesu.
39
Kweza noNikodemo, lowo wezayo kuYesu ekuqaleni ebusuku, ephethe umxube wemore nehaloti, omalunga nekhulu leeponti.
40
Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda.
41
Ke kaloku, bekukho kuloo ndawo wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni umyezo; nasemyezweni apho bekukho ingcwaba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo.
42
uYesu ngoko bambeka khona apho, ngenxa yemini yokulungiselela kwamaYuda; kuba ingcwaba belikufuphi.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21