bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joshua 4
Joshua 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 5 →
1
Kwaye kute, xeshekweni bebegqibile bonke abantu ukuwela i‐Yoredane, wandula wateta uyehova ku‐Yoshuwa, esiti:
2
Zicapuleleni amadoda abe lishumi linamabini ebantwini, ibe yindoda inye ngesizwe ngesizwe,
3
niwayalele ngokuti: Colani apa pakati kwe‐Yoredane, kulondawo inyawo zabaperisite zema ngokuqinileyo, amatye abe lishumi linamabini, niwaweze nani, niwabeke pantsi endaweni yokulalisa, apo niya kulalisa kona obubusuku.
4
Waza u‐Yoshuwa wabiza lawomadoda alishumi linamabini, abewamisile ecatshulwe elusatsheni luka‐Sirayeli, indoda inye kwisizwe ngesizwe.
5
Wayesiti kuwo u‐Yoshuwa: Welani pambi kwayo ityeya kayehova, utixo wenu, niye pakati kwe‐Yoredane, nizifunqulele nonke ngabanye ilitye libe linye pezu kwamagxalaba enu, ngenani lezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli;
6
ukuze kube ngumqondiso oku pakati kwenu: xeshekweni abantwana benu baya kubuza ngexesha elizayo, besiti: Amatye la ayinto nina kuni?
7
niya kwandula ukuti kubo: Ngawokuti amanzi ase‐Yoredane ebenqanyulwa pambi kwayo ityeya yocebano lukayehova; yakuwela i‐Yoredane, amanzi ase‐Yoredane ebenqanyulwa: kwa njalo lamatye oba yinkumbuzo elusatsheni luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade.
8
Lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, njengokuyalela kuka‐Yoshuwa; lwaya lwacola amatye alishumi elinamabini pakati kwe‐Yoredane, njengokuba ebetshilo uyehova ku‐Yoshuwa, ngenani lezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli; lwawaweza nalo ukuya endaweni yokulalisa, lwawabeka pantsi kona.
9
Kanjako amatye alishumi elinamabini wawamisa u‐Yoshuwa pakati kwe‐Yoredane, kulondawo apo zemayo inyawo zabaperisite abebetwala ityeya yocebano: ako kona kwada kwanamhla nje.
10
Kekaloku abaperisite, abebetwala ityeya, bema pakati kwe‐Yoredane, kwada kwafezwa zonke izinto, abete uyehova wamyalela u‐Yoshuwa ukuba azitete ebantwini, njengako konke u‐Mosesi abemyalele u‐Yoshuwa ngako: baza bakauleza abantu, bawela ke.
11
Kwaza kwati, bakuba begqibile ukuwela abantu, yandula yawela ityeya kayehova, nabaperisite, ebusweni babantu.
12
Kanjalo usapo luka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, lwawela luxo̔bile ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, njengokuba ebetetile kulo u‐Mosesi.
13
Anga angamawaka angamashumi mane amadoda esel’ exo̔bele ukulwa, awawelayo pambi kwoyehova ukuya emfazweni, ematafeni ase‐Jeriko.
14
Ngalomhla uyehova wamenza mkulu u‐Yoshuwa emehlweni o‐Sirayeli bonke: baza bamoyika yena, njengokuba bebemoyikile u‐Mosesi, yonke imihla yokudla kwake ubomi.
15
Waza watsho uyehova ku‐Yoshuwa, esiti:
16
Yalela abaperisite, abatweleyo ityeya yesinqi̔no, ukuba benyuke e‐Yoredane.
17
Ngako u‐Yoshuwa wabayalela abaperisite, ngokuti: Nyukani e‐Yoredane.
18
Kwaye kute, xeshekweni abaperisite, abebetwala ityeya yocebano lukayehova, bebenyukile pakati kwe‐Yoredane, naxeshekweni imizantsi yenyawo zabaperisite ibinyotukele kowomileyo umhlaba, andula amanzi ase‐Yoredane abuyela endaweni yawo, agqitela zonke indonga zayo, njengexesha lapambili.
19
Kekaloku abantu benyuka e‐Yoredane ngoweshumi umhla wenyanga yokuqala, bati waca e‐Gilegale, ngecala lasempumalanga le‐Jeriko.
20
Nalawomatye alishumi linamabini, ababewatabatile e‐Yoredane, wawamisa u‐Yoshuwa e‐Gilegale.
21
Waza wateta elusatsheni luka‐Sirayeli, esiti: Okuya abantwana benu baya kubuza oyise babo ngexesha elizayo, besiti: Amatye la ayinto nina?
22
niya kwandula nibazise abantwana benu, nisiti: Pezu kwowomileyo umhlaba o‐Sirayeli bawela i‐Yoredane le.
23
Ngokuba uyehova, utixo wenu, ebewatshisa amanzi ase‐Yoredane pambi kwenu, nada nawela; njengokuba uyehova, utixo wenu, ebesenzela ulwandle olubomvu, owabelutshisa pambi kwetu, sada sawela;
24
ukuze basazi bonke abantu bomhlaba isandla sikayehova, ukuba sinamandla sona; ukuze nimoyike uyehova, utixo wenu, imihla yonke.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24