bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 8
2 Corinthians 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
1
KANJAKO siyanazisa, bazalwana! ufefe lukatixo olunikiweyo eziṙementeni zase‐Masedoniya;
2
ukuba ekulingeni okukulu kwembandezelo ubuninzi bovuyo lwabo nobuhlwempu obubohlekileyo babo bakolisa ukwandela ubutyebi besisa sabo.
3
Ngokuba ngokwamandla abo, (ndiyanqi̔nela oku,) ewe napezu kwamandla abo bapa ngokwabo ukutanda;
4
besitandaza ngembongozo eninzi, ukuba samkele ubabalo lwabo, sidlelane nabo ekwabeleni abangcwele.
5
Bekungenjengokuba sibe sitemba, koko bazinikelayo kuqala enkosini, nakuti, ngayo intando katixo:
6
sada samyala u‐Titusi, ukuba makati, njengokuba ebesel’ eqalile, abe kwa njalo efeza pakati kwenu nofefe olu.
7
Kodwa, njengokuba nikolisa ukwanda ezintweni zonke, elukolweni, naselizwini, nasekwazini, nakulo lwonke uku̔talo, naselutandweni lwenu kuti, lumkani ukuba nikolise ukwanda nakulo olufefe.
8
Anditeti ngendawo yokuyolela, koko nditeta ngetuba lokuku̔tala kwabanye, ndibulinga nje ubunyaniso botando lwenu kanjalo.
9
Ngokuba nilwazi ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba wati, nangona ebebutyebi, waba buhlwempu ngenxa yenu, ukuze nina ngobuhlwempu bake nibe butyebi.
10
Nakuko oku ndiyanika ingcingo yam: ngokuba oku kunilungele, ekubeni naseniqala nyakenye, kwakungekukwenza kodwa, kwakukuvuma kanjalo.
11
Ize kaloku nifeze nokwenza, ukuze kuti, njengokuba bekuko unxamelo lwokuvuma, kubeko kwa njalo nokufezwa kuko oko eninako.
12
Ngokuba unxamelo ukuba seluko, kungoko asukuba enako umntu akolekileyo, akungoko angenako.
13
Ngokuba ndisitsho kungekukuba kubeko ubulula kwabanye, nembandezelo kuni;
14
kukuba kuti, ngokulingana, ngelixesha lakaloku nje ubuninzi benu benzelel ele ukuswela kwabo, ukuze nobuninzi babo bube nokwenzelel ela ukuswela kwenu; ukuba kube kukulingana;
15
njengokuba kuba̔liwe ukuti: Obe bute okuninzi akabanga nokupezulu, nobe bute okuncinane akabanga nakuswela.
16
Kodwa makubulelwe kutixo, olubekayo uku̔talo olukwa lulo ngenxa yenu entliziyweni ka Titusi:
17
kuba ebesamkela isiyalo setu; kodwa eba nokuku̔tala ngakumbi nje, wapuma ngokwake ukutanda ukuya kuni.
18
Site kanjalo kunye naye samtuma umzalwana, odunyiswa evangelini lukuzo zonke iṙemente;
19
kunge njalo ke kodwa, koko kanjako ebebalulwa ziṙemente ukuba ngumpeleki wetu ekuhambeni nalo ubabalo olu, olwabiwa siti kuze kubonakaliswe ubungcwalisa benkosi ngokwayo, nonxamelo lwenu:
20
sikulumkela oku nje, ukuba kungabiko mntu oṙoṙayo ngati ku lento yobubuninzi obabiwa siti:
21
sisazalelela izinto ezifaneleyo, kungesebusweni benkosi kodwa, kusebusweni babantu kanjalo.
22
Saye simtumile kunye nabo umzalwana wetu, esimfumeneyo futi ezintweni ezininzi ukuba uku̔tele, kodwa ngoku uku̔tele kakulu ngakumbi, ngesitembelo esikulu a naso ngakuni.
23
Nokuba kubuz elwa u‐Titusi, ulikolwane lam nomsebenzisi wam ngakuni: nokuba kubuzelwa abazalwana betu, bangabatunywa bazo iṙemente, no bungcwalisa buka‐Kristu.
24
Ngako ke isiboniso sotando lwenu, nesoqa̔yiso lwetu ngenxa yenu, sibonakaliseni kubo, nasebusweni bazo iṙemente.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13