bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 12
Joshua 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
1
KEKALOKU aba ngokumkani belizwe, olwati usapo luka‐Sirayeli lwababeta, lwaza lwalifuya ilizwe labo pesheya kwe‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga; kwa kuwo umlambo we‐Arenone kwada kwakuyo intaba ye‐Heremone, nalo lonke itafa ngasempumalanga:
2
u‐Sihone ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone, epete ubukosi kwa kuyo i‐Harohere eselunxwemeni lwomlambo we‐Arenone, napakati kwentili, na kuso isiqingata se‐Gileyadi, kude kwakuwo umlambo we‐Yaboki, umda wosapo luka‐Hamoni;
3
na kulo itafa kude kwakulo ulwandle lwase‐Kinerete ngasempumalanga, nakude kwakulo ulwandle lwasetafeni, ulwandle olutyuwa, ngasempumalanga, endleleni yase‐Bete‐yeshimote; nangasesuyide pantsi kwemifula yase‐Pisega:
4
nomda ka‐Hogi ukumkani we‐Bashane, oweliva lama‐Rafa, owahlala e‐Hashetarote nase‐Edrehi,
5
obepete ubukosi entabeni ye‐Heremone, nase‐Saleka, nakuyo yonke i‐Bashane, kude kwakuwo umda wama‐Geshure nama‐Mahaka, nesiqingata se‐Gileyadi, umda ka‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone.
6
Aba u‐Mosesi, isicaka sikayehova, nosapo luka‐Sirayeli, bababeta: waza u‐Mosesi, isicaka sikayehova, walinika elozwe libe yimfuyo kuwo ama‐Rubene, nakuwo ama‐Gadi, nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase.
7
Kanjalo aba ngokumkani belizwe, owababetayo u‐Yoshuwa, nosapo luka‐Sirayeli, nganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga, kwa kuyo i‐Bali‐gadi emhlanjeni we‐Lebanone, nakude kwasentabeni we‐Halaki, enyukayo ngase‐Sehire; owati u‐Yoshuwa walinika ezizweni zo‐Sirayeli libe yimfuyo njengezahlulo zabo;
8
ezintabeni, nasezihlanjeni, nasetafeni, nasemifuleni, nasentlango, nasesuyide: ama‐Hete, aba‐Amori, naba‐Kanane, ama‐Perizi, ama‐Hivi, nama‐Yebusi:
9
ukumkani we‐Jeriko, wamnye; ukumkani we‐Hahai, engecala le‐Betele, wamnye;
10
ukumkani we‐Yerusaleme, wamnye; ukumkani we‐Hebrone, wamnye;
11
ukumkani we‐Yaremute, wamnye; ukumkani we‐Lakishe, wamnye;
12
ukumkani we‐Heglone, wamnye; ukumkani we‐Gezere, wamnye;
13
ukumkani we‐Debire, wamnye; ukumkani we‐Gedere, wamnye;
14
ukumkani we‐Horema, wamnye; ukumkani we‐Haradi, wamnye;
15
ukumkani we‐Libena, wamnye; ukumkani we‐Hadulame, wamnye;
16
ukumkani we‐Makeda, wamnye; ukumkani we‐Betele, wamnye;
17
ukumkani we‐Tapuwa, wamnye; ukumkani we‐Hefere, wamnye;
18
ukumkani we‐Afeki, wamnye; ukumkani we‐Lasharone, wamnye;
19
ukumkani we‐Madone, wamnye; ukumkani we‐Hatsore, wamnye;
20
ukumkani we‐Shimrone‐merone, wamnye; ukumkani we‐Kashafe, wamnye;
21
ukumkani we‐Tahanaki, wamnye; ukumkani we‐Megido, wamnye;
22
ukumkani we‐Kedeshe, wamnye; ukumkani we‐Yokename, e‐Karamele, wamnye;
23
ukumkani we‐Dore ezindulini zase‐Dore, wamnye; ukumkani wezizwe e‐Gilegale, wamnye;
24
ukumkani we‐Tiretsa, wamnye: bonke okumkani bebengamashumi matatu anamnye.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24