bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 15
John 15
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 16 →
1
Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.
2
Amasebe onke akum angavelisi siqhamo, uyawasusa;
3
Nina nihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.
4
Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni; aninako ukuphinda nina, ukuba anihlalanga kum.
5
Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.
6
Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; bazibuthe abantu, baziphose emlilweni, zitshiswe.
7
Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe.
8
Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabafundi bam ngokunjalo.
9
Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam.
10
Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe.
11
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.
12
Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.
13
Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.
14
Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.
15
Ngoku ke andinibize ngokuba ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; ke mna ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.
16
Aninyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela ukuba nihambe nithwale isiqhamo, size nesiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, aninike.
17
Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.
18
Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani.
19
Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.
20
Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisile mna, bonitshutshisa nani; Ukuba ilizwi lam baligcina, nelenu boligcina.
21
Ezo zinto ke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.
22
Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.
23
Lowo uthiyileyo mna uthiye noBawo.
24
Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; ngoku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.
25
Kwenzeke ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.
26
Kodwa akufika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, wongqina ngam.
27
Nani ke niyangqina, ngokuba beninam kwasekuqalekeni.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21