bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 2
Joshua 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
1
KEKALOKU u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, wasusa amadoda amabini e‐Shitime ukuya kuhlola ngasese, esiti: Hambani, niye kukangela ilizwe, ne‐Jeriko. Ahamba ke, aya angena endlwini yompinyiswa, ogama lingu‐Rakabi, alala kona.
2
Kwaza kwabikwa kukumkani we‐Jeriko, kusitwa: Nanga amadoda efikile apa ngobusuku evela elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuza kupanda ilizwe.
3
Waza ukumkani we‐Jeriko watumela ku‐Rakabi, ukuti: Kupani amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yako; ngokuba efikile ukuza kupanda lonke ilizwe.
4
Yabe inkazana leyo itabatile lomadoda omabini, yawafihla; yaza yatsho ukuti: Kwafika amadoda kum, kodwa bendingawazi avela pina.
5
Kwaza kwati, kwakuvalwa isango, nxa kuza kuba mnyama, andula amadoda lawo apuma; andiwazi aye ngapina lomadoda; waputumeni kamsinyane, ngokuba niya kuwafumana.
6
Kanti ibiwenyusele pezu kwendlu, yawafihla ngapantsi kwamasebe omyaṙa, abecwangcisiwe yiyo pezu kwendlu.
7
Asuka amadoda awaputuma ngendlela yase‐Yoredane, ngasemazibukweni: kwaza kwavalwa isango, emveni kwokuba sebepumile abo bawaputumayo.
8
Engekalali wona, yenyuka yona yaya kuwo pezu kwendlu;
9
yayisiti emadodeni lawo: Ndiyazi ukuba uyehova unipile elilizwe, nokuba isoyikeko senu siwile pezu kwetu, nokuba bancamile bonke abemi belizwe ngenxa yenu.
10
Ngokuba sivile okokuba uyehova wanitshisela amanzi olwandle olubomvu, ekupumeni kwenu e‐Jipete; noko enanikwenza kokumkani bobabini baba‐Amori, abebepesheya kwe‐Yoredane, ku‐Sihone naku‐Hogi, enabalahlela ekutshabalaleni.
11
Sati sakuva, zanyibilika intliziyo zetu, kanjako akwabi sahlala ubugagu emntwini, ngenxa yenu: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye o ngutixo ezulwini pezulu, nasemhlabeni pantsi.
12
Ngako kaloku, kenindifungele uyehova, ukuba, njengokuba ndenzele nina ububele, nani niya kwenzela indlu kabawo ububele, nindinike umqondiso wenyaniso:
13
ukuba niya kulondoloza behleli ubawo, noma̔, nabazalwana bam, nodade bam, nabo bonke banabo; nokuba niya kusindisa ubomi betu ekufeni.
14
Aza ati kuyo amadoda lawo: Ubomi betu mabube sendaweni yobenu ukufa! ukuba anixeli lendawo yetu: kuya kwandula ukuti, nxa uyehova asinikayo ilizwe, sokwenzela ububele nenyaniso.
15
Yandula yawahlisa ngentsontelo ngefenstile: ngokuba indlu yayo ibipezu kwodonga lwesixeko, kanjalo yona yahlala pezu kwodonga.
16
Yayisiti kuwo: Hambani niye entabeni, hleze bafumanane nani abaputumayo; nize nizimele apo intsuku zibe ntatu, bade babuye abaputumayo; niti kamva nihambe ngendlela yenu.
17
Ati kuyo amadoda lawo: Soba msulwa kwesisifungiso sako usifungisile ngaso.
18
Bona ke, sakufika elizweni, uya kubopa lentambo yentsinga ezibomvu efenstileni usihlisile ngayo; noyihlo, nonyoko, nabazalwana bako, nabo bonke abendlu kayihlo, nobabutela kuwe endlwini.
19
Kuya kwandula ukuti, osukuba epuma ngengcango zendlu yako aye pandle, igazi lake malibe pezu kweyake intloko, siti tina singabi natyala; nosukuba enawe endlwini, igazi lake malibe pezu kwentloko yetu, ukuba isandla sipezu kwake.
20
Kodwa ukuba uyaxela lendawo yetu, sesiya kuba msulwa kuso isifungiso sako usifungisile ngaso.
21
Yati yona: Makube njalo njengamazwi enu. Yaza yawandulula, emka ke; kanjalo yabopa lontambo ibomvu efenstileni.
22
Asuka emka, aya entabeni, ahlala kona intsuku zantatu, bada babuya abaputumayo: ngokuba abaputumayo bebewafunile endleleni yonke, kanti abawafumana.
23
Ada abuya lomadoda omabini, ehla entabeni, awela ke, aza kufika ku‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, ambalisela zonke izinto ezibahlileyo.
24
Ayesiti ku‐Yoshuwa: Okunene uyehova unikile ezandleni zetu ilizwe lonke; ngokuba kwa bonke abemi belizwe bencamile ngenxa yetu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24