bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 9
2 Corinthians 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 10 →
1
Ngokuba ngako ukwabela abangcwele, akufuneki kanye ukuba ndiba̔le kuni:
2
ngokuba ndisazi unxamelo lwenu, endiqa̔yisayo pezu kwenu ngalo kwabase‐Masedoniya, ukuba i‐Akaiya seilungile nyakenye; kanjalo uzondelelo lwenu lwavusa into eninzi yabo.
3
Kodwa nditumile abazalwana aba, ukuze ukuqa̔yisa kwetu pezu kwenu kungenziwa into engento yanto kuyo lendawo; ukuze ke, njengokuba bendisitsho, nibe senilungile:
4
hleze kungati, xeshekweni kuzayo abase‐Masedoniya kunye nam, banifumane ningalunganga, kudaniswe tina, (ukuze ndingatsho ukuti nina,) kokukwomelela kwokuqa̔yisa.
5
Ndati ngoko ndaba kufanelekile ukuyala abazalwana aba, ukuba bandulele ukuya kuni, balungise pambili into yesisa senu ebishunyayelwe pambili, ukuba yona le ibe ilungile, kube njengokuba iyinto yesisa, kungabi njengokungati yinto yokuvimba.
6
Kodwa oku ndiyakutsho: Ohlwayelayo ngokuncinane uya kuvuna nangokuncinane; nohlwayelayo ngokuninzi uya kuvuna nangokuninzi.
7
Bonke ngabanye mabape njengokuba bezicingela entliziyweni; kungabi ngosizi, umhlaumbi ngokunyanzelwa: ngokuba utixo etanda opayo ngokucwayita.
8
Kanjako utixo unamandla ukwenza ufefe lwonke lukolise ukunandela, ukuze niti, ninokwanela konke ezintweni zonke ngamaxesha onke, nikolise ukwandela yonke imisebenzi elungileyo;
9
njengokuba kuba̔liwe ukuti: Uci̔tile, wapa abasweleyo; ubulungisa bake bumi ngonapakade.
10
Kekaloku wanga angati lowo obabala imbewu kumhlwayeli, nesonka sibe kukudla, ababale andise isihlwayelo senu, akulise iziqa̔mo zobulungisa benu;
11
nityetyiswa nje ezintweni zonke kube sisisa sonke, esizuzisayo ngati umbulelo kutixo.
12
Ukuba ukwabiwa kwokonzo olu kungazenzeleli intswelo zabangcwele kodwa, koko kanjako kukolisa ukwanda ngayo imibulelo emininzi kutixo;
13
bakuba besiti, ngaso isazelo sesabiwo esi, badumise utixo ngenxa yolulamelo lwemvumelo yenu kuyo ivangeli ka‐Kristu, nesisa somnikelo wenu kubo, nakubo bonke;
14
bona nabo ngokwabo ngokunitandazela benilangazelela nje ngenxa yofefe oludluliseleyo lukatixo olukuni.
15
Makubulelwe kutixo isipo sake esingabalisekileyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13