bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 10
Joshua 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
1
KWAYE kute, xeshekweni bekuviwe ngu‐Adoni‐tsedeki ukumkani we‐Yerusaleme, okokuba u‐Yoshuwa seletimbile i‐Hahai, nokuba uyilahlele ekutshatyalalisweni; enzele njalo nje i‐Hahai nokumkani wayo, njengokuba ebenzele i‐Jeriko nokumkani wayo; nokokuba abemi base‐Gibeyone benzile uxolo no‐Sirayeli, nokuba bako pakati kwabo;
2
bandula boyika kakulu, ngokuba i‐Gibeyone ibisisixeko esikulu, njengesinye sezixeko zobukumkani, nangokuba ibinkulu pezu kwe‐Hahai, nokuba onke amadoda ayo ebengamagoṙa.
3
Ngako watuma u‐Adoni‐tsedeki ukumkani we‐Yerusaleme, ku‐Hohame ukumkani we‐Hebrone, naku‐Pirame ukumkani we‐Yaremute, naku‐Yafiya ukumkani we‐Lakishe, naku‐Debire ukumkani we‐Heglone, esiti:
4
Nyukani nize kum, nindincede, ukuba sibete i‐Gibeyone; ngokuba ilwenzile uxolo no‐Yoshuwa nosapo luka‐Sirayeli.
5
Ngako bahlanganisana okumkani baba‐Amori bebahlanu, ukumkani we‐Yerusaleme, ukumkani we‐Hebrone, ukumkani we‐Yaremute, ukumkani we‐Lakishe, n okumkani we‐Heglone, kwa bona nayo yonke imikosi yabo, benyuka ke, baya bayiṙaula i‐Gibeyone, balwa ngakuyo.
6
Aza amadoda ase‐Gibeyone atuma ku‐Yoshuwa emnqubeni e‐Gilegale, esiti: Ungabambi isandla sako ezicakeni zako; kauleza ukunyukela kuti, usisindise, usincede: ngokuba bebutelene ngakuti bonke okumkani baba‐Amori abahleliyo ezintabeni.
7
Wandula wenyuka u‐Yoshuwa e‐Gilegale, yena nabo bonke abantu bokulwa kunye naye, kwa onke amagoṙa abuṙoti.
8
Wayesiti uyehova ku‐Yoshuwa: Ungaboyiki, ngokuba ndibanikile esandleni sako; akuyi kuma namnye kubo pambi kwako.
9
Waya u‐Yoshuwa wabazuma, enyukile nje e‐Gilegale ubusuku bonke.
10
Waza uyehova wabapitizelisa pambi kwo‐Sirayeli, abababulala ngesibulalo esikulu ngase‐Gibeyone, babasukela ngendlela yeqina lase‐Bete‐horone, bababeta kude kwase‐Hazeka, nakude kwase‐Makeda.
11
Kwaza kwati, ekusabeni kwabo ebusweni bo‐Sirayeli, besetambekeni lase‐Bete‐horone, wandula uyehova waposa pezu kwabo amatye amakulu ezulwini, kwada kwase‐Hazeka, bada bafa: babebaninzi abo bafileyo ngezico̔to, pezu kwabo babuleweyo lusapo luka‐Sirayeli ngesiṙele.
12
Oko wateta u‐Yoshuwa kuyehova, ngomhla uyehova wabanikela aba‐Amori ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, wati pambi kwamehlo abo o‐Sirayeli: Langa, uti nqumama pezu kwe‐Gibeyone; nawe, nyanga, pezu kwomhlambo wase‐Ajalone!
13
Laza lenqumama ilanga, yahlala nenyanga, bada abantu bazipindezelela kwintshaba zabo. Akuba̔lwanga na oku encwadini ka‐Yashere? Kwa njalo ilanga lati nqumama ngasekuhlanganeni kwezulu, linganxamanga ukutshona nje wanga ngumhla upela.
14
Awabiko onjengawo umhla lowo, napambi kwawo nasemva kwawo, ukuba wapulapula uyehova ilizwi lomntu: ngokuba uyehova ebelwela o‐Sirayeli.
15
Waza u‐Yoshuwa wabuyela emnqubeni e‐Gilegale, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye.
16
Kodwa okumkani abo bobahlanu besaba, baya bazimela emqolombeni e‐Makeda.
17
Kwaza kwaxelwa ku‐Yoshuwa, kusitwa: Bafunyenwe okumkani abo bobahlanu, bezimele emqolombeni e‐Makeda.
18
Wayesiti u‐Yoshuwa: Qengqani amatye amakulu ngasemlonyeni womqolomba, niwamise amadoda ngakuwo ukuba abalinde:
19
kanti ningahlali nina, ziputumeni intshaba zenu, nibabete abasemva bazo: ningazivumeli ukuba zingene ezixekweni zazo; ngokuba uyehova, utixo wenu, ezinikele esandleni senu.
20
Kwaza kwati, nxa asel’ egqibile u‐Yoshuwa, nosapo luka‐Sirayeli, ukuzibulala ngesibulalo esikulu kunene, zada zagqityelwa; nokuba abaseleyo, a bebesele kuzo, bebengenile ezixekweni ezinqatyisiweyo;
21
bandula bonke abantu babuyela emnqubeni ku‐Yoshuwa, e‐Makeda, ngoxolo: bekungeko namntu owabaza ulwimi lwake ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
22
Waza wati u‐Yoshuwa: Nqikani umlomo womqolomba, nindikupele okumkani abo bobahlanu emqolombeni.
23
Benje njalo ke, bamkupela okumkani abo bobahlanu emqolombeni: ukumkani we‐Yerusaleme, ukumkani we‐Hebrone, ukumkani we‐Yaremute, ukumkani we‐Lakishe, n okumkani we‐Heglone.
24
Kwaza kwati, bakuba bekupele ku‐Yoshuwa okumkani abo, wandula u‐Yoshuwa wabiza onke amadoda akwa‐Sirayeli, wati kubapati bamadoda okulwa, abebehambile naye: Sondelani, nibeke inyawo zenu pezu kwentamo zokumkani aba. Basondela ke, bazibeka inyawo zabo pezu kwentamo zabo.
25
Waye u‐Yoshuwa esiti kubo: Ningoyiki, ningatuswa nokutuswa; yomelelani, nikalipe: ngokuba kungokunjalo aya kwenza uyehova kuzo zonke intshaba zenu, eniya kulwa nazo.
26
Wati u‐Yoshuwa emva kwoko, wababeta, wabafisa, waza wabaxo̔ma pezu kwemiti yamihlanu; baye bexo̔meka pezu kwemiti leyo kwada kwahlwa.
27
Kwaye kute ngexesha lokutshona kwelanga, waxela u‐Yoshuwa ukuba mabatulwe emitini; baza babaposa emqolombeni, apo babezimele kona, bawabeka amatye amakulu emlonyeni womqolomba, akoyo kwa namhla nje.
28
Waye u‐Yoshuwa kwa ngalomini wayitimba i‐Makeda, wayibeta ngohlangoti lweṙele; nokumkani wayo wamlahlela ekutshatyalalisweni, bona, nayo yonke imipefumlo ebikuyo: akashiya namnye oseleyo: wenza nakukumkani we‐Makeda, njengokuba ebenze kukumkani we‐Jeriko.
29
Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wagqita e‐Makeda waya e‐Libena, walwa ngase‐Libena.
30
Waza uyehova wayinikela nayo, nokumkani wayo, esandleni so‐Sirayeli; wayibeta ngohlangoti lweṙele, nayo yonke imipefumlo ebikuyo; akashiya kuyo namnye oseleyo; wenza nakukumkani wayo, njengokuba ebenze kukumkani we‐Jeriko.
31
Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wagqita e‐Libena waya e‐Lakishe, wayiṙaula, walwa ngakuyo.
32
Waza uyehova wanikela i‐Lakishe esandleni so‐Sirayeli; wayitimba ngemini yesibini, wayibeta ngohlangoti lweṙele, nayo yonke imipefumlo ebikuyo, njengako konke abekwenzele i‐Libena.
33
Oko wenyuka u‐Horame, ukumkani we‐Gezere, ukuza kunceda i‐Lakishe; kodwa u‐Yoshuwa wabeta yena nabantu bake, ada akamshiyela namnye oseleyo.
34
Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wagqita e‐Lakishe waya e‐Heglone; baza bayiṙaula, balwa ngakuyo.
35
Bayitimba ke kwa ngalomini, bayibeta ngohlangoti lweṙele; nayo yonke imipefumlo ebikuyo wayilahlela ekutshatyalalisweni ngemini leyo, njengako konke abekwenzele i‐Lakishe.
36
Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wenyuka e‐Heglone waya e‐Hebrone; baza balwa ngakuyo.
37
Bayitimba ke, bayibeta ngohlangoti lweṙele, nokumkani wayo, nazo zonke izixeko zayo, nayo yonke imipefumlo ebikuyo; akashiya namnye oseleyo, njengako konke abekwenzele i‐Heglone; wayilahlela ekutshatyalalisweni, nayo yonke imipefumlo ebikuyo.
38
Waza wabuya u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, waya e‐Debire, walwa ngakuyo.
39
Wayitimba ke, nokumkani wayo, nazo zonke izixeko zayo; baza bababeta ngohlangoti lweṙele, bayilahlela ekutshatyalalisweni yonke imipefumlo ebikuyo: akashiya namnye oseleyo; njengokuba ebenze kuyo i‐Hebrone, wenje njalo kuyo i‐Debire nakukumkani wayo, nanjengokuba ebenze kuyo i‐Libena nakukumkani wayo.
40
Kwa njalo u‐Yoshuwa wabeta lonke ilizwe lasezintabeni, nelasesuyide, nelezihlambo, nelemifula, nabo bonke okumkani babo; akashiya namnye oseleyo; kwa bonke abapefumlayo wabalahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba wabeyalela uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
41
Waye u‐Yoshuwa wababeta kuqaliwe e‐Kadeshebaneha kude kwafikwa e‐Gaza, nalo lonke ilizwe lase‐Goshene, nakude kwase‐Gibeyone.
42
Bonke okumkani aba, nelizwe labo, wabatimba u‐Yoshuwa ngexesha linye: ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ebebalwela o‐Sirayeli.
43
Waza u‐Yoshuwa wabuyela emnqubeni e‐Gilegale, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24