bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 2
2 Corinthians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
1
Kodwa ndagweba oku ngokwam ukuti andiyi kubuya ndize kuni ngosizi.
2
Ngokuba mna ukuba ndiyanenza lusizi, ngubanina ke ondivuyisayo, kupela ngulowo owenziwa lusizi ngam?
3
Kanjalo lento ekwa yiyo yona ndayiba̔la kuni, ukuze nditi ndakufika ndingabi nosizi kubo abo bendifanele ukuba nokuvuya ngabo; ndinokutemba kuni nonke nje, ukuba olwam uvuyo lulolwenu nonke.
4
Ngokuba ndiselubandezelweni olukulu nasebunzimeni bentliziyo ndaba̔la kuni ngenyembezi ezininzi; bekungekukuba nenzwe lusizi, bekukukuba nilwazi olotando endinalo kakulu ngakumbi ke ngakuni.
5
Kodwa ukuba umntu wenzile usizi, akandenzelanga usizi mna, koko ngokwenxenye (ukuze ndingabeki kuye into esindayo) enenzele lona nina nonke.
6
Kwanele onjalo okukwohlwayiwa o kwenziwa ngabo abaninzi.
7
Kwa njalo ke ngelinye icala ni fanele ngakumbi uku m xolela noku m onwabisa, hleze kungati onjalo aginyelwe lusizi oluninzi kakulu.
8
Ngako oko ndiyanikunga ukuba niqinise utando lwenu ngakuye.
9
Ngokuba ndaba̔lela kwa oku kanjalo, ukuze ndikwazi ukulingwa kwenu, ukuba nipulapula ezintweni zonke na.
10
Lowo ke enimxolelayo into, ndiyamxolela nam: ngokuba nam ukuba ndixolele into, lowo ndimxoleleyo, ndamxolela ngenxa yenu, ebusweni buka‐Kristu;
11
ukuze singalunyukiswa ngu‐Satane: ngokuba amaqinga ake singenakungawazi.
12
Kanjako, ndakufika e‐Tirowa ngenxa yevangeli ka‐Kristu, nanxa bendivulelwe ucango enkosini,
13
ndandingenakupumla emoyeni wam, ekubeni bendingafumani u‐Titusi umzalwana wam; koko ndibabulisile nje ndemkayo ukuya e‐Masedoniya.
14
KODWA makubulelwe kutixo, oti ngamaxesha onke asenze soyise ku‐Kristu, nevumba lokwaziwa kwake alibonakalise ngati kuzo zonke indawo.
15
Ngokokuba silivumba elimnandi lika‐Kristu kuye utixo, pakati kwabo basindiswayo, napakati kwabo babubayo:
16
kwabanye silivumba lokufa kube kukufa; kwabanye silivumba lobomi bube bubomi. Kanti ngubanina ozilinganele ezizinto?
17
Ngokuba singenjengabo abaninzi, siligxengela ilizwi likatixo nje; koko njengabobunene, koko njenga bakatixo, ebusweni bukatixo, sitetayo ku‐Kristu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13