bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
John 21
John 21
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
1
Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya, wazibonakalisa ngale ndlela.
2
Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini.
3
Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi sihamba nawe. Baphuma, bangena emkhombeni kwaoko; ababamba nto ngobo busuku.
4
Kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni, noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu.
5
Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Baphendula bathi kuye, Hayi.
6
Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.
7
Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebeze), waziphosa elwandle.
8
Ke bona abanye abafundi beza ngenqanawa; kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite ezimakhulu mabini, bewurhuqa umnatha weentlanzi.
9
Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, kukho nentlanzi kuwo, kwanesonka.
10
Athi kubo uYesu, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.
11
Wakhwela uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anesithathu;
12
Athi kubo uYesu, Yizani nidle. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ungubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.
13
Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.
14
Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo.
15
Bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.
16
Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa izimvu zam.
17
Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi zonke izinto wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.
18
Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho uthanda khona, hayi.
19
Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako. Akutsho wathi kuye, Ndilandele.
20
Ejikile ke uPetros, ubone umfundi obethandwa nguYesu elandela, owayama esifubeni sakhe esidlweni, wathi, Nkosi, ngubani na okungcatshayo?
21
uPetros akumbona lowo, uthi kuYesu: “Nkosi, lo mfo uza kwenza ntoni na?
22
Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? ndilandele wena.
23
Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?
24
Nguye lo umfundi ongqinayo ngezi zinto, wazibhala ezi zinto; kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene.
25
Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu, ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezingabhalwayo. Amen.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21