bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 14
Joshua 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
1
KANJAKO ngawo la amafa usapo luka‐Sirayeli lwawamkela elizweni le‐Kanane, abalwabela wona u‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nabazintloko zendlu zoyise zezizwe zosapo luka‐Sirayeli.
2
Kwabiwa ngeqashiso ilifa lalo, njengokuba uyehova ebeyalele ngesandla sika‐Mosesi, elezizwe ezilitoba nesiqingata sesizwe:
3
ngokuba u‐Mosesi ebenikile ilifa lezizwe ezibini nesiqingata sesizwe pesheya kwe‐Yoredane: kodwa aba‐Levi akabanikanga ilifa pakati kwalo.
4
Ngokuba usapo luka‐Josefe beluzizizwe zibini, esika‐Manase nesika‐Frayime: Ngako bebenganiki isabelwa kuba‐Levi elizweni, kupela izixeko zokuhlala, nenqele zazo zibe zezenkomo zabo nezempahla yabo.
5
Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, lwalaba ilizwe.
6
Lwandula lwasondela usapo luka‐Juda ku‐Yoshuwa e‐Gilegale; waza u‐Kalebi, unyana ka‐Jefune um‐Kenazi, wati kuye: Uyayazi wena into wabeyiteta uyehova ku‐Mosesi, indoda katixo, ngokwam nangokwako e‐Kadeshebaneha.
7
Bendingominyaka imashumi mane ubudala bam, nxa u‐Mosesi, isicaka sikayehova, wandisusayo e‐Kadeshebaneha ukuya kuhlola ilizwe; ndada ndamzisela impendulo, njengokuba kube kunjalo entliziyweni yam.
8
Kanti abazalwana bam, ababenyuke nam, banyibilikisa intliziyo zabantu: mna kodwa ndakolisa ukulandela uyehova, utixo wam.
9
Wayefunga u‐Mosesi ngomhla lowo, esiti: Ngenyaniso lomhlaba inyawo zako zinyatele pezu kwawo, woba lilifa lako nelabantwana bako kude kube ngunapakade! ngokuba ukolisile ukulandela uyehova, utixo wam.
10
Kekaloku bona ke, uyehova undilondolozile ebomini, njengokuba etshilo, leminyaka imashumi mane anamihlanu, kwa kuseloko uyehova wabeteta elilizwi ku‐Mosesi, okuya o‐Sirayeli bebehamba entlango: nakaloku, nanku namhla ndingominyaka ingamashumi asibozo anamihlanu ubudala bam.
11
Ndisomelele namhla nje, njengokuba bendinjalo emhleni wanditumayo u‐Mosesi; njengokuba amandla am ebenjalo oko, akwa njalo amandla am kaloku, ngokulwa, nangokupuma, nangokungena.
12
Ngako kaloku ndipe lentaba, owati uyehova wateta ngayo ngomhla lowo: ngokuba ubusiva wena ngomhla lowo, okokuba ama‐Hanaki akona, nezixeko ezikulu ezinqatyisiweyo: kungati uyehova woba nam, ukuba ndiwagqogqe, njengokuba etshilo uyehova.
13
Wandula u‐Yoshuwa wamtamsanqelisa, wayinika i‐Hebrone ku‐Kalebi unyana ka‐Jefune ibe lilifa lake.
14
Ngako oko i‐Hebrone yaba lilifa lika‐Kalebi unyana ka‐Jefune um‐Kenazi kwada kwanamhla nje; ngenxa yokuba wakolisa ukulandela uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
15
Igama le‐Hebrone ngapambili laliyi‐Kiriyate‐areba; obengumntu omkulu pakati kwama‐Hanaki u‐Areba lowo. Laye ilizwe lapumla emfazweni.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24