bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 7
2 Corinthians 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
1
Ngako sinawo lamadinga nje, batandwa! masizihlambulule kuko konke ukudyoba kwenyama nokwomoya, sibufeza ubungcwele nje ekwoyikeni utixo.
2
SAMKELENI; asonanga mntu, asonakalisanga mntu, asilumkisanga mntu.
3
Anditeti oku ukunga ndinganigweba: ngokuba nditshilo pambili ukuti nisezintliziyweni zetu ukuba sife ndawonye nani nokuba sipile ndawonye nani.
4
Kukulu ukukalipa kwam ekuteteni ngakuni, kukulu ukuqa̔yisa kwam ngenxa yenu; ndizalisiwe lulwonwabiso, ndiyapupuma luvuyo kuko konke ukubandezelwa kwetu.
5
Ngokuba okunene sakufika e‐Masedoniya, inyama yetu i̔bingenakupumla, koko sibe sibandezelwa ngamacala onke; ngapandle bekuko izilwo, pakati bekuko izoyiko.
6
Noko ke lowo owonwabisayo abo batobekileyo, kwa utixo, wasonwabisa tina ngokufika kuka‐Titusi;
7
bekungengokufika kwake kodwa, koko bekungako nokwonwabisa wonwatyiswa ngako kuni, esityela ukulangazelela kwenu, ukulila kwenu, ukundizondelela kwenu; ndada ndavuya ngakumbi.
8
Kuba ndisiti, nakuba ndanenza lusizi ngencwadi yam, ndingazohlwayi, nakuba ndibe ndizohlwaya: ngokuba ndibona ukuba incwadi leyo yanenza lusizi, nakuba bekungexeshana kodwa.
9
Kaloku ndiyavuya, kungekukuba nenziwa lusizi, koko ukuba nenziwa lusizi lwada lwaba luguquko: ngokuba nenziwa lusizi ngo kukatixo, ukuze ningalahlekelwa nto ngati.
10
Ngokuba usizi olungo kukatixo luzuzisa uguquko lude lube lusindiswa, eningayi kuzohlwaya ngalo; kodwa usizi lwaselizweni luyazuzisa ukufa.
11
Ngokuba, bona ke, kwa yona lento, yokuba nenziwa lusizi ngo kukatixo, yenza ukuku̔tala okukulu kangakanana kuni! ewe, ukuzitetelela, ewe, ukuqumbela, ewe, ukwoyika, ewe, ukulangazelela, ewe, ukuzondelela, ewe, ukupindezela! Ezintweni zonke nazibonakalisa ukuba nimhlope kulendawo.
12
Kukona, nakuba ndaba̔layo kuni, bekungengenxa yalowo ube wonile, bekungengenxa yalowo ube woniwe kanjalo, bekungenxa yokuba kubonakaliswe kuni ukuniku̔talela kwetu ebusweni bukatixo.
13
Ngenxa yoku sasisonwatyiswa ekwonwatyisweni kwenu; kanjako sakolisa ukuvuya kakulu ngakumbi pezu kwovuyo luka‐Titusi, kuba umoya wake upunyuziwe nini nonke.
14
Ngokuba mna ukuba ndike ndaqa̔yisa kuye ngenxa yenu, bendingadaniswa: koko njengokuba sibe siteta zonke izinto kuni ngenyaniso, kwa njalo nokuqa̔yisa kwetu pambi kwo‐Titusi bekufunyanwa ukuba yinyaniso.
15
Kanjalo umbilini wake ungakuni ngento enkulu ngakumbi, nxa akumbulayo ukuva kwenu nonke, okokuba nati ngokwoyika nangokututumela namamkela.
16
Ndiyavuya ngoko ukuba ezintweni zonke ndinokwomelela ngani.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13