bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 11
2 Corinthians 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
1
AKWABA niyandinyamezela kancinane ebudengeni‐ bam! ewe, kenindinyamezele.
2
Ngokuba ndinobukwele pezu kwenu ngobukwele bukatixo: ngokuba ndinendisele kwindoda inye, ukunimisela ku‐Kristu njeng entombi ipela ecokisekileyo.
3
Kodwa ndiyoyika, hleze kungati, njengokuba yona inyoka yamlukuhla u‐Eva ngobuqokolo bayo, kwa njalo inkumbulo zenu zonakaliswe zipanjukiswe kulo ulungelelwano olungakuye u‐Kristu.
4
Ngokuba lowo uzayo ukuba uyashumayela omnye u‐Yesu esingashumayelanga yena, umhlaumbi ukuba niyamkela umoya wumbi eningamkelanga yena, umhlaumbi ivangeli yimbi eningamkelanga yona, beningalungisayo ukunyamezela.
5
Ngokuba nditelekelelisa ukuba andincipekile nganye into kubo abobapostile abagqitisileyo ngobukulu.
6
Kodwa nokuba ndingongenabuciko ekuteteni, andinjalo ekwazini; koko kuko konke sibonakalisiwe kuni ezintweni zonke.
7
Ndenza isono kusinina ekuzitobiseni kwam ukuze nipakanyiswe nina, ekubeni ndayishumayela kuni ivangeli katixo ndingabizi nto?
8
Ezinye iṙemente ndazipanga, nditabatile nje umvuzo kwa kuzo, kuze kukonzwe nina.
9
Naxeshekweni bendiko kuni, ndaza ndaswela, ndibe ndingengumtwalo kumntu namnye: ngokuba intswelo zam bazenzelela abazalwana bakuvela e‐Masedoniya; ewe ezintweni zonke ndazigcina ndingabi bunzima kuni, ndandiya kuzigcina njalo kanjako.
10
Inyaniso ka‐Kristu iko kum nje, ukuqa̔yisa oku akuyi kundivingcelwa emazweni ase‐Akaiya!
11
Nganina? ngokokuba ndinganitandi na? Utixo uyazi.
12
Kodwa oko ndikwenzayo, kwa kona ndiya kukwenza, ukuze ndibanqamle ituba abo bafuna ituba; ukuze bati entweni baqa̔yisa ngayo, bafunyanwe bekwa njengati.
13
Ngokuba abanjalo bengabapostile ababuxoki, abasebenzi abanenkohliso, bezenza ngakumbi babe nesimilo sabapostile baka‐Kristu.
14
Asi yinto yokutelwa nqa kanjalo: ngokuba kwa yena u‐Satane ezenza ngakumbi abe nesimilo sengelosi yokukanya.
15
Asi yinto enkulu ngoko, ukuba abakonzi bake nabo bayazenza ngakumbi babe nesimilo njengabakonzi bobulungisa; abasipelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
16
Nditi kanjako: Makungabiko mntu oba ndisisidenge; kodwa ukuba noba ndinjalo, ndamkeleni ke noko kwa njengesidenge, ukuze ndike nditi nam ndiqa̔yise kancinane.
17
Oko ndikutetayo, andikuteti ngo kwenkosi, koko ndikuteta njengasebudengeni, kokukwomelela kwokuqa̔yisa.
18
Ekubeni abaninzi baqa̔yisayo ngokwenyama, ndiya kuqa̔yisa nam.
19
Ngokuba ninyamezela izidenge ngokuvuya, nina nizizilumko nje.
20
Ngokuba ninyamezela, akuti umntu anifake ebukobokeni, akuti umntu anidle, akuti umntu anibambe, akuti umntu azipakamise, akuti umntu anibete ebusweni.
21
Nditsho ngokwendeleko, njengokungati sibe sibutataka tina. Kodwa into asukuba umntu enokukalipa ngayo, (ndiyateta ngobudenge,) ndinokukalipa kwa nam.
22
Bangama‐Hebere na? ndinjalo nam. Bangama‐Sirayeli na? ndinjalo nam. Bayinzalo ka‐Abrahame na? ndinjalo nam.
23
Bangabakonzi baka‐Kristu na? (nditeta ndihiliza nje,) ndinjalo mna ngokupezulu: ndisemizanyweni kakulu ngakumbi, ndinemivimbo ngento epezu kwembaliso, ndisezintolongweni kakulu ngakumbi, kufuti ndisekufeni:
24
kuma‐Juda ndati kahlanu ndamkela imivimbo engamashumi mane kuyekwa mnye;
25
ndabetwa ngentonga katatu; ndagityiselwa ngamatye kanye; ndapukelwa yinqanawa katatu; ndenze ubusuku nemini enzulwini yolwandle:
26
ngokuhamba futi; ngengozi ngemilambo, ngengozi ngamabada, ngengozi zivela kwisizwe sakowetu, ngengozi zivela kubaheyideni, ngengozi esixekweni, ngengozi entlango, ngengozi elulwandleni, ngengozi pakati kwabazalwana ababuxoki:
27
ekuzameni nasekudinisweni, ekupapameni futi, ekulambeni nasekunxanweni, ekuzileni ukutya futi, engqeleni nasebuzéni.
28
Kungeko ezozinto zingapandle, kuko ukuxinwa endinako imihla ngemihla, ukukatalelwa kweremente zonke.
29
Ngubanina obutataka, ndize ndingabi butataka na mna? Ngubanina oxakaniswayo, ndize ndingatshi na kwa mna?
30
Ukuba ndifanele ukuqa̔yisa, ndiya kuqa̔yisa ngezinto zobulwelwe bam.
31
Yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, odumisekayo kude kube ngunapakade, uyazi ukuba andixoki.
32
E‐Damakusi inkosi yabantu ngapantsi kwake u‐Areta ukumkani ibilinda isixeko sama‐Damakusi ifuna ukundibamba;
33
ndaza ndahliswa ngesituba engobozini ngodonga, ndasinda ezandleni zayo.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13