bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 7
Joshua 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
1
KODWA usapo luka‐Sirayeli lwenza isigqito ngento elahlelweyo ekutshatyalalisweni: ngokuba u‐Hakane, unyana ka‐Kami, unyana ka‐Zabedi, unyana ka‐Zera, owesizwe sika‐Juda, watabata kulonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni. Ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
2
Waza u‐Yoshuwa wasusa amadoda e‐Jeriko aye e‐Hahai, ekufupi ne‐Betavene, ngecala lasempumalanga le‐Betele, watsho kuwo ukuti: Nyukani niye kuhlola ilizwe. Anyuka ke amadoda lawo ayihlola i‐Hahai.
3
Andula abuyela ku‐Yoshuwa, ati kuye: Mabangenyuki bonke abantu; makenyuke amadoda angati angamawaka mabini, umhlaumbi amadoda angati angamawaka matatu, aye abete i‐Hahai; ungadinisi apo bonke abantu, ngokuba bebancinane abo bakona.
4
Kwa njalo kwenyuka ebantwini ukuya kona, amadoda angati angamawaka matatu; asuka abaleka pambi kwamadoda ase‐Hahai.
5
Aza amadoda ase‐Hahai abulala kuwo, ngati ngamadoda angamashumi matatu anamatandatu; ngokuba ebewasukela pambi kwesango kwada kwase‐Shebarime, awabulala etambekeni: zandula ukunyibilika intliziyo zabantu, zaba njengamanzi.
6
Waza u‐Yoshuwa waṙazula izivato zake, wawa ngobuso ngasemhlabeni, pambi kwetyeya kayehova, kwada kwahlwa, yena nabadala bo‐Sirayeli; baposa utuli pezu kwentloko zabo kanjalo.
7
Wayesiti u‐Yoshuwa: Au, Nkosi, Yehova! kunganina ukuba ubuka waweza ababantu i‐Yoredane, ukusinikela esandleni saba‐Amori, ukusibubisa? Akwaba sabesikoliwe, sahlala pesheya kwe‐Yoredane!
8
Ke, Nkosi! sendiya kuti nina, emva kwokuba o‐Sirayeli bajikele intshaba zabo umhlana?
9
Boti bakuva aba‐Kanane nabo bonke abemi belizwe basiṙaule, negama letu baliti nqam emhlabeni: uze wenze nto nina ke ngegama lako elikulu?
10
Waza wati uyehova ku‐Yoshuwa: Suka ume; yinina lento uleleyo ngobuso bako?
11
O‐Sirayeli bonile; kanjako balugqitile ucebano lwam, endabayalela ngalo: kanjako batabatile kulonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni, ewe bebi̔le, bahanahanisile kanjalo, ewe bayibekile pakati kweyabo impahla.
12
Kukona usapo Iuka‐Sirayeli lwalukohlwa kukuma ebusweni bentshaba zalo, lwanikela intshaba zalo umhlana, ngokuba lwaba yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni: andisayi kubuya ndibe nani, ukuba anitshabalalisi lonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni kwa pakati kwenu.
13
Suka, ungcwalise abantu, uti: Zingcwaliseleni imini yangomso; ngokuba esitsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kuko into elahlelwe ekutshatyalalisweni pakati kwako, Sirayeli! akungebe nako ukuma pambi kwentshaba zako, ningekakwelelisi lonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni kwa pakati kwenu.
14
Niya kusondezwa ngoko ngomso ngezizwe zenu: kwakuya kuti, isizwe esiqashwa nguyehova siya kusondela ngezizalwane; nesizalwane esiqashwa nguyehova siya kusondela ngezindlu; nendlu eqashwa nguyehova iya kusondela ngendoda ngendoda.
15
Kwoti ke, lowo oqashwayo enalonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni uya kutshiswa ngomlilo, yena nako konke anako; ngokuba egqitile ucebano lukayehova, nangokuba enzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli.
16
Waza wavuka kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla, wasondeza o‐Sirayeli ngezizwe zabo; kwaye kuqashwa isizwe sika‐Juda:
17
waza wasondeza isizalwane sika‐Juda; waqasha isizalwane sama‐Zera: waza wasondeza isizalwane sama‐Zera, ngendoda ngendoda; kwaye kuqashwa u‐Zabedi:
18
waza wasondeza indlu yake, ngendoda ngendoda; kwaye kuqashwa u‐Hakane, unyana ka‐Kami, unyana ka‐Zabedi, unyana ka‐Zera, owesizwe sika‐Juda.
19
Wandula wati u‐Yoshuwa ku‐Hakane: Nyana wam! zunike ubungcwalisa kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, wenze kuye imvume; uze undixelele ke into uyenzileyo, ungandifihleli.
20
Waza u‐Hakane wampendula u‐Yoshuwa, wati: Okunene ndonile ngakuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli; kungokunje nangokunje endenzileyo.
21
Ndati ndakubona pakati kwamaxoba ingubo entle yase‐Babilone, namakulu mabini eshekele zesilivere, nesiqendu segolide esizishekele ezingamashumi mahlanu ukuba nzima kwaso, ndazinqwenela, ndazitabata; kekaloku nanziya ziselelwe emhlabeni pakati kwentente yam, nesilivere ipantsi kwayo.
22
Wandula u‐Yoshuwa watuma izigidimi, ezagidimela ententeni; kekaloku nantsi iselelwe ententeni, nesilivere ipantsi kwayo.
23
Zaza zazisusa pakati kwentente, zazizisa ku‐Yoshuwa, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli, zazibeka pantsi pambi kwoyehova.
24
Wasuka u‐Yoshuwa, bonke o‐Sirayeli bekunye naye, watabata u‐Hakane unyana ka‐Zera, nesilivere, nalongubo, nesiqendu segolide, nonyana bake, nentombi zake, nenkomo zake, namaqwaṙashe ake, negusha zake, nentente yake, nako konke anako; baye bezinyusela emhlanjeni we‐Hakore.
25
Wayesiti u‐Yoshuwa: Yinina ukuba usikatazile? uyehova wokataza wena namhla nje! Baza o‐Sirayeli bonke bamgibisela ngamatye, bazitshisa ngomlilo, bakuba beziposele ngamatye.
26
Bandula baqokelela pezu kwake imfumba enkulu yamatye, ekoyo kwa namhla. Waza uyehova waguquka ebushushwini bengqumbo yake. Ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti: Ngumhlambo we‐Hakore, kwada kwanamhla nje.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24