bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 1
Genesis 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 2 →
1
Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba.
2
Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
3
Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
4
Wakholwa ke uThixo koko kukhanya, waza wakwahlula ukukhanya nobumnyama.
5
Wathi ukukhanya yimini; wathi ubumnyama bona bubusuku. Kwahlwa, kwasa; yangumhla wokuqala ke lowo.
6
Wabuya uThixo wathi makubekho amajukujuku, awahlule kubini amanzi.
7
Abakho ke amajukujuku. Wawenza ke uThixo amajukujuku, wawahlula amanzi angaphantsi kwawo kumanzi angaphezu kwawo.
8
Wathi uThixo amajukujuku lawo sisibhakabhaka. Kwahlwa, kwabuya kwasa; yaba ngumhla wesibini ke lowo.
9
Wandula uThixo ukuthi amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka makaqokeleleke ndawonye, kuze kuvele indawo engenamanzi. Kwaba njalo ke.
10
Wathi uThixo loo ndawo ingenamanzi ngumhlaba, waza wathi loo manzi andawonye wona lulwandle. Wakholwa ke yiloo nto uThixo.
11
Ubuye wathi umhlaba mawuvelise zonke iintlobo zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezithwala iziqhamo, zonke ngokweendidi zazo. Kwaba njalo ke.
12
Umhlaba ke wavelisa zonke iindidi zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezo zithwala iziqhamo ngokweendidi zazo. UThixo ke wakholwa yiloo nto.
13
Kwahlwa ke, kwaza kwasa. Lowo ke yaba ngumhla wesithathu.
14
Kwakhona uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso esibhakabhakeni, zahlukanise imini nobusuku, zibe yimiqondiso yamathuba, imihla, neminyaka.”
15
Wathi: “Mazivele esibhakabhakeni, zikhanyise elizweni.” Kwaba njalo ke.
16
UThixo wênza izikhanyiso ezibini ezikhulu: esikhulu sibe sesasemini, esincinane sibe sesasebusuku. Wênza neenkwenkwezi.
17
UThixo wazibeka esibhakabhakeni ezo zikhanyiso, ukuze zikhanyise elizweni,
18
zongamele imini kunye nobusuku, nokuze zahlule ukukhanya nobumnyama. Wakholwa uThixo nazizo.
19
Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.
20
UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.”
21
Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo.
22
Wazithamsanqelisa zonke, wathi: “Mazande izilo zamanzi, zinyakazele elwandle. Neentaka nazo mazande emhlabeni.”
23
Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesihlanu lowo.
24
Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke.
25
Wazenza zonke ke uThixo izilo ngokweendidi zazo, noozinkomo ngokweendidi zazo, nezilwanyane ezirhubuluzayo nezinambuzane ngokweendidi zazo. Waza ke uThixo wakholwa zezo zinto.
26
Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”
27
Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.
28
Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.
29
Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.
30
Ke zona iintaka nezilo zonke ziya kutya uhlaza.” Kwaba njalo ke.
31
UThixo wakholwa kakhulu yiyo yonke indalo yakhe. Kwahlwa, kwasa; yaba ngumhla wesithandathu ke lowo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50