bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 8
Joshua 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 9 →
1
WAZA wati uyehova ku‐Yoshuwa: Ungoyiki, ungatuswa nokutuswa; tabata nawe bonke abantu bokulwa, usuke, uye e‐Hahai; bona ke, ndinikile esandleni sako ukumkani we‐Hahai, nabantu bake, nesixeko sake, nelizwe lake:
2
wauya kwenzela i‐Hahai nokumkani wayo, njengokuba ubusenzela i‐Jeriko nokumkani wayo: kodwa amaxoba ayo, nenkomo zayo, niya kuzipangela zona: beka abalaleli ngakuso isixeko, ngasemva kwaso.
3
Wesuka u‐Yoshuwa, nabo bonke abantu bokulwa, ukuya kunyukela ngase‐Hahai. Waza u‐Yoshuwa wanyula amadoda amawaka angamashumi matatu, engamagoṙa abuṙoti, wawasusa inxenye ebusuku,
4
wawayalela ngokuti: Kangelani, nina nolalela ngakuso isixeko, ngasemva kwesixeko; ningabi kude kakulu esixekweni, kodwa nibe nonke senilungile.
5
Mna ke, nabo bonke abantu abanam, siya kusondela ngasesixekweni: kwakuya kuti, nxa bapumelayo ngakuti, njengasekuqaleni, sesiya kubaleka pambi kwabo,
6
(ngokuba beya kupumela emva kwetu,) side sibar̔ole esixekweni: ngokuba beya kuti: Bayabaleka pambi kwetu, njengasekuqaleni: ngako siya kubaleka pambi kwabo.
7
Niya kwandula nina ukusuka ekulaleleni, nisibambe isixeko: ngokuba uyehova, utixo wenu, eya kusinika esandleni senu.
8
Kwakuya kuti, nakuba nisibambile isixeko, niya kusitshisa ngomlilo; ngalo ilizwi likayehova niya kwenza. Kangelani, sendiniyalele.
9
Waza wawatuma u‐Yoshuwa; asuka aya endaweni yokulalela, ahlala pakati kwe‐Betele ne‐Hahai, ngecala lasentshonalanga le‐Hahai; kanti u‐Yoshuwa walalisa ngobobusuku pakati kwabantu.
10
Wavuka kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla, wabala abantu; wenyuka ke, yena nabadala bo‐Sirayeli, pambi kwabantu, ukuya e‐Hahai.
11
Baye benyuka bonke abantu bokulwa ababenaye, basondela, beza ngapambi kwesixeko, bati waca ngecala lasenode le‐Hahai; ekwaye kuko isihlambo pakati kwabo ne‐Hahai.
12
Kanjako watabata amadoda anga angamawaka mahlanu, wawabeka abe ngabalaleli pakati kwe‐Betele ne‐Hahai, ngecala lasentshonalanga lesixeko.
13
Kwati kwakumiswa abantu, umkosi wonke obungecala lasenode lesixeko, nabalaleli babo ngecala lasentshonalanga lesixeko, waya u‐Yoshuwa ngobobusuku pakati kwomhlambo.
14
Kwaza kwati, akubona ukumkani we‐Hahai, banxama ke bavuka kusasa, ati amadoda esixeko apumela ngako‐Sirayeli ukuba kuliwe, yena nabantu bake bonke, ngexesha elimisiweyo, pambi kwetafa: ngokuba ebengazi ukuba kuko abalaleli ngakuye, ngasemva kwesixeko.
15
Kwaye kusoyiseka u‐Yoshuwa no‐Sirayeli bonke pambi kwabo; bada babaleka ngendlela yasentlango.
16
Kwandula kwabizwa bonke abantu abasesixekweni ukuya kubasukela; kwa njalo bamsukela u‐Yoshuwa, bada bar̔olwa kuso isixeko.
17
Kwaza akwasala nanye indoda e‐Hahai nase‐Betele, engapumelanga o‐Sirayeli; basishiya isixeko sivulekile, babasukela o‐Sirayeli.
18
Wandul’ ukuti uyehova ku‐Yoshuwa: Yolula umkonto osesandleni sako ngase‐Hahai; ngokuba ndiya kuyinikela esandleni sako. Wawolula ke u‐Yoshuwa umkonto obusesandleni sake ngasesixekweni.
19
Baza besuka abalaleli ngokunxama endaweni yabo, bagidima, akuba esolule isandla sake, bangena esixekweni, basitimba, banxama ke, basitshisa isixeko ngomlilo.
20
Ati amadoda ase‐Hahai akubeka ngasemva kwawo, abona ukuba nanguya umsi wesixeko unyukela ezulwini; kwaza akwabiko ndawo kuwo yokuba abaleke nalapa napaya: ngokuba abantu, abebebalekela entlango, bajikela pezu kwabasukelayo.
21
Kanjalo u‐Yoshuwa no‐Sirayeli bonke, bakubona ukuba abalaleli sebetimbile isixeko, nokuba umsi wesixeko uyanyuka, babuya ke, babulala amadoda ase‐Hahai.
22
Baye nabaya bepuma esixekweni ukuza ngakuwo, ada aba pakati kwo‐Sirayeli, inxenye ngelinye icala, nenxenye ngelinye; baza bawabulala, bengashiyanga nanye kuwo eseleyo nesindileyo.
23
Kodwa ukumkani we‐Hahai bambamba ehleli, bamzisa ku‐Yoshuwa.
24
Kwaza kwati, xeshekweni o‐Sirayeli sebegqibile ukubulala bonke abemi base‐Hahai ababesendle, entlango abebebagxotele kuyo, na xeshekweni babewile bonke ngohlangoti lwesiṙele, bada bagqityelwa, bandula bonke o‐Sirayeli babuyela e‐Hahai, bayibeta ngohlangoti lwesiṙele.
25
Kwaye kute, bonke ababewile ngaleyomini, kwa namadoda nabafazi, bebengamawaka alishumi linamabini, bonke abantu base‐Hahai.
26
Ngokuba u‐Yoshuwa ebengabuyisi isandla sake, abewolule umkonto ngaso, engekalahlelanga ekutshatyalalisweni bonke abemi base‐Hahai.
27
Kodwa inkomo namaxoba esixeko eso o‐Sirayeli bazipangela zona, njengelizwi likayehova owabemyalele u‐Yoshuwa ngalo.
28
Waza u‐Yoshuwa wayitshisa i‐Hahai, wayenza imfumba engunapakade, e yingcitakalo kwada kwanamhla nje.
29
Nokumkani we‐Hahai wamxo̔ma pezu kwomti kwada kwalixesha lokuhlwa: naxeshekweni sekutshonile ilanga, waxela u‐Yoshuwa ukuba mabatule isidumbu sake emtini, basipose ngasemnyango wesango lesixeko, baqokelele imfumba enkulu yamatye pezu kwaso, ekoyo kwa namhla.
30
OKO u‐Yoshuwa wakela uyehova, utixo wo‐Sirayeli, isibingelo, entabeni ye‐Hebali,
31
njengokuba u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ebeyalele usapo luka‐Sirayeli, njengokuba̔liweyo encwadini yomteto ka‐Mosesi, isibingelo samatye epela, ekungafunqulwanga pezu kwawo intsimbi: baza banikela pezu kwaso amadini okutshiswa kuyehova, babingelela iminikelo yoxolo.
32
Waba̔la nakona pezu kwamatye isipindwa somteto ka‐Mosesi, owasiba̔layo ebusweni bosapo luka‐Sirayeli.
33
Baye bonke o‐Sirayeli, nabadala babo, namagosa, nabagwebi babo, bebemi ngelinye icala letyeya nangelinye pambi kwabaperisite abangaba‐Levi, abo bayitwalayo ityeya yocebano lukayehova, kwa nowasemzini nozelweyo elizweni, esinye isiqingata sabo simalungana nentaba ye‐Gerizime, nesinye isiqingata sabo simalungana nentaba ye‐Hebali; njengokuba ebeyalele u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ngapambili, ukuba batamsanqelise abantu bakwa‐Sirayeli.
34
Nasemva kwoko walesesha onke amazwi omteto, amatamsanqeliso neziqalekiso, njengako konke okuba̔liweyo encwadini yomteto.
35
Bekungeko nalinye ilizwi kuko konke abeyalele kona u‐Mosesi, owaengalileseshanga u‐Yoshuwa pambi kwawo wonke umhlambi wo‐Sirayeli, nabafazi, nentsapo, nabasemzini ababehamba pakati kwabo.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24