bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Corinthians 6
2 Corinthians 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
1
Kanjalo sisebenza kunye naye nje, nati siya ni kunga ukuba maningafumani nilwamkele ufefe lukatixo.
2
(Ngokuba esiti: Ngexesha elikolekileyo ndikuvile, nangomhla wosindiso ndikusizile. Nali kaloku ixesha elikolekileyo kakuhle, nangu kaloku umhla wosindiso.)
3
Singaniki tuba lokuxakanisa nje nganye into, ukuze singeyiwa isikonzo:
4
koko sizibonakalisa ezintweni zonke njengokuba singabakonzi bakatixo, emondeni omninzi, ezimbandezelweni, ezitukutezini, ezixingweni,
5
ezibetweni, ezintolongweni, ezimpitimpitini, emizanyweni, ezimpapanyweni, ezinzilweni;
6
ebucocweni, ekwazini, ekuzekeni kade, ebubeleni, kumoya oyingcwele, elutandweni olungazenzisiyo,
7
elizwini lenyaniso, emandleni katixo, ngezixo̔bo zobulungisa ngasekunene nangasekohlo,
8
ngembeko nangehlazo, ngodumo olubi nangodumo oluhle: njengabakohlisi, singabenyaniso noko;
9
njengabangaziwayo, besaziwa kakulu noko; njengababubayo, kanti, bona ke, sihleli; njengabohlwayiwayo, singafiswa noko;
10
njengabalusizi, kodwa sivuya ngamaxesha onke; njengababuhlwempu, kodwa sityebisa abaninzi; njengabangenanto, sifuya izinto zonke noko.
11
Umlomo wetu uvulekile ngakuni, ma‐Korinte! intliziyo yetu yandisekile.
12
Anixingekile kuti, kodwa nixingekile kuwo umbilini wenu.
13
Kekaloku ukubuyekeza into ekwa yiyo, (ndiyateta njengakubo abantwana bam,) yibani nandisekile nani.
14
Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama?
15
no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo?
16
netempile katixo inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile katixo ohleliyo; njengokuba etshilo utixo ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu kum.
17
Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho uyehova, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela,
18
ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho uyehova usomandla.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13