bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 23
Joshua 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
1
KWAYE kute, kwakuba ntsuku ninzi emva kwokuba uyehova ebebapumzile o‐Sirayeli kuzo zonke intshaba zabo ezingqongayo, nxa u‐Yoshuwa wabemdala, ekolisile ukuba nemihla;
2
wandula u‐Yoshuwa wabiza bonke o‐Sirayeli, abadala babo, nentloko zabo, nabagwebi babo, namagosa abo, wati kubo: Mna, sendimdala, ndikolisile ukuba nemihla;
3
nani, nikubonile konke akwenzileyo uyehova, utixo wenu, kuzo zonke ezintlanga ngenxa yenu: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye onilweleyo.
4
Kangelani, sendinabele ngeqashiso ezintlanga eziseleyo, zibe lilifa ezizweni zenu, kutabata e‐Yoredane, nazo zonke intlanga endizinqamlileyo, kude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga.
5
Noyehova, utixo wenu, yena uya kuzisantsulisa ebusweni benu, azigqogqe kwa pambi kwenu; naniya kufuya ilizwe lazo, njengokuba etshilo uyehova, utixo wenu, kuni.
6
Ize nomelele kakulu, ukuba nikugcine nikwenze konke okuba̔liweyo encwadini yomteto ka‐Mosesi, ukuze ningapambuki kuyo nangasekunene nangasekohlo;
7
ukuze ningangeni kwezintlanga, ezi ziseleyo nani: kanjako igama lotixo bazo ningalikankanyi, ningafungisi ngabo, ningabakonzi, ningatobi nokutoba pambi kwabo;
8
kodwa namatelani kuyehova, utixo wenu, njengokuba nenzile kwada kwanamhla nje.
9
Ngokuba uyehova egqogqile pambi kwenu intlanga ezinkulu nezinamandla; kodwa nina, akemanga namnye umntu ebusweni benu kwada kwanamhla nje.
10
Indoda ibe nye kuni iya kusukela iwaka: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye onilwelayo, njengokuba etshilo kuni.
11
Zilumkeleni kunene ngoko, ukuba nimtande uyehova, utixo wenu.
12
Ngokuba nxa nika nibuye, nize ninamatele kwisisalela sezintlanga, ezi ziseleyo nani, nitshatiselane nazo, ningene kuzo, nazo zingene kuni;
13
qinisani ukwazi ukuba uyehova, utixo wenu, akasayi kupinda ukuzigqogqa ezintlanga pambi kwenu; kodwa ziya kuba zizisinga nemigibe kuni, nentswazi emacaleni enu, nezihlaba emehlweni enu, nide nibube kwelilizwe lilungileyo, enilipiweyo nguyehova, utixo wenu.
14
Kanjalo bona ke, ndihamba namhla ngendlela yomhlaba wonke; naniya kwazi ngayo yonke intliziyo yenu, nangawo wonke umpefumlo wenu, ukuba akutshitshanga nanye into kuzo zonke izinto ezilungileyo, azitetileyo uyehova, utixo wenu, ngani; zonke zize kubako kuni, akutshitshanga nto kuzo noko inye.
15
Ngako kuya kuti, njengokuba kuze pezu kwenu zonke izinto ezilungileyo, abeziteta uyehova, utixo wenu, kuni; kwa njalo uyehova uya kuzisa pezu kwenu zonke izinto ezimbi, ade anitshabalalise kwelilizwe lilungileyo, enilipiweyo nguyehova, utixo wenu,
16
nxa nigqitayo ucebano lukayehova, utixo wenu, aniyaleleyo ngalo, niye nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo; kanjako yovuta ngakuni ingqumbo kayehova, naniya kububa kamsinyane kwelolizwe lilungileyo enilipiweyo nguye.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24