bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 12
2 Corinthians 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
1
Ukuqa̔yisa kambe akundilungele: ngokuba ndiya kuza kuzo izibonakalo nezityilo zenkosi.
2
Ndiyamazi umntu ku‐Kristu, kuse kuyiminyaka elishumi linesine (nokuba ebesemzimbeni na, andikwazi; nokuba ebengapandle kwomzimba na, andikwazi; utixo uyazi;) onjalo esuselwe kwa kulo elesitatu izulu.
3
Ewe ndiyamazi umntu onjalo, (nokuba ebesemzimbeni, nokuba ebengapandle kwomzimba kusinina, andikwazi; utixo uyazi;)
4
ukuba wasuselwa eparadisi, waza weva amazwi angatetekiyo, lawo angavunyelwayo umntu ukuba awatete.
5
Ngaye onjalo ndiya kuqa̔yisa; kodwa ngam isiqu sam andiyi kuqa̔yisa, kupela ezilwelweni zam.
6
Ngokuba xeshekweni ndifuna ukuqa̔yisa, andiyi kuba sisidenge; ngokuba ndiya kuteta inyaniso: kodwa ndiyayeka, kuze kungabiko mntu ondibalelayo ngokupezulu kwoko abonayo ukuba ndikuko, umhlaumbi akuvayo kum.
7
Kanjalo ukuze ndingazipakamisi ngokugqitileyo ngabo ubungangamsha bezityilo ezo, kwanikwa kum ameva enyameni yam, ingelosi ka‐Satane ukuba indintliteke, ukuze ndingazipakamisi ngokugqitileyo.
8
Ngayo lento ndayikunga inkosi katatu, ukuba imke kum.
9
Yayisiti kum: Ufefe lwam lwanele wena; ngokuba amandla am efezekiswa ebutatakeni. Ngokuvuya kakulu ngoko ndiya kuti ngokukumbi ndiqa̔yise ezilwelweni zam, ukuze amandla ka‐Kristu ahlale pezu kwam
10
Ngako oko ndikoliwe kakuhle ezilwelweni, ezitukweni, ezitukutezini, ezintshutshisweni, ezixingweni, ngenxa ka‐Kristu: ngokuba okuya ndibutataka, kwa oko ndinamandla.
11
Ndiba sisidenge ndiqa̔yisa nje; nina nandinyanzela: ngokuba mna ndinge ndinconyiwe nini: ngokuba bendingancipekile nganye into kubo abobapostile abagqitisileyo ngobukulu, nokuba ndiyinto enganto.
12
Okunene imiqondiso yongumpostile yabisenziwa pakati kwenu ngawo wonke umonde, ngemiqondiso nemimangaliso nezenzo zamandla.
13
Ngokuba kuyinto nina enibe niswelekile ngayo ngapezu kwezinye iṙemente, kupela ukuba mna ngokwam ndibe ndingengumtwalo kuni? Ndixoleleni esisono.
14
Nali ixesha lesitatu sendihlalela ukuza kuni; ndaye ndingayi kuba ngumtwalo kuni: ngokuba ndingafuni izinto zenu, koko ndifuna nina: ngokuba abantwana bengafaneli ukubekelela oyise, koko oyise befanele ukubekel ela abantwana.
15
Mna kanti ndiya kuvuya kakulu ukugqibela nokugqityelwa ngenxa yemipefumlo yenu; nakuba nditi, ndakutanda nina kakulu ngakumbi, nditandwe kancinane ngakumbi.
16
Kodwa makube njalo, andaba nzima pezu kwenu mna: noko ndinamaqokolo nje, ndanibamba ngenkohliso.
17
Ndanilumkisa ngaye omnye wabo endibatumileyo kuni yinina?
18
Ndambongoza u‐Titusi aye kuni, ndaza ndatuma kunye naye umzalwana wetu. Waka wanilumkisa u‐Titusi na? asahamba kokwa mnye umoya na? asa hamba kwekwa minye imikondo na?
19
Niba na kanjako siyazitetelela kuni? Siyateta ebusweni bukatixo ku‐Kristu: kodwa zonke izinto, bazalwana! siyazenz ela ukumiswa kwenu.
20
Ngokuba ndisoyika, hleze kungati ndakufika, ndifumane nina ningeyinto enditandayo ukuba nibe yiyo, nditi nam ndifunyanwe nini ndiyinto eningatandiyo ukuba ndibe yiyo; hleze kungati kubeko amapike, inzondelano, imisindo, inkani, intlebo, amagqugulo, imvutelano, izipitipiti:
21
hleze ati utixo wam, ndakubuya ndifike, anditobise pakati kwenu, ndize ndililele abaninzi abase bonile, bengagqobokanga kanti ngenxa yobunco̔la nombulo nobutshinitshini ababenzayo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13