bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 17
Joshua 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 18 →
1
Kwaye kuko iqashiswa nakwisizwe sika‐Manase; ngokuba yena ebengowamazibulo ka‐Josefe: ku‐Makire, owamazibulo ka‐Manase, uyise ka‐Gileyadi, ngokuba ebeyindoda yokulwa, kukona kwanikwa kuye i‐Gileyadi ne‐Bashane.
2
Kwaye kuko nakubantwana baka‐Manase abaseleyo iqashiswa, ngezizalwane zabo: kulo usapo luka‐Abihezere, nakulo usapo luka‐Heleki, nakulo usapo luka‐Asiriyeli, nakulo usapo luka‐Shekeme, nakulo usapo luka‐Hefere, nakulo usapo luka‐Shemida: aba ngabantwana baka‐Manase unyana ka‐Josefe ababudoda, ngezizalwane zabo.
3
Kodwa u‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, ebengenabo onyana, wanentombi kupela: ngawo la amagama entombi zake: ngu‐Mahala, no‐Noha, n o‐Hogela, n o‐Mileka, no‐Tiretsa.
4
Baye bona besondela ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni buka‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nasebusweni benkosi, besiti: Uyehova wamyalela u‐Mosesi ukuba sinikwe ilifa pakati kwabazalwana betu. Waza wabanika, ngelizwi likayehova, ilifa pakati kwabazalwana boyise.
5
Kwa njalo kwawa izahlulo ezilishumi ku‐Manase, ngapandle kwelizwe le‐Gileyadi ne‐Bashane, elipesheya kwe‐Yoredane;
6
ngokuba intombi zika‐Manase zamkela ilifa pakati kwonyana bake: nelizwe le‐Gileyadi lona onyana baka‐Manase abaseleyo bebenalo.
7
Kekaloku umda ka‐Manase wavela e‐Ashere waya e‐Mikemetate, engapambi kwe‐Shekeme; wasuka umda lowo waya ngasekunene, kubo abemi base‐Hene‐tapuwa.
8
U‐Manase ebenalo ilizwe lase‐Tapuwa, kodwa i‐Tapuwa, esemdeni ka‐Manase, yona usapo luka‐Frayime belunayo.
9
Waza umda lowo wehlela emlanjeni we‐Kana, ngasecaleni lasesuyide lomlambo: ezizixeko zibe zizezika‐Frayime, pakati kwezixeko zika‐Manase. Kanjalo umda ka‐Manase ubusecaleni lasenode lomlambo, nokupela kwawo kwakuselwandle:
10
ngasesuyide libe lilelika‐Frayime, nangasenode libe lilelika‐Manase, nolwandle lwalungumda wake; baye befikela kwa‐Ashere ngasenode, nakwa‐Yisakare ngasempumalanga.
11
Ngokuba kwa‐Yisakare nakwa‐Ashere u‐Manase ebene‐Bete‐shane namagxamesi ayo, ne‐Yibelame namagxamesi ayo, nabemi base‐Dore namagxamesi ayo, nabemi base‐Hene‐dore namagxamesi ayo, nabemi base‐Tahanaki namagxamesi ayo, nabemi base‐Megido namagxamesi ayo, amazwe amatatu.
12
Kodwa usapo luka Manase belukohlwa kukubagqogqa abemi bezozixeko; koko aba‐Kanane bebetanda ukuhlala kwelozwe.
13
Kwaza kwati, xeshekweni luse lwomelele usapo luka‐Sirayeli, lwabenza aba‐Kanane babe ngabanikeli; kodwa alwabagqogqa ngokugqibela.
14
Lwandula lwateta usapo luka‐Josefe ku‐Yoshuwa, lusiti: Yinina ukuba undinikile libe lilifa iqashiswa linye nesahlulo sinye kupela, ndingabantu abaninzi nje, njengokuba uyehova enditamsanqele kwada kwakaloku?
15
Waza wati kulo u‐Yoshuwa: Ungabantu abaninzi nje, nyuka uye ehlatini, uzihlahlele kwa lapo elizweni lama‐Perizi nelama‐Rafa, ukuba ixinene kuwe intaba yakwa‐Frayime.
16
Lwabuya usapo luka‐Josefe lwati: Intaba leyo ayisanele; kanjalo kuko inqwelo zesincete pakati kwabo bonke aba‐Kanane abemiyo elizweni lasemhlanjeni, kwabase‐Bete‐shane namagxamesi ayo, nakwabasemhlanjeni wase‐Yezerele.
17
Waza watsho u‐Yoshuwa kwindlu ka‐Josefe, ko‐Frayime nako‐Manase, ukuti: Ungabantu abaninzi, unamandla amakulu; akuyi kuba nalo iqashiswa linye kupela:
18
koko intaba iya kuba yeyako: ngokuba ilihlati, wauya kulihlahla, ziti izipumo zalo zibe zezako: ngokuba uya kubagqogqa aba‐Kanane, nakuba banenqwelo zesincete, nakuba bomelele kanjako.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24