bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 10
2 Corinthians 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
1
KEKALOKU mna Paulusi ngokwam ndiyanikunga ngako ukululama nokutamba kuka‐Kristu, onditi ndisebusweni benu nditobekile pakati kwenu, kodwa nxa ndingekoyo ndinokwomelela ngakuni:
2
kodwa ndiya ni tandaza, ukuba ndingati nxa ndikoyo ndibe nokwomelela ngobuganga obo, enditelekelelisayo ukukalipa ngabo ngakubo abatile, abasibalelayo njengokungati sibe sihamba ngokwenyama.
3
Ngokuba sisiti, nangona sihamba enyameni, singalwi ngokwenyama:
4
(ngokuba izikali zokulwa kwetu zingebunyama, koko zinamandla pambi kwotixo kuze kube kukuci̔twa kwazo inqaba:)
5
sici̔ta nje izicamango, nento zonke ezinde ezipakamayo ngakuko ukwaziwa kukatixo, sitimbela nokutimbela ekuviweni kuka‐Kristu onke amaqinga;
6
sesilungile nje kanjalo ukupindezelela konke ukungeva, okuya kuzalisekisweyo ukuva kwenu.
7
Nizikangela izinto ngokwokubonakala kwazo na? Ukuba umntu uyazitembela ngokwake ukuba ungoka‐Kristu, makati ngokwake kanjako atelekelele oku, ukuba, njengokuba yena lo ungoka‐Kristu, kwa njalo nati singabaka‐Kristu.
8
Ngokuba naxeshekweni ndiqa̔yisayo ngento enkulu ngakumbi ngalo igunya letu, esanikwa lona yinkosi, libe leloku ni misa, lingabi lelokunici̔ta, andiyi kudana:
9
ukuze ndingabi nokungati ngendinoyikisa ngencwadi zam.
10
Ngokuba incwadi zake, kutshiwo, ziyinto enkulu, zinamandla; kodwa umzimba wake nxa akoyo ubutataka, nokuteta kwake kuyinto edelekileyo.
11
Makati onjalo atelekelele oku, ukuba, into siyiyo ekuteteni ngencwadi nxa singekoyo, sikwa yinto enjalo kanjako nxa sikoyo ekwenzeni.
12
Ngokuba singalingi ukuzibalelela umhlaumbi ukuzifanisa nenxenye yabazincomayo: koko bona, bezilinganisa pakati kwabo nje, bezifanisa kwa nabo ngokwabo, bengenakuqonda.
13
Kodwa tina asiyi kuqa̔yisa ngendawo engenakulinganiswa, koko ngesilinganiselwa somda esabelwa sona ngutixo ukuba sisilinganiselwa sokuba sifikelele kude kube nakuni.
14
Ngokuba singazoluli ngokugqita esilinganiselweni setu, njengokungati sibe singafikeleli kuni: ngokuba sasesifikile kwada kwaba nakuni evangelini ka‐Kristu:
15
singaqa̔yisi nje ngendawo engenakulinganiswa emisebenzini yabanye abantu, kodwa sinetemba nje lokuba soti, nxa ukolo lwenu lukulayo, sandiswe pakati kwenu ngokwomda wetu ngento eninzi kakulu,
16
size siyishumayele ivangeli ezindaweni ezisele kwenu, singaqa̔yisi emdeni womnye umntu ngezinto ezise zilungisiwe.
17
Kodwa lowo uqa̔yisayo, makaqa̔yise enkosini.
18
Ngokuba engenguye ozincomayo ngokwake obukwayo, nguye onconywayo yinkosi.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13