bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 3
2 Corinthians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
1
Siyaqala kanjako ukuzazisa na? siyaswela kusinina, njeng abanye abatile, incwadi zokwazisa zisiza kuni, umhlaumbi incwadi zokwazisa zivela kuni?
2
Incwadi yetu nini, iba̔lelwe ezintliziyweni zetu, isaziwa ileseshwa nokuleseshwa ngabo bonke abantu;
3
nibonakaliswa nje ukuba niyincwadi ka‐Kristu yenziwe ngokukonza kwetu, iba̔liwe kungengeyinke, ku ngomoya katixo ohleliyo, kungesemacwecweni amatye, kusemacwecweni enyama entliziyo.
4
Isitembelo esinjalo ke sinaso ngaye u‐Kristu ngakutixo:
5
kungekukuba silinganele ukutelekelela into ngokwetu, njengokungati kuvela kwa kuti; koko ukulinganela kwetu kuvela kutixo;
6
owati kanjalo wasenza silinganele ukuba ngabakonzi bocebano olutsha; bengengabegama, bengabomoya; ngokuba igama libulala, kodwa umoya uyanika ubomi.
7
Kodwa ukuba isikonzo sokufa, siba̔lelwe emagameni, siqingqelwe ematyeni, besisebungcwaliseni, lude lukohlwe usapo luka‐Sirayeli kukuti nama ukukangela ngasebusweni buka‐Mosesi, ngenxa yobungcwalisa bobuso bake, obebuya kutshatyalaliswa;
8
kungati nina ukuba isikonzo somoya asiyi kuti ngakumbi sibe sebungcwaliseni?
9
Ngokuba isikonzo sokugweba ukuba sibungcwalisa, siti isikonzo sobulungisa kakulu ngakumbi sigqitise ngokuba sebungcwaliseni.
10
Ngokuba kwa oko okwenzelwe ubungcwalisa kungenzelwanga ubungcwalisa kuyo lendawo, ngenxa yobungcwalisa obudluliseleyo.
11
Ngokuba oko kutshatyalaliswayo ukuba bekunobungcwalisa, kukakulu ngakumbi oko kuhlalayo kusebungcwaliseni.
12
Ngako sinalo itemba elinjalo nje, siyateta kwa sekuhleni kakulu:
13
kungenjengokuba u‐Mosesi ebebeka isigubungelo pezu kwobuso bake, ukuze ke usapo luka‐Sirayeli lungati nama ukukangela ngasesipelweni sobekuya kutshatyalaliswa.
14
Koko ingqondo zalo zaba lukuni: ngokuba kwada kwanamhla nje eso sona isigubungelo sisiti ekuleseshweni kwocebano oludala sihlale singahlutywanga, into etshatyalaliswayo ku‐Kristu.
15
Koko kwada kwanamhla, xeshekweni kuleseshwayo u‐Mosesi, kulele isigubungelo pezu kwentliziyo yalo.
16
Kodwa xeshekweni isukuba iguqukela kwinkosi, siyasuswa kanye isigubungelo eso.
17
Kekaloku yona inkosi inguye umoya; nalapo akona yena umoya wenkosi, ikwa kona inkululeko.
18
Kodwa tina sonke, sibukangela nje ngobuso obungagujungelweyo njengasencwadini ubungcwalisa benkosi, siyaguqulelwa kulowo wona umfanekiso kwa kubo obunye ubungcwalisa kude kube kobunye ubungcwalisa, njengokuba buvela kuyo inkosi umoya.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13