bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 5
2 Corinthians 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
1
Ngokuba sisazi ukuba siti, xeshekweni indlu yetu yasemhlabeni yolupahla ici̔twayo, sinaso isakiwo sivela kutixo, indlu ingenziwanga ngezandla, ingunapakade, ezulwini.
2
Ngokuba kulo olu sigula, silangazelela ukwambata intlalo yetu evela ezulwini:
3
ukuba kambe nxa sivete nje asiyi kufunyanwa sizé.
4
Ngokuba tina esikulo olupahla sigula, sitwaliswa ke: ekubeni singafuni ukuhlutyululwa, koko sifuna ukwambatiswa, ukuze oko kunokufa kuginywe bubomi.
5
Kekaloku lowo owasenzela kwa yona lento ngutixo, ote kanjalo wasinika isibambiselo somoya.
6
Sinokwomelela ngoko ngamaxesha onke nje, sisazi nokwazi ukuba siti, nxa sisekaya letu emzimbeni, sikude nekaya letu enkosini;
7
(ngokuba sihamba ngalo ukolo, singa hambi ngako okubonakalayo;)
8
siyomelela ke, ewe siyanxamela ukuti ngakumbi sifuduke emzimbeni, sigodukele kwinkosi.
9
Ngako oko siyazamela ukuba siti, nokuba siseko, nokuba siyafuduka, sibe sikolekile kuyo.
10
Ngokuba sifanele tina sonke ukubonakaliswa pambi kwesihlalo sokugweba sika‐Kristu; ukuze bonke ngabanye babuye bamkele izinto ezenziweyo besemzimbeni, ngokwezinto bazenzileyo, nokuba yinto elungileyo, nokuba yinto ekohlakeleyo.
11
KEKALOKU silwazi nje ulwoyikeko lwenkosi, siyacenga abantu: kodwa sibonakalisiwe kutixo; ewe ndiyatemba kanjalo ukuba sibonakalisiwe pakati kwezazeliso zenu.
12
Ngokuba singabuyi sizazise kuni, koko sininika ituba lokuqa̔yisela ngenxa yetu, ukuze nibe nalo ngakubo abati baqa̔yise ebusweni, banga qa̔yisi entliziyweni.
13
Ngokuba nokuba sinobuhilihili, kungenxa katixo; nokuba sinokuqonda kwetu, kungenxa yenu.
14
Ngokuba utando luka‐Kristu lusinyanzela, sigwebile nje oku ukuti, ukuba omnye wafela bonke, kukona bafayo kwa bonke:
15
kanjalo wafela bonke, ukuze abo bahleliyo bangabi sazihlalela bona, koko bahlal ele lowo ute ngenxa yabo wafa wabuya wavuka.
16
Kwa njalo tina emveni kwakaloku nje asazi ngokwenyama namnye umntu: ewe nokuba simazile ngokwenyama u‐Kristu, noko ngoku asisamazi.
17
Kwa njalo ukuba umntu ukuye u‐Kristu, usisidalwa esitsha: izinto zakudala zidlulile; bona ke, zonke izinto ziba zintsha.
18
Kanjako zonke izinto zivela kutixo, owasixolisana naye ngokwake ngaye u‐Yesu Kristu, wasinika tina isikonzo soxolisano;
19
esokuti utixo ube ku‐Kristu elixolisana naye ngokwake ilizwe, engabaleli kubo iziposo zabo; wayebekela kuti ilizwi loxolisano.
20
Ngako sizizitunywa esikundleni sika‐Kristu, njengokungati utixo ebe ni kunga ngati: siya ni tandaza esikundleni sika‐Kristu, manixoliswane notixo.
21
Ngokuba lowo ubengasazanga isono wamenza ukuba sisono ngenxa yetu; ukuze tina sibe bubulungisa bukatixo kuye.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13