bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 4
2 Corinthians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
1
NGENXA yoku, sinaso isikonzo esi nje, njengokuba silwamkele ufefe, asinakudinwa;
2
koko sizalile izinto ezifihlakeleyo zehlazo, singahambi ebuqokolweni, singapati ilizwi likatixo ngobukohliso kanjalo; koko ngokubonakaliswa kwayo inyaniso sizazisa kwisazeliso sabantu bonke ebusweni bukatixo.
3
Kodwa ukuba igujungelwe nevangeli yetu, igujungelwe kubo ababubayo;
4
ekukubo utixo welilizwe likoyo umfamekisile ingqondo zabangakolwayo, ukuze kungakazimli pezu kwabo ukukanyisa kwevangeli yobungcwalisa buka‐Kristu, ongumfanekiso katixo.
5
Ngokuba singazishumayeli tina, koko sishumayela u‐Kristu Yesu ukuba u yinkosi; nati tina ukuba sizizicaka zenu ngenxa ka‐Yesu.
6
Ngokokuba ngutixo, owaxela ukuba ukukanya kukanye kupuma ebumnyameni, owakanyayo ezintliziyweni zetu kuze kube kukukanyisa kwokwaziwa kwobungcwalisa bukatixo ebusweni buka‐Yesu Kristu.
7
Kodwa sinayo indyebo le ezimpahleni zodongwe, ukuze ubungangamsha bamandla bube bo bukatixo, bungabi bobakuti ke:
8
sibandezelwa ngamacala onke nje, singaxingekile noko; sixakekile nje, singancami noko;
9
sitshutshiswa nje, singashiywa noko; sikahlelwe pantsi nje, singabujiswa noko;
10
simana sikutwala ngamaxesha onke emzimbeni ukufa kwenkosi u‐Yesu, ukuze ubomi buka‐Yesu nabo bubonakaliswe emzimbeni wetu.
11
Ngokuba tina sihleliyo kufuti sinikelwa ekufeni ngenxa ka‐Yesu, ukuze ubomi buka‐Yesu nabo bubonakaliswe enyameni yetu enokufa.
12
Kwa njalo ke ukufa kuyasebenza kuti, kodwa ubomi kuni.
13
Kodwa sinawo lowo wona umoya wokolo, njengoko kuba̔liweyo ukuti: Ndakolwa, kungoko ndatetayo; nati siyakolwa, siti ngoko kanjalo sitete;
14
sisazi nje ukuba lowo wavusayo inkosi u‐Yesu uya kuti tina nati asivuse ngaye u‐Yesu, asimise kunye nani.
15
Ngokuba izinto zonke zingenxa yenu, ukuze ufefe lwandisiwe nje luti ngabo abaninzi lwenze umbulelo ukolise ukwandela ubungcwalisa bukatixo.
16
Ngako oku asinakudinwa; koko nakuba umntu wetu wapandle ebuba, owapakati noko uyahlaziywa ngemihla ngemihla.
17
Ngokuba ubandezelo lwetu olulula olukoyo kodwa, lusenzela tina ngento egqitisileyo kakulu ngakumbi ubungcwalisa obunzima obungunapakade;
18
nxa singagqali izinto ezibonwayo, koko sigqala izinto ezingabonwayo; ngokuba izinto ezibonwayo zezomzuzu kodwa, kanti izinto ezingabonwayo zingunapakade.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13