bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 13
2 Corinthians 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
1
LIXESHA lesitatu eli endiza kuni. Ngomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu onke amazwi aya kumiswa.
2
Senditshilo ke, nditsho pambili na lapa, njengokungati bendiko ngokwesibini, kanti ndingeko nje ndiyaba̔la kaloku, kubo abo base bonile, nakubo abanye bonke, ukuti, xeshekweni ndibuya ndifike, andiyi ku ba yeka:
3
ekubeni niwufuna umlingo wokuba ngu‐Kristu oteta ngam, ongebutataka ngakuni, koko enamandla pakati kwenu.
4
Ngokuba nangona ebekuruseshwa ngobutataka, uyadla ubomi noko ngamandla katixo. Ngokuba nati sibutataka kuye, koko siya kudla ubomi kunye naye ngamandla katixo ngakuni.
5
Zibenceni, ukuba niselukolweni kusinina; zilingeni. Anizazeli ngokwenu na, ukuba u‐Yesu Kristu ukuni? ukuba kambe aningabo abaliwayo.
6
Kodwa ndiyatemba ukuba niya kwazi ukuba tina asingabo abaliwayo.
7
Kekaloku ndiyatandaza kutixo ukuba ningenzi nanye into ekohlakeleyo; kungekukuba tina sibonakale singababukwayo, koko kukuba nina nikwenze oko kufanelekileyo, nakuba besiya kuti tina sibe njengabaliwayo.
8
Ngokuba singeyenze into ukumela inyaniso, koko ukunceda inyaniso.
9
Ngokuba sivuya, sakuba tina sibutataka, nani ninamandla: kanjalo oku nako siyakunqwena, kwa inzaliseko yenu.
10
Ngenxa yoku ndiyaba̔la ezizinto ndingeko nje, ukuze nditi, nxa ndikoyo, ndingenzi ngobukali, njengokwegunya endanikwa lona yinkosi, libe lelokumisa, lingabi lelokuci̔ta.
11
Okuseleyo, bazalwana! vuyani, yibani nizalisekile, yibani nisonwatyiswa, yibani nokuvumelana, yibani noxolo; waeya kuti utixo wotando noxolo abeko nani.
12
Bulisanani ngokwanga okungcwele.
13
Bonke abangcwele bayanibulisa.
14
Ufefe lwenkosi u‐Yesu Kristu, notando lukatixo, nodlelano lwomoya oyingcwele, malube nani nonke. Amene.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13