bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 24
Joshua 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
1
WANDULA wahlanganisa u‐Yoshuwa zonke izizwe zo‐Sirayeli, e‐Shekeme, wabiza abadala bo‐Sirayeli, nentloko zabo, nabagwebi babo, namagosa abo; baye bezimisa ebusweni bukatixo.
2
Waza u‐Yoshuwa wati kubo bonke abantu: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Oyihlo benu babehleli pesheya kwomlambo kudala, u‐Tera, uyise ka‐Abrahame, noyise ka‐Nahore; baye bekonza otixo bambi.
3
Ndaza ndamtabata uyihlo wenu u‐Abrahame pesheya kwomlambo, ndamhambisa kulo lonke ilizwe le‐Kanane, ndayandisa inzalo yake, ndamnika u‐Yisake.
4
No‐Yisake ndamnika u‐Yakobi no‐Esau: ndaza ndamnika u‐Esau intaba ye‐Sehire, ukuba ayifuye; kodwa u‐Yakobi nosapo lwake behla baya e‐Jipete.
5
Ndaza ndatuma u‐Mosesi no‐Arone, ndabeta ama‐Jipete, njengoko bendikwenza pakati kwawo: ndati kamva ndanipumisa kona.
6
Ndapumisa oyihlo benu e‐Jipete, naza nafika elwandle; ati ama‐Jipete aputuma oyihlo benu ngenqwelo nangabakweli bamahashe, kude kwaselwandle olubomvu.
7
Bati bakukala kuyehova, wabeka ubumnyama pakati kwenu nama‐Jipete, wazisa ulwandle pezu kwawo, wawaselela; kanjalo amehlo enu abonile oko bendikwenza e‐Jipete: nandula nahlala entlango imihla yamininzi.
8
Ndaza ndanizisa elizweni laba‐Amori, abebehleli pesheya kwe‐Yoredane; basuka balwa nani; kanti ndabanikela esandleni senu, ukuze nilifuye ilizwe labo; ndada ndabatshabalalisa pambi kwenu.
9
Wandula wesuka u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, ukumkani wama‐Mowabi, walwa no‐Sirayeli, watuma wabiza u‐Bilame, unyana ka‐Behori, aze aniqalekise.
10
Kodwa bendingavumi ukupulapula ku‐Bilame; ngako wazingisa ukunitamsanqelisa, ndada ndanihlangula esandleni sake.
11
Nandula nawela i‐Yoredane, neza kufika e‐Jeriko; basuka abemi base‐Jeriko balwa nani, n aba‐Amori, nama‐Perizi, naba‐Kanane, nama‐Hete, nama‐Giregashe, nama‐Hivi, nama‐Yebusi; kanti ndabanikela esandleni senu.
12
Ndaza ndatuma onomeva pambi kwenu, ababagxotayo ebusweni benu, n okumkani bobabini baba‐Amori; kwakungengesiṙele sako, kwakungengesipeta sako kanjako.
13
Kwa njalo ke ndinipile ilizwe eningazidiniselanga lona, nezixeko eningazakanga, enihleli kuzo: izitiya zemiti yeveyine nezeminquma eningazityalanga niyatya okwazo.
14
Ngako kaloku yoyikani uyehova, nimkonze yena ngolungelelano nangenyaniso: kanjalo kwelelisani otixo ababekonza bona oyihlo benu pesheya kwomlambo, nase‐Jipete; nize nimkonze uyehova.
15
Kodwa ukuba kubi emehlweni enu ukumkonza uyehova, ziqasheleni namhla oyena niya kumkonza; nokuba ngotixo ababekonza bona oyihlo benu, ababepesheya kwomlambo, nokuba ngotixo baba‐Amori, enimiyo elizweni labo: mna kodwa, nendlu yam, siya kumkonza uyehova.
16
Baza bapendula abantu, bati: Makube lé kuti okokuba simshiye uyehova, ukuya kukonza otixo bambi:
17
ngokuba uyehova ngutixo wetu; nguye obesinyusa tina nobawo betu elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka, nowenzayo emehlweni etu leyo imiqondiso mikulu, wasilondoloza kuyo yonke indlela sibe sihamba ngayo, napakati kwabo bonke abantu sacanda kubo:
18
waye uyehova kanjalo wabagxota bonke abantu abo, kwa aba‐Amori, abemi belozwe, pambi kwetu: tina nati siya kumkonza uyehova; ngokuba nguye o ngutixo wetu.
19
Waza u‐Yoshuwa wati ebantwini: Aningemkonze uyehova; ngokuba e ngutixo oyingcwele yena; u ngutixo onobukwele; akayi kuxolela ukugqita kwenu nezono zenu.
20
Nxa nimshiya uyehova, niye nibakonze otixo basemzini, uya kwandula aguquke, anenzele okubi, anigqibele, emveni kwokuba unenzele okulungileyo.
21
Baza abantu bati ku‐Yoshuwa: Hai; sesiya kumkonza uyehova.
22
Wandula ukuti u‐Yoshuwa ebantwini: Nina ningamanqi̔na ngakuni okuba niziqashele uyehova, ukuze nimkonze. Bati ke: Singamanqi̔na.
23
Ngako kaloku kwelelisani otixo basemzini abapakati kwenu, nitobele intliziyo yenu ngakuyehova, utixo wo‐Sirayeli.
24
Baye abantu besiti ku‐Yoshuwa: Uyehova, utixo wetu, siya kumkonza, nelizwi lake siya kuliva.
25
Wandula u‐Yoshuwa wenza ucebano nabantu kwa ngalomini, wabamisela ummiso nesiko e‐Shekeme.
26
Waza u‐Yoshuwa wawaba̔la lamazwi encwadini yomteto katixo, watabata ilitye elikulu, walipakamisela kona ngapantsi kweyeke, esendaweni engcwele kayehova.
27
Wabuya wati u‐Yoshuwa kubo bonke abantu: Bona ke, ilitye eli loba linqi̔na ngakuti; ngokuba livile onke amazwi kayehova abewateta kuti: loba linqi̔na ngakuni ngoko, hleze nimkanyele utixo wenu.
28
Wada u‐Yoshuwa wabandulula abantu, baye abanye ngabanye emafeni abo.
29
KWAYE kute emveni kwezizinto, wafa u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, isicaka sikayehova, eyiminyaka elikulu lineshumi ubudala bake.
30
Baza bamncw̔abela emdeni welifa lake e‐Timnate‐sera, esentabeni yakwa‐Frayime, ngecala lasenode lentaba ye‐Gahashe.
31
Kekaloku o‐Sirayeli babekonza uyehova yonke imihla ka‐Yoshuwa, nayo yonke imihla yabadala ababesidla ubomi kade emva kwo‐Yoshuwa, nababesazi wonke umsebenzi kayehova, abewenzele o‐Sirayeli.
32
Kanjalo amatambo ka‐Josefe, olwalute usapo luka‐Sirayeli lwenyuka nawo e‐Jipete, bawancw̔abela e‐Shekeme, esiqendwini sentsimi, owabesitengile u‐Yakobi elusatsheni luka‐Hamore, uyise ka‐Shekeme, ngekulu lamaqosha emali: zandula ezondawo zaba lilifa losapo luka‐Josefe.
33
Wafa no‐Elezari, unyana ka‐Arone; baza bamncw̔aba pezu kwenduli ka‐Finehasi, unyana wake, ebinikiwe kuye entabeni yakwa‐Frayime.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24