bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 1
2 Corinthians 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, no‐Timote umzalwana wetu, kuyo iṙemente katixo ese‐Korinte, kunye nabo bonke abangcwele abakuyo yonke i‐Akaiya:
2
Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3
Makabongwe yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, yena uyise wezibele notixo walo lwonke ulwonwabiso;
4
osonwabisayo kuko konke ukubandezelwa kwetu, size sibe namandla ukubonwabisa abo basekubandezelweni noko kunjanina, ngalo ololwonwabiso esonwatyiswayo ngalo kwa tina ngutixo.
5
Kuba njengokuba intlungu zika‐Kristu zikolisa ukusandela, kwa njalo ngaye u‐Kristu lukolisa ukwanda nonwabiso lwetu.
6
Kodwa nokuba siyabandezelwa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa, okusebenzayo ekunyamezeleni intlungu ezikwa zizo esizivayo nati; nokuba siyonwatyiswa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa.
7
Kanjalo itemba letu liqinisekile ngenxa yenu; sisazi nje ukuba, njengokuba ninobudlelana nazo intlungu, kwa njalo ninobudlelana nalo nonwabiso.
8
Ngokuba ndingatandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! ngako ukubandezelwa kwetu esasihlelwa kuko e‐Asiya, okokuba satwaliswa ngento egqitisileyo, pezu kwamandla etu, sada sancama nobomi:
9
ewe tina ngokwetu sibe sinomgwebo wokufa kwa kuti, ukuze singabi sitembela kokwetu, koko sibe sitembela kutixo ovusayo abafileyo:
10
owasihlangulayo ekufeni okukulu kangaka, oti kanjalo ahlangule: esitemba kuye ukuba woba esahlangula kanjalo;
11
nani ninceda kunye ngenxa yetu ngokukunga kwenu, ukuze obobubele sabenzelwayo ngetuba labantu abaninzi lubulelwe ngabaninzi ngenxa yetu.
12
Ngokuba ukuqa̔yisela kwetu kuko oku, kwa ukunqi̔na kwesazeliso setu, okokuba sati kulo ulungelelwano nobunene bukatixo, kwakungekubo ubulumko obubunyama, kwakukulo ufefe lukatixo, sanokuhlala kwetu elizweni, nakakulu ngakumbi ke ngakuni.
13
Ngokuba singaba̔li ezinye izinto kuni, ngapandle kwezo nizileseshayo nenizivumayo; enditemba kanjalo ukuba nozivuma kwa kude kube sekupeleni;
14
kwa njengokuba nasivumayo ngokwenxenye, ukuba siluqa̔yiselo lwenu, njengokuba nani nilolwetu, emhleni wenkosi u‐Yesu.
15
Kanjako kwesisitembelo ndibe ndifuna ukuza kuni tanci, ukuze nizuze intsikelelo yesibini;
16
nokudlula ngani ukuya e‐Masedoniya, nokuti ndivela e‐Masedoniya ndize kuni kanjako, ndipelekelelwe nini ukuya e‐Judeya.
17
Kekaloku nxa ndibe ndifuna oku, ndaka ndenza ngokuqetuka na? izinto endizicingayo, ndiyazicinga ngokwenyama kusinina, ukuze kubeko kum ukuti ewe ewe, nokuti hai hai?
18
Kodwa utixo enyanisekile nje, ilizwi letu kuni belingengu‐ewe no‐hai.
19
Ngokuba unyana katixo, u‐Yesu Kristu, owashunyayelwa pakati kwenu siti, ndim no‐Silivane no Timote, bekungengu‐ewe no‐hai, koko kwenziwe u‐ewe kuye:
20
ngokuba amadinga katixo noko maninzi kangakananina, ukuye u‐ewe, ukuye u‐amene, kube bubungcwalisa kutixo ngati tina.
21
Kekaloku lowo osiqinisayo kunye nani ku‐Kristu, nositambisileyo, ngutixo;
22
ote kanjalo wasincamatisela, wasinika isibambiselo somoya ezintliziyweni zetu.
23
Kodwa mna ndiyambiza utixo abe linqi̔na pezu kwompefumlo wam, ukuba ngokunga ndinganiyeka andabi sa funa ukuza e‐Korinte:
24
kungekukuba sipata ubukosi pezu kwenkolo yenu, kukuba singabancedi bovuyo lwenu; ngokuba nimiyo ngenkolo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13