bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 9
Joshua 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
1
KWAYE kute, bakuva oku bonke okumkani abanganeno kwe‐Yoredane, ezintabeni, nasezihlanjeni, nakulo lwonke unxweme lwolwandle olukulu malungana ne‐Lebanone, ama‐Hete, naba‐Amori, n aba‐Kanane, n ama‐Perizi, n ama‐Hivi, nama‐Yebusi,
2
bandula bahlanganisana ndawonye, ukuze kuliwe no‐Yoshuwa no‐Sirayeli, ngentliziyo nye.
3
Kodwa abemi base‐Gibeyone, bakuva oko okwenziweyo ngu‐Yoshuwa e‐Jeriko nase‐Hahai,
4
bati ke bona benza ngobuqokolo, baya bahamba njengabatunywa, batabata inxowa ezindala emaqwaṙasheni abo, nentsuba zeveyine, ezindala, eziṙazukileyo, ezibotshiweyo;
5
nezihlangu ezidala, ezineziziba, ezinyaweni zabo, nezivato ezidala pezu kwabo; kanjalo sonke isonka sompako wabo sasomile, sasingundile.
6
Bahamba baya ku‐Yoshuwa emnqubeni e‐Gilegale, bati kuye nakumadoda akwa‐Sirayeli: Sivela elizweni elikude; keniti kaloku nenze ucebano nati.
7
Aza amadoda akwa‐Sirayeli ati kuma‐Hivi lawo: Ngati umhlaumbi nihleli pakati kwetu; sesiya kuti nina ke ukwenza ucebano nani?
8
Aye esiti ku‐Yoshuwa: Sizizicaka zako. Wati u‐Yoshuwa kuwo: Ningobanina? nivela pina?
9
Aza ati kuye: Kusezweni elikude kakulu izicaka zako zivelayo, ngenxa yegama likayehova, utixo wako: ngokuba udumo lwake siluvile, nako konke abekwenza e‐Jipete,
10
nako konke akwenzileyo kokumkani bobabini baba‐Amori, abebepesheya kwe‐Yoredane, ku‐Sihone ukumkani we‐Heshebone, naku‐Hogi ukumkani we‐Bashane, obe hleli e‐Hashetarote.
11
Ngako babesitsho kuti abadala betu, nabo bonke abemi belizwe letu, ukuti: Tabatani ezandleni zenu umpako wendlela, nihambe niye kubakaulela, niti kubo: Sizizicaka zenu; keniti kaloku nenze ucebano nati.
12
Esi isonka setu sasitabatela umpako wetu sishushu ezindlwini zetu, ngemini sapumayo ukuya kuni; kanti kaloku, nasi sesomile, sasingundile kanjako:
13
nentsuba ezi zeveyine, esazizalisayo, zazintsha; kanti ke, nanzi seziṙazukile; nezi izivato zetu nezihlangu zetu sezidala ngenxa yokuba kude kakulu kwendlela.
14
Aza amadoda atabata kumpako wawo, engabuzanga emlonyeni kayehova.
15
Wandula u‐Yoshuwa wenza nawo uxolo, wati kanjalo wenza nawo ucebano lwokuba awalondoloze ebomini: zaye ziwafungela nenkosi zentlanganiso.
16
Kwabekute ekupeleni kwemihla mitatu emveni kwokuba babelwenzile ucebano nawo, kwavakala kubo ukuba angabamelwane babo, nokuba ahlala pakati kwabo.
17
Lwaza lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, lwafika ezixekweni zawo ngomhla wesitatu. Kekaloku izixeko zawo zaziyi‐Gibeyone, ne‐Kefira, ne‐Berote, ne‐Kiriyate‐yarime.
18
Kodwa usapo luka‐Sirayeli alwawabeta, ngokuba inkosi zentlanganiso ziwafungele uyehova, utixo wo‐Sirayeli: ngako yaṙoṙa yonke intlanganiso ngakuzo inkosi ezo.
19
Zandula zati zonke inkosi kuyo yonke intlanganiso: Sesiwafungele uyehova, utixo wo‐Sirayeli; kukona sikohlwayo ukuwacukumisa.
20
Oku siya kukwenza kuwo, siwalondoloze kwa sebomini, ukuba kungabiko umsindo pezu kwetu, ngenxa yesifungo esasiwafungela ngaso.
21
Zaye zisiti kubo inkosi: Makahlale ekudliweni kwobomi; — aza aba ngabagauli benkuni nabakeleli bamanzi kuyo yonke intlanganiso, njengokuba inkosi zibe zitshilo kuwo.
22
Waza u‐Yoshuwa wawabiza, wateta kuwo, esiti: Yinina ukuba nisibukuqile ngokuti: Sikude kakulu kuni, nxa nihleliyo pakati kwetu?
23
Ngako kaloku niqalekisiwe; ngokuba kungayi kunqamka kuni izicaka, nabagauli benkuni, nabakeleli bamanzi, ngenxa yayo indlu katixo wam.
24
Ampendula u‐Yoshuwa ati: Ngokuba bekuqiniswa ukuxelwa ezicakeni zako, okokuba uyehova, utixo wako, umyalele u‐Mosesi, isicaka sake, ukuba aninike lonke elilizwe, nokuba abatshabalalise bonke abemi belizwe kwa pambi kwenu, kukona sabesiboyikela ubomi betu kakulu, sada sayenza lento.
25
Kodwa kaloku, nanku sisesandleni sako; yenza ke, njengokulungileyo nanjengokufaneleyo emehlweni ako ukwenza kuti.
26
Wenje njalo ke kuwo, wawasindisa esandleni sosapo luka‐Sirayeli, ukuba alwawabulala.
27
Waza u‐Yoshuwa kwa ngalomini wawenza abagauli benkuni nabakeleli bamanzi entlanganisweni, nasesibingelweni sikayehova, kwada kwanamhla nje, kulondawo eya kunyulwa nguye.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24