bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 3
Joshua 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 4 →
1
WAVUKA kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla; baza banduluka e‐Shitime, baya e‐Yoredane, yena nalo lonke usapo luka‐Sirayeli; balalisa kona, bengekaweli.
2
Kwaye kute, ekupeleni kwemihla mitatu, andula amagosa acanda pakati kwomnquba,
3
ayalela abantu ngokuti: Nxa nibonayo ityeya yocebano lukayehova, utixo wenu, nabaperisite abangaba‐Levi beyitwele, niya kwandula ninduluke endaweni yenu, niyilandele.
4
Kwobako kodwa umgama pakati kwenu nayo, ube ungati ngamawaka mabini ekubite ngomlinganiso; ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela eniya kuhamba ngayo: ngokuba ningadlulanga ngalendlela ixesha lapambili.
5
Wayesiti u‐Yoshuwa ebantwini: Zingcwaliseni! ngokuba ngomso uyehova eya kuyenza imimangaliso pakati kwenu.
6
Kanjalo wateta u‐Yoshuwa kubaperisite, esiti: Funqulani ityeya yocebano, niwele pambi kwabantu. Baza bayifunqula ityeya yocebano, bahamba pambi kwabantu.
7
Wayesiti uyehova ku‐Yoshuwa: Kwa namhla nje ndiya kuqala ukukwenza mkulu emehlweni o‐Sirayeli bonke, ukuze bakwazi ukuba ndiya kubako nawe, njengokuba ndibe ndiko no‐Mosesi.
8
Ngako uya kubayalela abaperisite, abatwele ityeya yocebano, ngokuti: Xeshekweni nifika eludinini lwamanzi ayo i‐Yoredane, niya kuti nqumama e‐Yoredane.
9
Waza u‐Yoshuwa wati kulo usapo luka‐Sirayeli: Sondelani apa, nive amazwi ake uyehova, utixo wenu.
10
Wayesiti u‐Yoshuwa: Kungoku eniya kwazi ukuba utixo ohleliyo upakati kwenu, nokuba uya kugqibela ukugqogqa pambi kwenu aba‐Kanane, nama‐Hete; nama‐Hivi, nama‐Perizi, nama‐Giregashe, naba‐Amori, nama‐Yebusi.
11
Bona ke, ityeya yocebano, e yenkosi yomhlaba wonke, iyawela pambi kwenu e‐Yoredane.
12
Ngako kaloku zicapuleleni amadoda abe lishumi linamabini kuzo izizwe zo‐Sirayeli, ibe yindoda inye ngesizwe ngesizwe.
13
Kwakuya kuti, kwakupumla imizantsi yenyawo zabaperisite abatwele ityeya kayehova, inkosi yomhlaba wonke, emanzini e‐Yoredane, seleya kunqanyulwa amanzi ase‐Yoredane, amanzi ehlayo entla; aeya kuma emfumbeni nye.
14
Kwaza kwati, bakunduluka abantu ezintenteni zabo ukuya kuwela i‐Yoredane, nabaperisite beyitwele ityeya yocebano pambi kwabantu;
15
naxeshekweni abo batwalayo ityeya base befike e‐Yoredane, nenyawo zabaperisite abatwalayo ityeya zibe zintywilisiwe eludinini lwamanzi; (ngokuba i‐Yoredane izalele pezu kwazo zonke indonga zayo kwa yonke imihla yokuvuna;)
16
andula ema amanzi ehlayo entla, apakama emfumbeni nye, kwa kude kakulu ne‐Adame, isixeko esingasecaleni le‐Tsaretane; ati ke lawo abehlela ngakulo ulwandle lwasetafeni, ulwandle olutyuwa, agqityelwa ukunqanyulwa: baza abantu bawela malungana ne‐Jeriko.
17
Koko abaperisite, abebetwala ityeya yocebano lukayehova, baqinisa ukuma pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwe‐Yoredane; baza o‐Sirayeli bonke bawela pezu kwowomileyo umhlaba, bada bagqiba bonke abantu ukuwela i‐Yoredane.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24